1. Le setyhula ithatha indawo yeSetyhula 0010/2000.
2. Bonke abafundi KUFUNEKA bafundiswe iilwimi ezimbini ezivunyiweyo, olunye ulwimi lube kwinqanaba loLwimi lweNkobe (First Language level) luze olunye lube kwinqanaba loLwimi lweNkobe okanye lweSibini (First or Second Language level).
3. Ukuya kutsho yaye kubandakanywa nabafundi beBakala 9, akulindelekanga ukuba abafundi bapase ulwimi lwabo lwesibini oluvunyiweyo ukulungiselela iinjongo zokudlulela kwibakala elilandelayo. Nakuba kunjalo, kulindeleke ukuba abafundi bapase iilwimi ezimbini ezivunyiweyo kunyaka ngamnye kwiSigaba esiPhakamileyo saseSekondari, o.k.t. iBakala 10 ukuya kwele-12.
4. Njengoko abantu abaninzi bebuyela eMzantsi Afrika emva kwethuba elide bengekho yaye kukwakho nokwanda kwenani labantu abafuna ubummi bethutyana okanye obusisigxina eMzantsi Afrika, kufuneka iinqununu ziqaphele umnyinyiva kwimiqathango yeelwimi (language concession) onikwa abo bayanelisayo imiqathango nenkqubo emayilandelwe xa kusenziwa isicelo sokuxolelwa ekufundeni ulwimi.
5. Asingabo bonke abafundi abasuka kumazwe angaphandle abawufaneleyo lo mnyinyiva (concession). Njengoko aba bafundi bedla ngokungasiwa so ngokumalunga nokufunda ulwimi lwesibini kwisigaba saseprayimari, baye bazifumane besengxakini xa befumana kwiimviwo zeBakala 9 - okanye maxa wambi emva koko - ukuba abafanelanga kuxolelwa ekufundeni ulwimi. Ngoko ke kunyanzelekile ukuba iinqununu zezikolo eziziprayimari nazo ziyiqaphele imiqathango emalunga nokuxolelwa ekufundeni ulwimi.
6. Iyafunwa kwakhona imvume yeSebe leMfundo yokuxolelwa ekufundeni ulwimi kubafundi abasuka kwamanye amazwe kuviwo lweBakala 9.

7. INKCAZO YOMNTU OSUKA KWELINYE ILIZWE (IMMIGRANT) UKULUNGISELELA IINJONGO ZESATIFIKETHI SEMATRIKI
A. Umntwana okanye umondliwa (dependant) wegosa elingunozakuzaku welinye ilizwe (diplomatic representative of a foreign government) elivunyiweyo eMzantsi Afrika, okanye
B. Nawuphi na umntu
  • owaqalisa kwinkqubo yemfundo yaseMzantsi Afrika kwinqanaba leBakala 7 okanye kwinqanaba lesigaba esingaphezu koku, okanye

  • owathi akuba eqale ukufunda kwinkqubo yemfundo yaseMzantsi Afrika, waya kufunda ngaphandle kwemida yoMzantsi Afrika iminyaka emibini okanye nangaphezu koko elandelelanayo emva kweBakala 6, okanye ibakala elilingana neli.

8. UMNYINYIVA WOKUXOLELWA EKUFUNDENI ULWIMI (LANGUAGE EXEMPTION) KWABAFUNDI ABASUKA KWAMANYE AMAZWE

Kwimeko apho kufuneka iilwimi ezimbini ukulungiselela injongo yokwenziwa kwezatifikethi, abafundi abasuka kwamanye amazwe njengoko kuchaziwe apha ngasentla kufuneka bafunde ulwimi lwaseburhulumenteni olunye kuphela, ngokuxhomekeka ekubeni indawo yolunye ulwimi olungafundwayo ithathwa sesinye isifundo ngokusebenzisa enye yezi ndlela zilandelayo:


8.1 Imvume yokufunda ulwimi olunye kunye nezinye izifundo ezihlanu

Abafundi abakhetha ukungafaki olunye ulwimi endaweni yolwimi lwesibini (lwaseburhulumenteni) oluvunyiweyo, bangasifumana iSatifikethi seMatriki abangenaku-dlulela kwimfundo ephakamileyo ngaso (without endorsement), kodwa bangafaneleka kwakhona ukuba baxolelwe phantsi kweemeko ezithile (conditional exemptions) okwenzelwa abemi abasuka kwamanye amazwe.

8.2 Ukuvunywa kokuxolelwa kumqathango wokupasa ulwimi lwesibini oluvunyiweyo
8.2.1 Abafundi abasuka kwamanye amazwe basengakhetha ukuxolelwa kumqathango ofuna bapase ulwimi lwesibini oluvunyiweyo, kodwa balufundiswe njengenxalenye yezifundo zabo.
8.2.2 Abafundi abakhetha oku (jonga ku-8.2.1) baze bapase ulwimi lwesibini oluvunyiweyo bangafaneleka ukuba bafumane isatifikethi sematriki sokudlulela kwimfundo ephakamileyo (with endorsement). Abafundi abangasiphumelelanga isifundo solwimi banokufumana iSatifikethi seMatriki abangenakudlulela kwimfundo ephakamileyo ngaso. Ukuba bafumana ubuncinane ama-20% kulwimi olo, bangafaneleka kwakhona ukuba baxolelwe phantsi kweemeko ezithile (conditional exemption) okwenzelwa abemi abasuka kwamanye amazwe.
8.2.3 Abafundi abaxolelweyo (exempted) ekupaseni ulwimi lwesibini oluvunyiweyo kufuneka nangona kunjalo bafunde ulwimi lwesibini oluvunyiweyo yaye kufuneka banelise imiqathango yovavanyo emiselweyo, kubandakanywa nokubhalwa kweemviwo zokuvavanya inkqubela-phambili yabo.
8.3 Imvume yokufaka olunye ulwimi endaweni yolwimi lwesibini oluvunyiweyo

Umfundi osuka kwelinye ilizwe okufaneleyo ukuxolelwa ekufundeni ulwimi angafaka endaweni yolwimi lwesibini oluvunyiweyo ulwimi lweQela D (Group D) okanye ulwimi lwakhe lwenkobe kuDidi oluPhakamileyo (Advanced Level) lwemfundo yaseBritani okanye efana nayo yeSiqinisekiso seMfundo ngoKubanzi (General Certificate of Education).

Esi sifundo sikudidi A (A-level subject) singenziwa kuphela ngabafundi abakufaneleyo ukuxolelwa ekufundeni ulwimi kodwa singathathwa njengesifundo sesixhenxe ngabafundi abangaxolelwanga ekufundeni ulwimi (non-language exemption learners).


9. ABAFUNDI ABANQWENELA UKUFUMANA ISATIFIKETHI SEMATRIKI SOKUDLULELA KWIMFUNDO EPHAKAMILEYO

Abafundi abaxolelweyo kumqathango wokuba bafunde ulwimi lwesibini oluvunyiweyo yaye benqwenela ukufumana isatifikethi sematriki sokudlulela kwimfundo ephakamileyo mabakhethe olunye ulwimi endaweni yolo lwimi. Lungalolunye lwezi lwimi zilandelayo:


9.1 Ulwimi olukhethwe kwiqela D, umz. isiArabhu HG, isiLatini HG, isiFrentshi HG, isiJamani uLwimi lweSithathu HG okanye SG, isiHebhere HG, isiXhosa uLwimi lweSithathu HG okanye SG
9.2 Iilwimi ezenziwa ngamanye amaqumrhu enza uvavanyo lwezifundo aziwayo, umz. isiPhuthukezi HG okanye SG neSpanishi HG okanye SG
9.3 Ulwimi lwakhe lwenkobe kuDidi oluPhakamileyo (Advanced Level) lwemfundo yaseBritani okanye efana nayo yeSiqinisekiso seMfundo ngoKubanzi (General Certificate of Education) ukuba alufakwanga phantsi ko-9.1 okanye 9.2 apha ngasentla
9.4 Umfundi ontetho yakhe isisiJamani angafunda isiJamani uLwimi lokuQala HG endaweni yesifundo soLwimi lokuQala HG esikhethwe kwiQela A

Qaphela:

  • Ukuba ulwimi lukhethwe ku-9.1 okanye 9.2 apha ngasentla endaweni yolwimi (lwaseburhulumenteni) lwesibini oluvunyiweyo, uLwimi lokuQala olunyanzelekileyo malube lulwimi ekufundiswa ngalo eyunivesithi olukhethwe kwiQela A (umz. isiNgesi), lupaswe ngo-HG.

  • Abafundi abakhetha u-9.3 apha ngasentla kufuneka, ukuze bafumana isatifikethi sematriki sokudlulela kwimfundo ephakamileyo,

    • balupase olo lwimi kwinqanaba A baze kwakhona

    • bapase ulwimi ekufundiswa ngalo eyunivesithi kuLwimi lokuQala kwinqanaba HG okanye SG, okanye uLwimi lweSibini inqanaba HG, ubuncinane nge-40%.

    • Aba bafundi kufuneka bapase ulwimi lwabo lwenkobe lingekapheli ithuba eliziinyanga ezi-6 phambi kokubhala uViwo lwabo lweMatriki ukuya kwiinyanga ezi-6 emva kokubhala uViwo lwabo lweMatriki. Isiphumo solu viwo masithunyelwe kwiSebe leMfundo ngaphandle kokulibazisa ngenjongo yokuba kukhutshwe isatifikethi. Uxanduva luphezu kwamagxa abafundi lokuba benze awabo amalungiselelo okubhala uviwo lodidi A phantsi kweQumrhu laseBritane (British Council) kule dilesi ilandelayo

      PO Box 1469
      CAPE TOWN
      8000
      Ifoni: 021 462 3921

  • Abafundi abakhetha u-9.4 apha ngasentla mabapase kwakhona ulwimi ekufundiswa ngalo eyunivesithi (umz. isiNgesi) kuLwimi lokuQala kwinqanaba HG okanye SG, okanye kuLwimi lweSibini inqanaba HG ubuncinane nge-40%.

10. ISATIFIKETHI SOKUXOLELWA PHANTSI KWEEMEKO EZITHILE (CONDITIONAL EXEMPTION) KWABAFUNDI ABASUKA KWAMANYE AMAZWE
10.1 Abafundi abangqinelanayo nayo yonke imiqathango (ngaphandle kwalowo wolwimi lwesibini) yokuba bafumane isatifikethi sematriki sokudlulela kwimfundo ephakamileyo nabathe bakhetha
  • nokuba kukuxolelwa kumqathango wokuba bapase ulwimi lwesibini oluvunyiweyo,

  • okanye kukuthatha ulwimi lube lunye oluvunyiweyo kunye nezinye izifundo ezihlanu,

baze bathi kamva baqonde ukuba bangathanda ukuthathelwa ingqalelo ukuze bafumane isatifikethi sematriki sokudlulela kwimfundo ephakamileyo, banako, (ngokwemimiselo yeBhodi yeeMviwo zeMatriki (Matriculation Board)) ukufaneleka ukuba baxolelwe phantsi kweemeko ezithile (conditional exemption) okwenzelwa abemi abasuka kwamanye amazwe.

10.2 Abafundi abakufaneleyo ukufumana isatifikethi sokuxolelwa phantsi kweemeko ezithile (certificate of conditional exemption) okwenzelwa abemi abasuka kwamanye amazwe, baze ngaloo ndlela babe nokwamkelwa eyunivesithi ngokuxhomekeka kwiimeko ezithile, mabatshekishe ukuba ngaba iyunivesithi abayikhethileyo iyabamkela na abafundi abafumene ukuxolelwa phantsi kweemeko ezithile okwenzelwa abemi abasuka kwamanye amazwe njengoko oku kungenziwa zizo zonke iiyunivesithi.
10.3 ISatifikethi seMatriki sokudlulela kwimfundo ephakamileyo siya kukhutshelwa aba bafundi basuka kwamanye amazwe xa beyanelisa imiqathango yolwimi ngokuthi bapase enye yezi zifundo zilandelayo
  • Ulwimi lwesibini oluvunyiweyo kwinqanaba le-HG

  • Olunye lweelwimi ezidweliswe ku-9.1, 9.2, 9.3 okanye 9.4.

10.4 Xa umqathango wolwimi wanelisiwe ngokuthi apase ikhosi yabasaqalayo kulwimi olufundiswa eyunivesithi, sinokwenziwa isicelo sokunikwa iSatifikethi sokuXolelwa ngokuPheleleyo (Certificate of Complete Exemption)

QAPHELA: Njengoko esi satifikethi sikhutshwa yi-SAUVCA (iBhodi yeeMviwo zeMatriki) ingenguye UMALUSI, ngako oko ke abafundi abasinikwa iSiqinisekiso seMatriki sokudlulela kwimfundo ephakamileyo.

10.5 Ukuba umfundi ofumene ukuxolelwa phantsi kweemeko ezithile (conditional exemption) okwenzelwa abemi abasuka kwamanye amazwe, uyayanelisa imiqathango yemfundo enomsila, kwiyunivesithi yeloMzantsi Afrika, nefuna kuqala ukuba abe nesatifikethi sematriki sokudlulela kwimfundo ephakamileyo lingekapheli ixesha lethuba elimiselweyo, kodwa abe engawanelisi umqathango wolwimi, uya kunikwa iSatifikethi soKuxolelwa ngoKupheleleyo (Certificate of Complete Exemption). Lo mfundi akayi kufumana iSatifikethi seMatriki sokudlulela kwimfundo ephakamileyo.

11. QAPHELA: Umnyinyiva (concession) onikwa abafundi abasuka kwamanye amazwe wokuba basebenzise isichazi-magama (dictionary) ngethuba leemviwo zematriki ngokwenjenje uyarhoxiswa. Ngako oko ke ukususela ngo-2005 lo mnyinyiva awusayi kuphinda unikwe.

12. UKWENZA ISICELO SOKUXOLELWA EKUFUNDENI ULWIMI
12.1 Makuzaliswe le fom iqhotyoshelweyo (iSihlomelo A) xa kusenziwa isicelo sokuxolelwa ekufundeni ulwimi (language exemption).
12.2 Zonke izicelo zokuxolelwa ekufundeni ulwimi mazingeniswe kwiSebe leMfundo kodwa ziqale zidlule kumphathi wesekethe.
12.3 Ileta yeSebe leMfundo yokunika uxolelo (exemption) okanye imvume (approval) iya kuthunyelwa ngqo kwisikolo eso ize ikopi yayo ithunyelwe kumphathi wesekethe.
12.4 Ileta yeSebe leMfundo yomhla woxolelo okanye wemvume kufuneka, kwimeko yomfundi osisigxina, ibhalwe kwirekhodi yomfundi yaye kufuneka ileta yoxolelo okanye yemvume iqhotyoshelwe kwikhadi lerekhodi yakhe ukuba utshintshela kwisikolo esitsha.
12.5 Izicelo zokucela uxolelo mazenziwe ngokukhawuleza akuba umfundi amkelwe esikolweni okokuqala eMzantsi Afrika kungabi ngexa ebhalisela uviwo. QAPHELA: ZONKE IZICELO EZINXULUMENE NABAVIWA BEBAKALA 12 MAZIFIKE KWICANDELO LEEMVIWO (DIRECTORATE: EXAMINATIONS) PHAMBI KOMHLA WE-15 MATSHI KUNYAKA NGAMNYE.

12.6 Kufuneka abafundi abaza kuhlala ithutyana eMzantsi Afrika bafumane imvume yokufunda (study permit) ekhutshwa liSebe leMicimbi yangaPhakathi (Department of Internal Affairs). Ikopi yemvume leyo mayithunyelwe xa kusenziwa isicelo sokuxolelwa ekufundeni ulwimi.
12.7 Abafundi babucala (private learners) abakufaneleyo ukufumana umnyinyiva kwimiqathango (concession) onikwa abafundi abasuka kwamanye amazwe mabafake izicelo zabo ngqo kwiSebe leMfundo ngokumalunga nomnyinyiva lowo.

13. Ukuba uye wanako nakuphi na ukungaqiniseki ngokumalunga nayo nayiphi na imigaqo ebhalwe kule setyhula, ungaqhagamshelana nomnye waba bantu balandelayo
Mnu T Magwaca Ifoni 021 467 2626 Joel Magwaca (tmagwaca@pgwc.gov.za)
Mnu V Deacon Ifoni 021 467 2336 Vyv Deacon (vdeacon@pgwc.gov.za)
Ms H du Toit Ifoni 021 467 2917 Hennie Du Toit (hfdutoit@pgwc.gov.za)


ISAYINWE: D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:05:03

Application form  (ubukhulu: 12 KB)