1. Kuqhotyoshelwe apha uluhlu lweesetyhula ezikhutshwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni ngekota yokuqala ka-2005.
2. Iisetyhula mazifakwe efayilini ngalo lonke ixesha zisasebenza ngokusemthethweni.
3. Ukususela kowoku-1 Apreli 2003, iisetyhula zithunyelwa kuphela ngefomathi ye-imeyili. Ukuba iisetyhula zinezihlomelo ezingenako ukuthunyelwa nge-imeyili, ziya kwenziwa zibe nokufumaneka iikopi ezingamaphepha. Izikolo ezingekabinawo amalungiselelo e-imeyili zisaza kuqhubeka zifumana iikopi zeesetyhula ezingamaphepha. Njengoko iisetyhula zibalulekile njengamajelo onxibelelwano ukuze libe nokusebenza ngempumelelo nangendlela eyiyo eli Sebe leMfundo, luxanduva lootitshala namagosa ukuba bahlale besazi konke okubhalwe kuzo.
4. Luxanduva lwezikolo namagosa ukutshekisha mihla le i-imeyili yazo ukuze zihlale zinolwazi ngazo zonke iisetyhula. Liza kutshekisha iSebe leMfundo ukuba ngaba izikolo zizifumene zaza zazivula na iisetyhula ezithunyelwe kuzo. Mazincede izikolo namagosa zenze ifolda kwiikhompyutha zazo zisebenzise la magama “WCED circulars 2005” ukwenzela ukugcina ezi setyhula. Ziyafumaneka iisetyhula ezakhutshwa ukususela ngo-2003 kule webhu yeli Sebe leMfundo: WCED Online (http://wced.wcape.gov.za/circulars/index_circmins.html).
5. Nceda wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.
6. Nceda wazise bonke abachaphazelekayo okukule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:04:19

List of circulars  (ubukhulu: 9 KB)