1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni liwuhlaziyile uMgaqo-nkqubo walo woKuthengwa kweeMpahla/kweeNkonzo ngokuKhetha aBathile kuQala (Preferential Procurement Policy) ngokumalunga nenkqubo yokuthenga enika 80/20 yamanqaku kwabathile kuqala kwiikoteshini ezifunyenweyo zokubonelelwa ngeempahla neenkonzo kusetyenziswa iNkqubo yoKuthenga ngeKhompyutha (Eletronic Purchasing System) (EPS)). Le nkqubo ilandelayo yamanqaku isebenza ukususela kumhla woku-1 Apreli 2005:
Ubungakanani bexabiso: 80 amanqaku
Ababevinjwe amathuba ngaphambili (HDI): 20 amanqaku
(Abantu abangemhlophe: 10 amanqaku; Iinkampani abanikazi bazo ingabafazi: 5 amanqaku; Abakhubazekileyo: 5 amanqaku)
|
2. |
Okona kufunwa phambili nguRhulumente wePhondo leNtshona Koloni kukuba yonke imizi yorhwebo enqwenela ukurhweba namasebe ngamasebe ibhalise kwiZiko leDatha laBathengisi laseNtshona Koloni (Western Cape Suppliers Database) ukwenzela ukuba ingqine ukuba iyangqinelana nomthetho omalunga nokuthengwa kweempahla/kweenkonzo ngokukhetha abathile kuqala. Ababoneleli-nkonzo abangabhalisanga kwiZiko leDatha laBathengisi laseNtshona Koloni baza kuphulukana nelungelo labo lokunikwa amanqaku abakhethwa kuqala kuloo maxabiso bawanikileyo, njengoko imeko yabo iya kuba ingangqinwanga ngokusemthethweni. |
3. |
AmaZiko oLawulo noPhuhliso lweMfundo (EMDCs) njengangoku akaqhagamshelwanga kwi-EPS. Ngako oko ke kufuneka afumane iikowuteshini ezibhaliweyo aze acele abakhuphisana ngamaxabiso (bidders) ukuba bafune ukunikwa amanqaku abakhethwa kuqala kwifom eqhotyoshelweyo i-Prefential Points Claim Form (WCBD 6.1) xa kuthengwa iimpahla neenkonzo ezide ziye kutsho kwixabiso eliyi-R10 000. Oku kuqala ukusebenza njengangoku. Izinto ezithengwayo ekuthethwa ngazo kulo mhlathi azibandakanyi iimpahla ezinjengezi (ifanitshala, oomatshini bokufotokopa, oomatshini bokufeksa, njl. njl.). Kufuneka xa kuthengwa ezi iimpahla kungeniswe iifom zokuthenga izinto (requisitions) kwaNdlunkulu ukuze zibe noku-odolwa. |
4. |
Imimiselo ekwiSetyhula 0164/2002 yomhla we-20 Disemba 2002 njengangoku ifakelwa izilungiso kwangokunjalo nayo ngokungqinelana noku. |
5. |
Siya kuyithakazelela intsebenziswano yenu ngokumalunga noku. |
ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:04:22
|