1. Amaxwebhu eemviwo asisikhokelo ezi zifundo zilandelayo afakelwe izinto zakutshanje yaye aya kusebenza kwiiMviwo zeMatriki zikaNovemba 2005 ukuya kutsho kwezikaMatshi 2008:
2. Iikopi ezingamaphepha zala maxwebhu eemviwo asisikhokelo ziya kuthunyelwa ezikolweni ezifundisa ngoku ezi zifundo zichaphazelekayo. Ukuba sithi nasiphi na esinye isikolo sifune ikopi yala maxwebhu asisikhokelo, singaqhagamshelama noMnu TJ Magwaca kule nombolo yefoni 021 467 2626 okanye sithumele isicelo saso ngefeksi apha 021 467 2620.
3. Mazincede iinqununu zezikolo nabaphathi bamaziko emfundo oluntu baqaphele ukuba kunyanzelekile ukuba abafundi bebakala 12 baxelelwe yaye bazi ngefomathi yamaphepha emibuzo achaphazelekayo, njengoko enikiwe kumaxwebhu asisikhokelo phambi kokuba babhale iiMviwo zeMatriki. Nakuba kunjalo, ngumgaqo-nkqubo we Sebe leMfundo owokuba abaviwa abangesosigxina (part-time candidates) abavumelekanga ukuba bathathe isifundo esinecandelo lezobugcisa (practical component). (Funda kwiNgcaciso eMfutshane yeKharityhulam 0021/2004)
4. Ukuba abaviwa baye abaphumelela ukungqinelana nawo nawaphi na amacandelo afunekayo ezi zifundo, iziphumo zabo ziya kuba zezingaphelelanga baze ke ngaloo ndlela bangazifumani izatifikethi zabo zeMatriki.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:01:12

Speech and Drama HG and SG  (ubukhulu: 28 KB)
Electrician Work SG  (ubukhulu: 98 KB)
Electronics SG  (ubukhulu: 210 KB)
Technika Electrical HG and SG  (ubukhulu: 152 KB)
Dance HG and SG  (ubukhulu: 64 KB)