1. Le setyhula ithatha indawo yazo zonke ezinye iisetyhula ezakhutshwa ngaphambili ngokumalunga nalo mba ulapha ngasentla
2. Lo gama iSebe leMfundo leNtshona Koloni lilihlonipha ilungelo labaqeshwa balo lokulandela ikhondo lezopolitiko, ngokomgaqo-siseko welizwe lethu likwazimisele ukuqinisekisa ilungelo labafundi lokufumana imfundo kwindawo ekhuselekileyo nengenaziphazamiso.
3. Ootitshala bakwimeko eyahluke mpela kwabanye abantu njengoko benokuba nempembelelo kubafundi nakubazali. Ukuba baba ngabagqatsa kunyulo, baya kujongana nemeko apho kuya kubakho impixano phakathi kwezona zinto zibalulekileyo kubizo lwabo kunye nezo bazikhethileyo (conflict of interest), njengoko kufuneka, kwelinye icala, bafundise ngendlela engakhethi cala lithile nebonisa ubungcali kuqeqesho lwabo (engenazimpembelelo zezopolitiko), kuze kwelinye icala kufuneke ukuba baphakamise iimfuno zamaqela ezopolitiko abawameleyo.
4. Ngaphezulu, kuye kulindeleke ukuba abagqatswa abatyunjiweyo bagaye iivoti egameni leqela lezopolitiko abalimeleyo. Oku kungabangela ukuba bashiye amagumbi okufundisa, okanye kubenze bangakwazi ukwenza imisebenzi yamaxesha asemva kwawokufundisa (extra-curricula activities), nto leyo enokuphazamisa ukufundisa ngethuba lonyulo yaye oku akuyi kuba yinto elungiselela abafundi (ngakumbi abafundi abakwiBakala 12).
5. Imithetho, imigaqo yomgaqo-nkqubo nemiqathango elawula uthatho-nxaxheba lwabaqeshwa beSebe leMfundo leNtshona Koloni (ooTitshala naBasebenzi beNkonzo kaRhulumente) kuNyulo looMasipala, lwamaPhondo nolukaZwelone isingethwe ngolu hlobo lulandelayo kwesi zihlomelo ziqhotyoshelweyo:

IsiHlomelo A - Unyulo looMasipala (Local Elections)
IsiHlomelo B - Unyulo lwePhondo (Provincial Elections)
IsiHlomelo C - Unyulo lukaZwelonke (National Elections)


6. Ziyacelwa iintloko zamaziko emfundo nabalawuli ukuba baqinisekise ukuba okubhalwe kule setyhula kwaziswa bonke abasebenzi ukuze bakuthathele ingqalelo. Ngamnye umntu ochaphazelekayo makacelwe ukuba alusayina olu xwebhu njengobungqina bokuba uyakwazi okuqulathwe lulo.


ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:03:29

IsiHlomelo A - Unyulo looMasipala (Local Elections)  (ubukhulu: 105 KB)
IsiHlomelo B - Unyulo lwePhondo (Provincial Elections)  (ubukhulu: 95 KB)
IsiHlomelo C - Unyulo lukaZwelonke (National Elections)  (ubukhulu: 96 KB)