1.1 |
|
Eyona nto ephambili elijolise kuyo iSebe leMfundo leNtshona Koloni luphuhliso ngamandla lwezakhono zolwazi lokufunda nokubhala (literacy) nolwazi lokubala (numeracy). |
1.1 |
|
Lonke uvavanyo lweNqanaba 1 luya kwenziwa kwelo ziko kufundelwa kulo. Oku ikakhulu mayibe luvavanyo lokunika ulwazi (formative assessment) oluya kunceda abafundi ngohlobo lokuba baye bephucula ngokuphucula ulwazi lwabo. |
1.2 |
|
ISebe leMfundo leNtshona Koloni liza kuluxhasa uvavanyo lwamaNqanaba 2 no-3 ngo-2005. |
1.2.1 |
|
INqanaba 2 liza kugxininisa ikakhulu izinto ezinika isiseko esisiso (fundamentals), uLwimi, uLwazi lokuFunda nokuBhala noNxibelelwano noLwazi lokuBala. |
1.2.1 |
|
INqanaba 3 liza kugxininisa ikakhulu izinto ezinika isiseko esisiso, uLwimi, uLwazi lokuFunda nokuBhala noNxibelelwano neMathematika. |
2. |
Uvavanyo olwenzelwa kwiziko lemfundo (Site-based assessment (SBA)) |
2.1 |
|
Icandelo lovavanyo oluqhubekela esikolweni yi-80% yamanqaku ewonke amaNqanaba 2 no-3. Wonke umsebenzi oqhubekela kwiziko lemfundo mawufakwe kwiphothifoliyo uze ungeniswe kumcebisi ngezekharityhulam okwi-EMDC yakho ukuze umodareyithwe. |
2.2 |
|
Iphothifoliyo yomfundi mayibe nezinto ezahlukeneyo ubuncinane zibe ne. |
3. |
Uvavanyo lwangaphandle (External assessment) |
3.1 |
|
Uvavanyo lwangaphandle lweNqanaba 2 luya kuba lolohlobo lovavanyo olufanayo (common task for assessment) (CTA). |
3.1.1 |
|
I-CTA iya kuba neendidi ngeendidi zemisebenzi enokwenziwa ngokwesantya somfundi ngethuba elisusela kumhla we-10 Oktobha 2005. |
3.1.2 |
|
I-CTA iya kuba yi-20% yamanqaku ewonke eNqanaba 2. |
3.1.3 |
|
Umxholo we-CTA uya kuba ngulo 'Ukuthatha inxaxheba njengommi onenkathalo kwindawo endihlala kuyo'. Imilinganiselo yomgangatho (unit standards) neziphumo ezisetyenziselwa ukuseta i-CTA zinikiwe kwiSihlomelo A. |
3.2 |
|
KwiNqanaba 3 kuya kubhalwa iphepha leemviwo elisetwe ngaphandle nelifanayo. |
3.2.1 |
|
Imilinganiselo yomgangatho neziphumo ezitsolileyo (specific outcomes) ezisetyenziswa ekuseteni iimviwo zinikwe kwiSihlomelo A. |
3.2.2 |
|
Uviwo lweNqanaba 3 luya kuba yi-20% yamanqaku ewonke okugqibela (final mark). |
3.2.3 |
|
Olu viwo malubhaliswe yaye lumakishwe ngaphakathi kwiziko lemfundo elo. Amagosa akwi EMDC aya kumodareyitha amanqaku okugqibela. |
3.3 |
|
Luxanduva lwamaziko ukunika abafundi iripoti ekupheleni kweprogram yesifundo. |
3.4 |
|
ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kunika bonke abafundi abaphumeleleyo izitatimenti zeziphumo (statements of results) ngo-2006. |
4. |
|
Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abo bachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:04:04
|