1. INgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement (NCS)) yeMfundo noQeqesho oluQhubelekeyo (Further Education and Training (FET)) iza kuqaliswa kuzo zonke izikolo zikarhulumente zeSebe leMfundo leNtshona Koloni kunye nezinye izikolo ezibhalisileyo ngoJanuwari 2006.
2. Imihla yokuqhelaniswa nezifundo (subject orientation) zeNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke kwiFET kootitshala bamaBakala 10 - 12 imi ngolu hlobo lulandelayo (khangela kwiSetyhula 0072/2004):
2.1 Kwezi EMDC iNorth, iSouth, iEast, iCentral neWest Coast/Winelands - uMvulo we-27 Juni kuye kutsho ngoLwesihlanu woku-1 Julayi 2005
2.2 Kwezi EMDC iBreede River/Overberg neSouth Cape/Karoo - uMvulo we-4 Julayi kuye kutsho ngoLwesihlanu we-8 Julayi 2005
3. Okuqhotyoshelwe apha ziifom zobhaliso ekufuneka zizaliswe zizikolo (ezi EMDC mazijonge kwiSihlomelo A iNorth, iSouth, iEast, iCentral neWest Coast/Winelands; zize ezi zijonge kwiSihlomelo B iBreede River/Overberg neSouth Cape/Karoo). Zikwafumaneka ezi zihlomelo zikhankanywe apha ngasentla kwikhompyutha kodwa mazivulwe njengamaxwebhu e-Word kwifomathi eyi-landscape.
4. Mabancede ootitshala bakhethe indawo (venue) ngokungqinelana nolwimi abalukhethayo. Kwezinye iindawo ikhosi iya kwenziwa ngazo zombini iilwimi, ngesiNgesi nange-Afrikansi.
5. Inkqubo yobhaliso (Registration procedure)
5.1 Makuzaliswe ifom yobhaliso (registration form) ngesifundo ngasinye utitshala asifundisayo.
5.2 Nakuba ifom yobhaliso ibonelela ukubhalwa kwamagama ootitshala abathathu kuphela, mazincede iinqununu zongeze amanye amagama - nokuba ngaba kukwifom efumaneka kwikhompyutha okanye kwisihlomelo esiliphepha.
5.3 Igama le-EMDC echaphazelekayo malibhalwe kwikholam yokugqibela.
5.4 Ifom yobhaliso ezaliswe zonke iinkcukacha, yaza yangqinwa (certified) yinqununu yesikolo kwisithuba esibonelelwe oko kwiphepha 1, mayingeniswe kuMcebisi ngezeKharityhulam oyiNtloko kwisithili se-EMDC sendawo esimi kuyo isikolo ungadlulanga umhla we-22 Matshi 2005. Ziyabongozwa iinqununu ukuba zincede ziwulandele ngqo lo mhla.
5.5 Njengoko onke amalungiselelo eza kuxhomekeka kolu bhaliso, mazingaze iititshala zitshintshe iindawo ezibhalisele zona zakuba nje zibhalisile.
6. Amalungiselelo oomasifundisane bokuqhelaniswa nezifundo (orientation workshops)
6.1 Zonke izikolo ziya kufumana iisethi ezine (four sets) zeFET NCS ngaphambi kokuphela kwekota yokuqala. Ngelishwa ezi ngcaciso zezi zifundo zifumaneka kuphela ngolwimi lwesiNgesi okwangoku.
6.2 Ootitshala mabafunde iFET NCS, kwakunye nesikhokelo sezifundo (subject guidelines) esikhankanywe njengeSubject Information Guidelines kunye neSubject Analysis of new Knowledge, Skills, Methodology, IT and Assessment kwangaphambi koqeqesho ukuzilungiselela oomasifundisane bokuqhelaniswa nezifundo.
6.3 La maxwebhu akhankanywe apha ngasentla makuziwe nawo koomasifundisane bokuqhelaniswa nezifundo.
7. Ezi zifundo zilandelayo ziya kwenziwa ukususela kowe-26 kuye kowe-30 Septemba 2005 kwabanye oomasifundisane: iElectrical, iMechanical, neCivil Engineering, nezi zifundo iGraphics neDesign Technology, iReligion Studies, iTourism, iMathematical Literacy, zonke izifundo zezoLimo (Agricultural subjects), iThekhinoloji yoKusetyenziswa kweKhompyutha (Computer Applied Technology) ne-Economics.
8. Isetyhula emalunga namalungiselelo ohambo neenkqubo zokufaka amabango entlawulo iza kuthunyelwa kwikota yesibini.
9. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu ungaqhagamshelana noMcebisi ngezeKharityhulam oyiNtloko kwi-EMDC okanye nomququzeleli wephondo weFET kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni, uMnu T Smit, ngezi nombolo zefoni (021) 467 2630/2585 okanye ngale imeyili tcessmit@pgwc.gov.za .
10. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yeenqununu.


ISAYINWE: D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:03:18

" kwiSihlomelo A  (ubukhulu: 44 KB)
kwiSihlomelo B  (ubukhulu: 59 KB) "