1. Le setyhula mayifundwe kunye neSetyhula 25/2004  neGazethi kaRhulumente 22615 yowe-27 Agasti 2001 [ubukhulu: 1 066 KB] (http://www.info.gov.za/gazette/notices/2001/22615.pdf) ekwachazwa kuyo ngokubanzi iPhepha leMibuzo yeeMviwo 3 (Question Paper 3) leelwimi zokuqala (zenkobe). Eli Phepha leMibuzo yeeMviwo 3 lisebenza kuphela kubaviwa abangesosigxina.
2. Kule minyaka imbalwa idlulileyo, abavi abaziintloko (chief examiners) beelwimi zokuqala (zenkobe) bakhalazele ukuba uninzi lwabaviwa abangesosigxina abalungiselelwa ukuphendula imibuzo yencwadi yesi-4 yoncwadi olumiselweyo oluvavanywa kwelo phepha. Oku kubangela ukuba abaviwa baphulukane namanqaku amaninzi.
3. Mabancede abaphathi bamaziko emfundo oluntu baqinisekise ukuba uncwadi olumiselweyo loviwo lweMatriki (khangela uluhlu oluqhotyoshelweyo) lufundiswa ncam ngokufanelekileyo kwiprogram yezifundo.
4. Inkxaso ngokumalunga noku ingafumaneka kwaba bacebisi ngezekharityhulam balandelayo:
I-EMDC                  Igosa le-EMDC        Inombolo yefoni
                                             (emsebenzini)	
Breede River/Overberg   Dr B Wilson          (023) 348 4600	
Metropole Central       Mr M Kleinschmidt    (021) 659 4344	
Metropole East          Mr W Daniels         (021) 900 7000	
Metropole North         Mr G Figagi          (021) 938 3000 	
Metropole South         Mr G van Harte       (021) 370 2000	
South Cape/Karoo        Mr G van Schalkwyk   (044) 873 6128
                                             (023) 415 2070	
West Coast/Winelands    Mr P Boonzaaier      (021) 872 9288
5. Unokufumana ingcaciso kwakhona kuMnu T Smit ngale nombolo yefoni (021) 467 2630 okanye ngale dilesi ye-imeyili tcessmit@pgwc.gov.za.
6. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:03:07

List of prescribed works  (ubukhulu: 12 KB)