1. Kufuneka iSebe leMfundo leNtshona Koloni linike ingqinisekiso ngokumalunga nokumodareyithwa nolawulo lomgangatho wovavanyo rhoqo (continuous assessment) (CASS), njengoko kufunwa oku ligunya lokuqinisekiswa komgangatho kwizwelonke (national quality assurance body) UMALUSI. Oku kuyimfuneko ukwenzela ukukhusela ukuthembeka kweemviwo nokukhusela abafundi. Nakuba oku kule minyaka ingaphambilana kuye kwakhokelela ekulandelweni ngqo kwemigangatho nolawulo olufanayo, kuyabonakala ukuba kusekho imizekelo yokungalandelwa ncam kwemigqaliselo emiselweyo. Umsebenzi wokuqinisekisa umgangatho mawenziwe ngokupheleleyo kuwo omabini amanqanaba, eleBakala 9 nele-12.
2. Kukho esi sicwangciso-nkqubo sika-2005 silapha ngasezantsi omawusithathele ingqalelo ngokukhawuleza:
2.1 Kuza kubakho iintlanganiso zokumodareyitha ezi-3 zezikolo ezisebenzisanayo (3 moderation cluster meetings) kwisifundo nakwinkalo yesifundo nganye - ibe nye kwiKota 1, ibe nye kwiKota 2 okanye 3 ize ibe nye kwiKota 4. Xa zizonke ezi ntlanganiso zontathu zenza inkqubo yokumodereyitha epheleleyo.
2.1.1 Utitshala ngamnye osuka kwisikolo ngasinye ufanele aye kuyo nganye yezi ntlanganiso. Eneneni okona kunqwenelekayo makuye kwalaa mntu mnye kwintlanganiso nganye. Nanini na xa oku kunokwenzeka mayibe ngutitshala ongamele isifundo okanye inkalo yesifundo.
2.1.2 INtlanganiso 1 ingenkqubo yokumisela umgangatho ngokusesikweni (formal standard-setting process) ukuqinisekisa iimfuno zemigangatho yovavanyo rhoqo. Kule ntlanganiso kuza kuchazwa iinkcukacha zezinto eziza kumodareyithwa kwiNtlanganiso 2 kwisifundo ngasinye okanye kwinkalo yesifundo nganye. Kule ntlanganiso kusengatshiwo eyona nto ephambili yophuhliso kujoliswe kuyo ngalo nyaka.
2.1.3 Ukulungiselela inkqubo yokuqinisekiswa komgangatho, phakathi kwama-50% nama-80% omsebenzi wonyaka kufanele ukuba umodareyithwe kwiNtlanganiso 2. Isizathu soku kukuba, njengoko ukwenziwa kwephothifoliyo kuyinto eqhubeka okokoko, kuya kuba kugqitywe inxenye yonyaka wezifundo, yaye nabafundi baya kuba begqibe umsebenzi ofunwayo olinganiselwa kwelo xesha. Kuya kusetyenziswa inkqubo esebenza ngokwenene ekumodareyitheni umsebenzi ngelo xesha ukwenzela ukunika intsingiselo engaphezulu kwinkqubo yokumodareyitha. Ziya kucelwa zonke izikolo ukuba zinike ezo sampula zomsebenzi ogqityiweyo ekwavunyelwena ngazo kwiNtlanganiso 1 ukuba zize kumodareyithwa. Nakuba ingutitshala omnye kuphela omele isikolo kule ntlanganiso, ziiphothifoliyo ezivela kutitshala ngamnye ofundisa ibakala elichaphazelekayo emakuziwe nazo zize kumodareyithwa.
2.1.4 KwiNtlanganiso 3 kuya kumodareyithwa oko bekusalele kwiphothifoliyo, ezo phothifoliyo ziya kuphicothisisiswa kujongwe ukuba zisemgangathweni na, kuze kutshekishwe amanqaku kunye nayo yonke eminye imisebenzi yesiqhelo egqityiweyo. Yonke inkqubo yokumodareyitha iBakala 12 mayibe seyigqityiwe ukuphela kuka-Oktobha.
2.2 Mayiqhubeke rhoqo inkxaso eyenzelwa esikolweni (ezikweni lemfundo).

2.2.1 Ukuba kuyacaca kwiiphothifoliyo ezingeniswe kwiNtlanganiso 2 ukuba izikolo ezithile zifuna inkxaso engaphezulu eyenzelwa esikolweni, kuya kunikwa inkxaso enyazelekileyo nebanzi eyenzelwa esikolweni kwezo zikolo zingekayilandeli inkqubo. Oku kuya kwenziwa ngenjongo yokuqinisekisa ukuba abafundi banikwa ithuba lokufunda nenkxaso abanelungelo layo.

2.3 Amacandelo omsebenzi owenziwayo (practical) nencoko-mlomo (oral) wona afuna okubizwa ngokuba kukumodareyitha "ubuso ngobuso" ("face" moderation) nokuya kuqhubeka kusetyenziswa iindlela ezifanelekileyo kwinqanaba leBakala 12.

2.4 Ezi ntlanganiso zinyanzelekileyo zezikolo ezisebenzisanayo (compulsory cluster meetings) zilapha ngasentla zenza ingxam yenkqubo yokumodareyitha.

2.4.1 Inkqubo yokwabelana ngemizekelo (sharing model) ikhuthaza ukukhula, kuba ootitshala banikwa ithuba lokujongisisa le misebenzi esetwe zizikolo ezisebenzisanayo zizonke. Njengoko lo msebenzi ubandakanya ukufundwa kwezixhobo zovavanyo kunye neendlela ezisetyenziswayo, kumiselwa imigangatho nethi igcinwe ngokumana kutshekishwa kwezinye kuthelekiswa (cross-referencing) kuyo yonke le nkqubo.
2.4.2 Lo msebenzi ufikelela encochoyini kwinkqubo yokuqinisekiswa komgangatho ngu-UMALUSI apho kuye kungeniswe isampula yeephothifoliyo.
2.4.3 Additional visits to schools are at the discretion of the curriculum advisers concerned.
3. Inkqubo yokumodareyitha esebenza ngokwenene (functional moderation system) ixhomekeke kwinkqubo ecace gca nesebenza ngokwenene yokumodareyitha esetyenziswa sisikolo ngokwaso. Kulo nyaka iSebe leMfundo leNtshona Koloni lenza izicwangciso zokugxininisa ngakumbi ekuqinisekiseni ukuba izikolo zinayo inkqubo yokumodareyitha. Mazincede izikolo ziqinisekise ukuba zinezicwangciso ezicace gca nokuba zenziwa kuwo onke amanqanaba kwisikolo eso. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liza kubonelela ngoxwebhu olusisikhokelo sokuxhasa izikolo kule nkqubo.
4. Inkqubo esebenza ngokwenene, apho kukho ngokwenene imigangatho efanayo, ikwaxhomekeke kuthatho-nxaxheba ngokupheleleyo ngawo onke amaqela achaphazelekayo. Ziyacelwa iinqununu zezikolo ukuba ziqinisekise ukuba iyalandelwa ngqo le nkqubo yokumodareyitha ka-2005.
5. Ziya kwaziswa izikolo ngeentlanganiso zezikolo ezisebenzisanayo ze-EMDC (EMDC cluster meetings) kunye nemihla eziya kuqhubeka ngayo neya kupapashwa kwiziko lewebhu lekharityhulam apha http://curriculum.wcape.school.za kwikhonkco (link) elikusa ku-Assessment (GET and FET).
6. Ziyacelwa iinqununu zezikolo ukuba zazise okubhalwe kule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.
7. Eminye imibuzo ingabhekiswa kuBalawuli okanye kuBacebi ngezeKharityhulam aBaziintloko kwii-EMDC.


ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:03:02