1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni likubona ukuswela inkathalo kwabanini-kontraki zothutho lwabafundi ekuziseni abafundi esikolweni ekuseni nokubathatha emva kwemini ngamaxesha ekuvunyelwene ngawo, njengento embi kakhulu njengoko oku kuzichaphazela kakubi iiprogram zemfundo zabafundi.
2. Igatya eliwisa isohlwayo ukuthintela lo mkhwa mbi nekuza kuthi ngenxa yalo abanini-kontraki bohlwaywe, liye lafakwa kumaxwebhu emvumelwano yothutho lwabafundi yaye abanini-kontraki baza kohlwaywa ngolu hlobo lulandelayo:
2.1 Xa abafundi beziswe esikolweni baza bathathwa kade ngemizuzu eya kutsho kwengama-30 kunexesha ekuvunyelwene ngalo ekuseni nasemva kwemini, kuza kuxhuzulwa isohlwayo esiyi-20% yentlawulo yemihla ngemihla yebhasi nganye efika kade.
2.2 Xa abafundi beziswe esikolweni baza bathathwa kade ngemizuzu engaphezu kwengama-30 kunexesha ekuvunyelwene ngalo ekuseni nasemva kwemini, kuza kuxhuzulwa isohlwayo esiyi-30% yentlawulo yemihla ngemihla yebhasi nganye efika kade.
3. Kwezi meko zalo mkhwa mbi, makulandelwe le nkqubo ilandelayo:
3.1 Makurekhodwe le ngcaciso ilandelayo ngosuku ngalunye lwesikolo kwirejista egcinelwe le njongo:
  • Yeyiphi ibhasi efike (Zeziphi iibhasi ezifike) kade(ekuseni okanye emva kwemini)

  • Inombolo yobhaliso lwebhasi efike (Iinombolo zobhaliso lweebhasi ezifike) kade

  • Isizathu sokulibaziseka (Izizathu zokulibaziseka)

  • Ixesha lokufika (Amaxesha okufika)

3.2 Umnini-kontraki nomqhubi webhasi mabaxelelwe ngolu hlobo lulandelayo:
  • Ukuba ibhasi yakhe ifike (iibhasi zakhe zifike) kade

  • Ifike (zifike) kade kanganani kwixesha ekuvunyelwene ngalo

  • Ukuba isiganeko eso siya kurekhodwa kuze kuwiswe izohlwayo. (Lo mba ubaluleke kakhulu xa kunokuthi kamva kuvele uxambuliswano ngokumalunga nokuxhuzulwa kwemali ngenxa yokufika kade.)

3.3 Ekupheleni kwenyanga, xa kungqinwa yinqununu le fom (WCED 063) yebango lentlawulo yomnini-kontraki ukulungiselela iinjongo zentlawulo, makuboniswe kwifom yebango lentlawulo ixesha (amaxesha) okufika kade kwebhasi (kweebhasi) yonke imihla ebezifike kade ngayo. Ikopi yoxwebhu oluthathwe kwirejista ekhankanywe kumhlathi 3.1, nekukho kulo isitampu sesikolo nesiginitsha yenqununu, kuboniswe nokuba olo xwebhu luqhotyoshelwe apho.
3.4 Uxhuzulo-mali oluyimfuneko, olubalwe njengoko kuboniswe kwimihlathi 2.1 no-2.2, malwenziwe ngamaZiko oLawulo noPhuhliso lweMfundo (EMDCs). Intlawulo yosuku ngalunye ngebhasi nganye kwimvumelwano nganye iya kuboniswa kwileta yokuvunywa.
3.5 Ukuba kuthi kubekho izizathu ezamkelekayo zokufika kade kwebhasi, umzekelo, ukuba ibhasi ichaphazeleke engozini eyehlileyo, oko kufika kade kwayo makuboniswe kwifom yebango lentlawulo yaye kuya kufuneka i-EMDC ithathe isigqibo sokuba ngaba eso siganeko sasingaphaya kolawulo lomnini-kontraki okanye akunjalo.
4. Kwezi meko zilandelayo, ukufika kade kwebhasi akuyi kubalelwa kumnini-kontraki:
4.1 Ukuba ibhasi ichaphazeleke (iibhasi zichaphazeleke) engozini eyehlileyo
4.2 Ukuba kufuneke ibhasi ihambe (iibhasi zihambe) ngandlela zimbi ngenxa yeentlekele zasendalweni ezinjengeempuphuma okanye ukukhukuliseka kwendlela
4.3 Ukuba iindlela zivaliwe okwethutyana ngumasipala kwafuneka i(zi)hambe ngandlela zimbi
5. Kulindeleke ukuba abanini-kontraki bagcine iibhasi zabo zifanele ukuba sendleleni (roadworthy).
6. Kuqhotyoshelwe apha ifom WCED 063 efakelwe izilungiso ukwenzela ukuba isetyenziswe ukususela kumhla okule leta.
7. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:02:28

Learner Transport Claim vorm (WCED 063)  (ubukhulu: 7 KB)