1. Ngo-2004 landa kakhulu inani labaviwa ababhala iimviwo zakwa-ABET zenqanaba 4.
2. Ngalo ka-2005 iSebe leMfundo leNtshona Koloni liza kunika kwakhona abafundi ithuba lokubhala iimviwo zikazwelonke ngoJuni nango-Oktobha. Ekuhambeni konyaka onke amaziko aza kunikwa iithayimthebhile ezineenkcukacha ezibanzi yaye zombini ezi mviwo ziza kuba phantsi kweliso leSebe leMfundo leNtshona Koloni, leSebe leMfundo kazwelonke kunye nelika-UMALUSI.
3. Kulo nyaka umlinganiselo wobungakanani bomsebenzi oza kuviwa xa uthelekiswa novavanyo olubhalelwa emazikweni (site-based assessment - SBA) uza kuba yi-50:50 yaye makusetyenziswe izikhokelo zeenkalo zezifundo zika-2002 ezazihamba kunye nale Setyhula 0075/2002. Ukungqinelana nomgaqo-nkqubo weli phondo, abaviwa mabakhuthazwe ukuba bangenele uviwo kuphela xa beziva belungele uvavanyo.
4. Bayacetyiswa ootitshala ukuba bajonge iingxelo zamagosa aziintloko amakisha amaphepha eemviwo zakwa-ABET zika-2004 kunye namaphepha eemviwo angaphambili xa belungiselela abaviwa iimviwo. Njengoko ezi ngxelo zamagosa aziintloko amakisha amaphepha eemviwo zidla ngokubonisa ukuba zinqongophele kubaviwa abaninzi izakhono zokubhala uviwo yaye njengangoku olu viwo lusetyenziswa ngu-UMALUSI ukumodareyitha uvavanyo olubhalelwa emazikweni (SBA) ngokubala iinkcukacha zamanani (statistically).
5. Njengoko i-ofisi kazwelonke kunye no-UMALUSI belindele ukuba amaphondo aphumeze inkqubo ye-SBA ebonisa ulwazi lwabafundi, ncedani niqaphele oku kulandelayo:
5.1 Iphothifoliyo yomfundi ngamnye ubuncinane mayibe neengongoma ezintlanu eziya kwahluka enye kwenye yaye mazisusele kwisikhokelo seenkalo zezifundo. Ezi ngongoma mazingabi ziimvavanyo nje kuphela, nakuba uvavanyo lukwayindlela ebaluleke kakhulu yokuvavanya umsebenzi. Amanqaku okuphela konyaka ayo yonke imisebenzi yeephothifoliyo makabhalwe njengepesenti (oko kuthi okufunyenwe ngumfundi kwinani lilonke lamanqaku elingu-100).
5.2 Amanqaku okuphela konyaka e-SBA kunye naweephothifoliyo aya kumodereyithwa ngabacebisi ngezekharityhulam bee-EMDC aze angqinisiswe ngabephondo kunye nangamagosa ka-UMALUSI.
5.3 Luxanduva lootitshala ukunika umfundi ngamnye amanqaku e-SBA kwanokuba abaphathi bamaziko baqinisekise ukuba umfundi ngamnye okwiziko lemfundo loluntu unephothifoliyo ye-SBA kwinkalo yesifundo nganye.
5.4 Abaphathi bamaziko emfundo mabaqinisekise kwakhona ukuba ootitshala bayazirekhoda kwiiphothifoliyo zabo zonke ii-asayinimenti nezixhobo zovavanyo zazo kunye namanqaku yaye abafundi mabaxelelwe ukuba baqhube njani(feedback).
5.5 Aziyi kwamkelwa iiphothifoliyo zabafundi eziziswe ukuba zimodareyithwe ukuba ayikho iphothifoliyo katitshala.
6. Ukuba ufuna inkxaso, qhagamshelana nomnye wala magosa alandelayo:
EMDC                   Umcebisi ngezeKharityhulam       Ifoni
                             wakwa-ABET            (yasemsebenzini)
Breede River/Overberg  Mr Joaniel Pieterse          (023) 348 4600	
Metropole Central      Mr Quentin Ravells (acting)  (021) 659 4344	
Metropole East         Mr Stephen Lategan           (021) 900 7000	
Metropole North        Ms Winnifred Taylor          (021) 938 3000	
Metropole South        Ms Zukiswa Ntontela (acting) (021) 370 2000	
South Cape/Karoo       Mr Jewel Jonkers             (044) 873 6128
                       Mr Dirk Henry                (023) 415 2070	
West Coast/Winelands   Ms Lillian Van Louw (acting) (021) 872 9288
7. Ukuba ufuna inkxaso engaphezulu, qhagamshelana noMnu Parbhoo ngale nombolo yefoni (021) 467 2572 okanye nge-imeyili apha jparbhoo@pgwc.gov.za.
8. Khangela kweli ziko lewebhu: http://curriculum.wcape.school.za/site/19/page/view/59 xa ufuna ingcaciso ngale mibandela ilandelayo:
8.1 Onke amaxwebhu emigaqo-nkqubo yakwa-ABET, kwakunye neesetyhula
8.2 Iingxelo ngazo zonke iimviwo zangaphambili zika-ABET zikazwelonke
8.3 Zonke izikhokelo zeenkalo zezifundo zikaABET zenqanaba 4
8.4 Iingongoma zovavanyo ezicetyiswayo zenkalo yesifundo nganye (eziveliswe liqela labacebisi ngezekharityhulam bakwa-ABET bephondo)
9. Kucelwa wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:02:16


kwiSihlomelo A:  (ubukhulu: 34 KB)
-  Recommended CASS activities for ABET level 4 for 2002;
-  Portfolio guidelines;
-  CASS moderation tool for curriculum advisors

ABET chief markers' reports  (ubukhulu: 82 KB)