1. Kuqhotyoshelwe apha uluhlu lweesetyhula ezikhutshwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni ngekota yesine ka-2003.
2. Iisetyhula mazifakwe efayilini ngalo lonke ixesha zisasebenza ngokusemthethweni.
3. Uyakhunjuzwa kwakhona ukuba ukususela kowoku-1 Apreli 2003, iisetyhula zithunyelwa kuphela ngefomathi ye-imeyili.  Ukuba iisetyhula zinezihlomelo ezingenako ukuthunyelwa nge-imeyili, ziya kwenziwa zifumaneke iikopi ezingamaphepha.  Izikolo ezingekabinawo amalungiselelo e-imeyili zisaza kuqhubeka zifumana iikopi zeesetyhula ezingamaphepha. Zibalulekile iisetyhula ekusebenzeni ngempumelelo nangendlela eyiyo kweli Sebe leMfundo yaye luxanduva lootitshala namagosa ukuba bahlale besazi konke ngazo.
4. Luxanduva lwezikolo namagosa ukutshekisha mihla le i-imeyili yazo ukuze zihlale zinolwazi ngazo zonke iisetyhula. Liza kutshekisha iSebe leMfundo ukuba ngaba izikolo zizifumene zaza zazivula na iisetyhula ezithunyelwe kuzo.  Mazincede izikolo namagosa zenze ifolda kwiikhompyutha zazo ukwenzela ukugcina ezi setyhula.  Xa kusenziwa ezi folda, makusetyenziswe la magama “WCED circulars 2003”.  Ziyafumaneka iisetyhula ezisusela ekuqaleni kuka-2003 kule webhu yeSebe leMfundo leNtshona Koloni: WCED Circulars and Minutes: 2004 (http://wced.wcape.gov.za/circulars/index_circulars.html).
5. Nceda wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ngenjongo yokuba bakuthathele ingqalelo.
6. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE:NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:02:24

Circulars for fourth quarter for 2003  (ubukhulu: 19 KB)