1. |
Ukungqinelana neSiqendu 38(1) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84/1996) njengoko ufakelwe imibandela, ibhunga lolawulo lesikolo sikarhulumente malilungise ibhajethi yonyaka ebonisa ingeniso nenkcitho eqikelelweyo yesikolo yonyaka-mali olandelayo ngokungqinelana nemimiselo emiselwe nguMphathiswa weMfundo wePhondo. |
2. |
Le mimiselo mitsha (ekopi yayo iqhotyoshelweyo) imiselwe nguMphathiswa weMfundo wePhondo yaza yapapashwa kule Gazethi yePhondo No 6103 yowama-23 Januwari 2004. |
3. |
Ungaqhagamshelana neKomiti yoLawulo lweZikolo ziZikolo ngokwazo (School-based Management Team) kwiZiko loLawulo noPhuhliso lweMfundo (EMDC) lakho ukufumana uncedo malunga nokungqinelana nale mimiselo yebhajethi ekhankanywe apha ngasentla. |
4. |
Nceda wazise bonke abantu abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE:NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:02:06
|