1. Ukususela ngo-1996, izikolo eziphantsi kolawulo lweSebe leMfundo leNtshona Koloni ezifundisa iilwimi ezazingaviwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni beziye zivavanywe yiBhodi yeeMviwo eZimeleyo (Independent Examinations Board (IEB). ISebe leMfundo leNtshona Koloni beliziqhuba ezi mviwo egameni lezikolo ezithile ngeendleko ebezingaphinde zibizwe kwizikolo ezichaphazelekayo. Ngenxa yokunqongophala kwemali, kufuneka ngoku eli Sebe leMfundo lisebenzise iimviwo zamanye amasebe eemviwo amaphondo (PEDs) nanini na xa oku kunokwenzeka endaweni yokusebenzisa iimviwo ze-IEB.
2. Apha ngasezantsi luluhlu lweelwimi ezichaphazelekayo:
  • isiZulu uLwimi lokuQala HG & SG

  • isiZulu uLwimi lwesiBini nolwesiThathu HG & SG

  • Xitsonga uLwimi lokuQala HG & SG

  • Tshivenda uLwimi lokuQala HG & SG

  • Setswana uLwimi lwesiBini HG & SG

  • isiPhuthukezi HG & SG

  • iSpanishi HG & SG

3. Kucelwa niqinisekise ukuba abaviwa benu beeMviwo zeMatriki zango-2004 abenza naziphi na zezi lwimi zikhankanywe apha ngasentla balandela isilabhasi echanekileyo yaye bafunda iincwadi ezimiselweyo ezichanekileyo njengoko kubonisiwe kwizintlu eziqhotyoshelweyo.


ISAYINWE:NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:02:02

Final lists of prescribed works  (ubukhulu: 49 KB)