1. Nceda ufunde iNgcaciso eMfutshane ngezoPhuhliso lweKharityhulam 0066/2004.
2. Le ngcaciso ilandelayo kubonelelwa ngayo ukuququzelela isicwangciso sika-2005:
2.1 Kuya kuqhutywa iikhosi zokwazisa zonke izifundo zeCandelo leMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Further Education and Training (FET) zamaBakala 10 - 12 ngokulandelayo:
2.1.1 Ootitshala abasuka kwezi EMDC zemetropoli (North, South, East neCentral), kunye ne-EMDC enye esemaphandleni (West Coast/ Winelands) baya kuthatha inxaxheba kwiprogram yokwazisa ngeekhosi eentsuku-ntlanu ukususela ngoMvulo we-27 Juni ukuya kuLwesihlanu we-1 Julayi 2005.
2.1.2 Ukususela ngoMvulo we-4 Julayi ukuya kutsho nge-8 Julayi 2005, iya kuba ngootitshala abasuka kwezinye ii-EMDC ezimbini ezisemaphandleni, iBreederiver/Overberg neSouth Cape/Karoo, abaya kuthatha inxaxheba kwezi program.
2.1.3 Izifundo ezilandelayo ziya kuqhutywa ukususela kumhla we-26 ukuya kowe-30 Septemba 2005 ngeentsuku zeholide zezikolo:
Hospitality Studies
Tourism
Agricultural Sciences
Information Technology
2.2 IiKomiti zoLawulo zeZikolo (School Management Teams (SMTs) ziya kuya kwiseshoni yokwazisa ngethuba leeholide zikaMatshi/Apreli 2005.
2.3 Ikhosi yokuphuhlisa izakhono egxininisa kwiMpilo-ntle yoMntu, iSiphumo 1 seNgcaciso yeKharityhulam yeSizwe yezoLwazi ngezoBomi (Life Orientation National Curriculum Statement), iya kuqhutywa ngeeholide zesikolo ukulungiselela bonke ootitshala beBakala 10 abafundisa ngezoLwazi ngezoBomi. Njengoko ezoLwazi ngezoBomi isesinye sezifundo ezingundoqo ezifundiswayo, ukuphuculwa kwezakhono (upskilling) kunye nokuxhotyiswa ngezakhono ngokutsha (reskilling) kootitshala ukulungiselela ukuqaliswa kwe-FET: INgcaciso yeKharityhulam yeSizwe yezoLwazi ngezoBomi ngo-2006 kubaluleke kakhulu.
3. Ingcaciso emalunga neendawo ekuya kuqhutyelwa kuzo ezi seshoni iya kufumaneka phambi kokuphela kukaFebruwari 2005.
4. Bayacelwa bonke ootitshala bezifundoukuba bafundisise amaxwebhu e-FET NCS engcaciso ngezifundo athunyelwa ezikolweni kwakunye neSikhokelo noCalulo ngokuBanzi (Guidelines and Analysis) lokuqulethwe sisifundo esitsha, izakhono, iindlela zokusifundisa (methodology), ulwazi lwethekhinoloji kunye neemfuno zovavanyo ngokungqinelana neziphumo zokufunda ukulungiselela iikhosi zokwazisa ngo-2005.


ISAYINWE: P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:12:02