1. IBhunga eliQuquzelela uThetha-thethwano laBasebenzi beNkonzo kaRhulumente (Public Service Bargaining Council - PSCBC), kwizwelonke, liye laqulunqa imigqaliselo eyodwa yesibonelelo semali yezindlu ukulungiselela abaqeshwa ngokulandela imigaqo yeSigqibo 2/2004, ekufundwa kunye neSigqibo 3/1999 sePSBC.
2. Sinatyisiwe iskim sesibonelelo semali yezindlu esikhoyo ngoku ukwenzela ukuba sifunyanwe nangabaqeshwa abaneemvumelwano zerenti ukuze nabo baxhamle amalungelo esibonelelo semali yezindlu sikarhulumente ukususela kumhla woku-1 Januwari 2005.cing="0">
3. Le ngcaciso ilandelayo ibaluleke kakhulu ukuqinisekisa ukuba le migqaliselo iphunyezwa ngendlela engenamagingxi-gingxi:
3.1 Umenzi-sicelo makabe nendlu okanye abe uyayirenta apha eMzantsi Afrika nekuhlala kuyo umqeshwa lowo kunye/okanye inkosikazi yakhe/indoda yakhe kunye/okanye abantwana abondliwa nabaxhomekeke kuye.
3.2 Imali yesibonelelo sezindlu iza kuhlawulelwa :-
3.2.1 indlu enye kuphela;
3.2.2 umntu omnye kuphela kwabatshatileyo ukuba bobabini bangabasebenzi bakarhulumente, ngaphandle kwaxa kuthe, ngenxa yezizathu zomsebenzi, bathi kanti basebenza kwizithili ezahlukeneyo kwaye kunyanzelekile ukuba babe nezindlu ezimbini kwiindawo ezahlukeneyo; kunye
3.2.3 Neqela labaqeshwa abazimeleyo elineemvumelwano zokurenta ngokwahlukeneyo apho lihlala kwikhaya elinye. Ngamnye umqeshwa uya kufaneleka ukuba afumane imali yesibonelelo ukuba wenza isicelo sayo.
4. Izibonelelo zemali yezindlu ezikhoyo ngoku zisabalwa ngokungqinelana neSigqibo sePSCBC 3/1999 yaye ziza kuhlala zingatshintshi ngokumalunga nabaqeshwa abasele beyisebenzisa le nkqubo.
5. NgokweSigqibo 2/2004 kuza kuqaliswa isibonelelo semali yezindlu esingaxhuzulelwa penshini kubo bonke abaqeshwa abasisigxina ukususela kumhla woku-1 Januwari 2005 nesiza kumana konyuselwa ngolu hlobo lulandelayo
5.1 Ukususela kowoku-1 Januwari 2005, siya kuba yi-R100.00 ngenyanga isibonelelo semali yezindlu
5.2 Ukususela kowoku-1 Januwari 2006, siya kuba yi-40% yesibonelelo semali yezindlu
5.3 Ukususela kowu-1 Januwari 2007, siya kuba yi-60% yesibonelelo semali yezindlu
5.4 Ukususela kowu-1 Januwari 2008, siya kuba yi-80% yesibonelelo semali yezindlu
5.5 Ukususela kowoko-1 Januwari 2009, siya kuba yi-100% yesibonelelo semali yezindlu ukuya tsho kwi-R403.00 nesesona sixamali sikhulu ngenyanga.
6. Umqeshwa othenga indlu phambi okanye emva komhla wokuqalisa kokusebenza kweSigqibo 2/2004, uya kuthathelwa ingqalelo yokuba afumane iR 403.00 ngenyanga ngokuxhomekeka ekubeni umqeshwa kufuneka azlisekise yonke imiqathango nje ngokuba ikhankanyiwe kumhlathi wesithathu ongentla.
7. Abaqeshwa abasele befumana isibonelelo semali yezindlu engaphantsi kwesona sixamali sikhulu baya kuthi, njengenxalenye yesigaba yokuqaliswa kokumana kusonyuselwa isibonelelo, bafumane ukonyuselwa kwesibonelelo sabo semali yezindlu bade bafumane esona sixamali siphezulu njengoko kucacisiwe kumhlathi 5.
8. Irente ehlawulwa ngabasenzi abahlala kwizindlu zikarhulumente, iza kuqala ukususela ngomhla woku-1 Januwari 2005, njengoko oko kungumqathango weSebe leMfundo leNtshona Koloni, yenziwe ilingane nesona sixa siphezulu semali yesibonelelo sendlu, niengenxalenye yokuqaliswa kwenkqubo okanye ibi sisixa eso kugqitywa kuso ngokumalunga neSahluko XVI seSihlomelo B kwiSigqibo sePSCBC 3/1999, o.k.t isixa semali eya kukhutshelwa erenti iya kulingana nemali yesibonelelo sendlu.
9. Okuqhotyoshelwe apha yifom yesicelo sesibonelelo semali yezindlu yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSigqibo 2/2004) eya kusetyenziselwa kuphela injongo yezolawulo (administrative purpose) ngokumalunga nabantu abaneemvumelwano zengqesho yendawo yokuhlala (lease agreements). Umqeshwa ochaphazelekayo makazalise le fom aze ayibuyisele kwaNdlunkulu weSebe leMfundo leNtshona Koloni.
10. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abaqeshwa uze ubacele ukuba bayisayine babhale nomhla abayifunde ngawo njengobungqina bokuba bakufundile okubhalwe kuyo yaye bayakuqonda kakuhle.


ISAYINWE: J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:11:17

WCED’s housing allowance application form  (ubukhulu: 31 KB)