1. IBhunga lokuQinisekisa ngoMgangatho weMfundo kwiSigaba seMfundo Jikelele noQeqesho oluQhubelekayo (UMALUSI) liyingqinisisile inkqubo yokumodareyithwa kwamanqaku oVavanyo Rhoqo (CASS) yeBakala 12 yango-2003. Omabini amaqela, abangqinisisi baka-UMALUSI kunye namagosa eSebe leMfundo leNtshona Koloni, ayincome mpela inkqubo yokusebenzisa iiphothifoliyo kunye nokuphakama komgangatho wemisebenzi yovavanyo uphela. Kunikwe nengxelo yokuba iiphothifoliyo zazenziwe zaza zagcinwa kakuhle kakhulu.

2. Ngokubanzi kufunyenwe ukuba kwezi nkqubo zokungqinisiswa komgangatho kwiphondo nakuzwelonke ngo-2003 inkulu inzuzo efunyanywa kwiinkqubo zokusebenzisa iiphothifoliyo ekufundiseni, ekufundeni nakuvavanyo. Ootitshala baxhotyiswa mpela ngokuthi banikwe ithuba lokwabelana ngamava ezinto abazifundileyo yaye ngale ndlela bafunda ukulandela imigaqo nemigangatho efanayo.

3. Iingcebiso ezinikwe ngu-UMALUSI ziza kusetyenziselwa ukucacisa ngakumbi inkqubo yokumodareyitha yeSebe leMfundo leNtshona Koloni ngo-2004. Oku kulandelayo sisishwankathelo esifutshane sezi ngcebiso ngokubanzi:
  • Ii-EMDC, ngokusebenzisana nomququzeleli wephondo we-FET CASS, mazenze isicwangciso sokumodareyitha esibandakanya ukumodareyithwa qho kwesikolo, kwezikolo ezisebenzisanayo (cluster schools) nokwephondo.

  • Makulungiswe indlela yokumodareyitha kwinqanaba lokuqala (o.k.t. kwinqanaba lesikolo). Inkxaso kweli nqanaba ibaluleke kakhulu ukwenzela ukuqinisekisa umgangatho, yaye kwakhona iza kuba ngumqondiso kubafundi wokuba zikhathalelwe iimfuno zabo.

  • Kufuneka kumodareyithwe neepothifoliyo zootitshala ngokungqinelana nemigaqo-nkqubo kazwelonke kunye/okanye yephondo. Lo ngowona msebenzi ophambili woMcebisi ngezeKharityhulam okwi-EMDC. Nakuba kunjalo, iititshala ezongamele izifundo (heads of departments), iinqununu kunye nootitshala bonke bayakhuthazwa ukuba bathathe inxaxheba kwiiseshoni zokumodareyithwa kwezikolo ezisebenzisanayo, ukwenzela ukukhuthaza ukulandelwa kwemigaqo nemigangatho efanayo.

  • Ootitshala mabanike ingxelo ecacisela ngakumbi abafundi nabazali ngokuthe kwaqhubeka (feedback).

  • Abacwangcisi bezekharityhulam mabaphuhlise ulwazi lootitshala lokumakisha, lokuvavanya, nokwazi ukuthi gqaba gqaba ngolwimi nangokuqulathwe yimisebenzi emiselwe uvavanyo, ukwenzela ukuba abafundi babe nolwazi ngeempazamo zabo.

4. Ukuphunyezwa kwesicwangciso sophuhliso lwenkqubo ye-CASS sokumodareyitha ngo-2004 kuza kuququzelelwa kuze kulawulwe zii-EMDC. Ukwenzela ukulungiselela le nkqubo ngo-2004, izikolo ziza kunikwa imihla yeentlanganiso zokumodareyitha phakathi kuFebruwari 2004. Inkqubo yokumodareyitha iya kwenziwa ngethuba leentlanganiso ezintathu eziya kubakho njengoko unyaka uqhubeka:
  • Intlanganiso yokumisela imigangatho

  • Intlanganiso yokunika inkxaso nophuhliso

  • Intlanganiso yokugqibela yokumodareyithwa kwamaqela abafundi/komfundi ngamnye

5. Inkqubo yokungqinisiswa komgangatho ukwenzela ukuqinisekisa ukuba kumodareyithwe ngendlela eyiyo esemgangathweni nefanelekileyo iza kuqhutywa kula manqanaba mabini:
  • Kwinqanaba lephondo nguNdlunkulu

  • Kwinqanaba likazwelonke ngu-UMALUSI

6. Umngeni kulo ka-2004 kangangoko oku kuchaphazela iinkqubo zokumodareyitha nokungqinisisa umgangatho, ngulo ulandelayo:
  • Ukuqalisa inkqubo yokushenxa mpela kwiindlela zovavanyo ezibeka uninzi lwabafundi emndililini lize iqaqobana lenze kakuhle okanye kakubi (norm-referenced assessment) ngokuthi kusetyenziswe iindlela zokujonga imilinganiselo yovavanyo (criterion-referenced assessment)

  • Ukuqinisekisa ukuba imisebenzi yovavanyo yabafundi ibuyiselwa kubo ibhalwe amanqakwana anika ingcaciso (achaza indlela aqhube ngayo) ukwenzela ukunceda abafundi bakwazi ukuphucula umgangatho womsebenzi wabo

  • Ukunika iingxelo zokumodareyitha kuwo onke amanqanaba (o.k.t. izikolo, ii-EMDC noNdlunkulu)

Sakusoloko siyixabise kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:02:02