1. Le setyhula ithatha indawo yeSetyhula 135/2002.
2. Ngalinye iZiko leMfundo loLuntu (Community Learning Centre (CLC)) liya kufumana ileta minyaka le nge-15 Disemba evela kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni, ebonisa
2.1 inani labafundi elithe iZiko leMfundo loLuntu elo lafumana isabelo-mali ngenxa yabo
2.2 inani lezithuba zabo baqeshwe ngemvumelwano ithuba elipheleleyo (full time) elabelwe iZiko leMfundo loLuntu elo.
3. UKUGAYWA KWABASEBENZI
3.1 Ukuqeshwa kwabasebenzi bamaZiko eMfundo oLuntu
3.1.1 Zonke izithuba mazipapashwe.
3.1.2 Inani lezithuba elizabelweyo malisusele kwisabelo-mali esisemthethweni seCLC.
3.1.3 Emva kokuphethwa kodliwano-ndlebe, iifom zokutyunjwa kwabagqatswa (nomination forms) nale fom 9 yeCLC (ULuhlu looTitshala abakwiiCLC) ezaliswe zonke iinkcukacha mazingeniswe kwi-EMDC ngenjongo yokuba izivume (approval).
3.2 Inkxaso-mali ngomfundi weZiko nowamaZiko aDibeneyo (Combined Model CLC)
3.2.1 Kucetyiswa ukuba zonke izithuba mazipapashwe.
3.2.2 Emva kokuphethwa kwenkqubo yokugaywa nokuqeshwa kwabo, makuzaliswe zonke iinkcukacha zale fom 9 yeCLC (ULuhlu looTitshala abakwiiCLC) ize ingeniswe kwiEMDC.
3.3

Iziqinisekiso zemfundo

INQANABA

      IZIQINISEKISO ZEMFUNDO EZIFUNWAYO

Amanqanaba 1- 2

  • Isiqinisekiso seMfundo se-ABET esivunyiweyo OKANYE isiqinisekiso sokufundisa namava emfundo yabadala okanye e-ABET

  • Ukwazi ncam ukufunda, ukubhala nokuthetha ezona lwimi ziphambili zaseburhulumenteni zimbini zePhondo leNtshona Koloni (isi-Afrikansi, isiNgesi nesiXhosa)

Amanqanaba 3 - 4 e-ABET NQF 2 (IBakala 10) - NQF 4 (IBakala 12)

  • Isiqinisekiso seMfundo se-ABET esivunyiweyo soqeqesho ngokukodwa kwinkalo yesifundo eza kufundiswa OKANYE isiqinisekiso sokufundisa soqeqesho ngokukodwa kwinkalo yesifundo eza kufundiswa namava emfundo ye-ABET

  • Ukwazi ncam ukufunda, ukubhala nokuthetha ezona lwimi ziphambili zaseburhulumenteni zimbini zePhondo leNtshona Koloni (isi-Afrikansi, isiNgesi nesiXhosa)

3.4 Kuphela ngootitshala abaneziqinisekiso zoqeqesho olufanelekileyo abangaqeshwanga amabaqwalaselwe ngenjongo yengqesho.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:11:11