1. Ukungqinelana neSetyhula S3/2004 yeSebe leMfundo likazwelonke, iza kupheliswa ngo Disemba 2004 into eyenziwayo ngoku yokuvumela abafundi beBakala 11 bezikolo zikarhulumente nezizimeleyo ukuba babhalise njengabaviwa babucala/abangesosigxina (enrol as private/part-time candidates) ngenjongo yokuvavanyelwa iMatriki kwizifundo ezithile ukuze bafumane iMatriki benezifundo ezingaphezulu kwezo zithandathu zifunekayo.
2. Oku kuthetha ukuba ukususela ngo-2005 nawuphi na umviwa onqwenela ukwenza izifundo ezisixhenxe nangaphezulu kwiMatriki kuya kufuneka azibhale zonke ezo zifundo ekupheleni konyaka wakhe ekwiBakala 12.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:11:24