1. Ngokwengcebiso ka-UMALUSI, iBhunga lokuQinisekisa ngeMigangatho kwiMfundo noQeqesho oluQhubelekayo nangokungqinelana namanye amasebe akwamanye amaphondo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuyitshintsha ifomathi yePhepha 1 leJografi kuHlelo oluPhakamileyo nakuHlelo oluPhakathi kuviwo lweMatriki ukususela ku-Oktobha 2005.
2. IPhepha 1 (Iphepha leThiyori) liya kuba nemibuzo emithandathu endaweni yesixhenxe kodwa kusalindeleke ukuba abaviwa baphendule imibuzo emine. Ixesha elifunekayo lokufunda iphepha liya kuthi ke ngoko lincitshiswe. Aguzulwe amacandelo athile eJografi yemiMandla (Regional Geography) (iNamibia kunye neendawo ezaziphantsi koorhulumente bamaphandle (Homelands)) yaye amacandelo ngamacandelo aya kuvavanywa ngolu hlobo lulandelayo:
ICANDELOUMBUZOAMACANDELO
A1
2
Climate and Ecosystems
Geomorphology and Ecosystems
B3
4
Rural Settlements
Urban Settlements
C5
6
Regional Geography (Environment and Population background)
Regional Geography (Economy of RSA)

3. Kuya kulindeleka ukuba abaviwa basebenzise iintlobo ngeentlobo zezakhono zejografi nezeendlela zobuchule (techniques) ukuze bakwazi ukutolika nokusebenzisa ulwazi. Oku kuya kubenza bakwazi ukuhlanganisa amacandelo ahlukeneyo kumaPhepha 1 no-2.
4. Ezi zilungiso zifakelweyo zilapha ngasentla ziya kusebenza kubo bonke abaviwa abasisigxina nabangesosigxina, kungakhathaliseki nokuba isifundo eso sikhethwe njengesinye sezifundo ezithandathu ezinyanzelekileyo okanye njengesokongezelela.
5. Mazincede iinqununu zazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane uTitshala owoNgamele esi Sifundo, ootitshala abafundisa iJografi kwiMatriki nabafundi abenza esi sifundo bucala (privately).


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:11:11