1. ULWABIWO-MALI
1.1 Ngenxa yeSetyhula 0041/2004 yowe 17 Agasti 2004, kuqhotyoshelwe apha iinkcukacha zolwabiwo-mali lonyaka-mali osusela ku-1 Apreli 2005 kuye kuma-31 Matshi 2006. Kucelwa ukuba uthathele ingqalelo oku kulandelayo:
1.1.1 Nakuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni lacacisayo kwisetyhula ekhankanywe apha ngasentla ukuba izikolo ziya kwaziswa ngoSeptemba 2004 ngolwabiwo-mali ngokweMigaqo neMimiselo yoLwabiwo-mali yeZikolo (Norms and Standards -N&S) yethuba elisusela ku-1 Apreli 2005 kuye kuma-31 Matshi 2006, iye yalibaziseka inkqubo yokugqityezelwa kwebhajethi ka-2005/06 kunye nokugqityezelwa, emva koko, kokubonelelwa ngemali kwezithuba zootitshala bamaziko emfundo. Oku kulibaziseka makungachaphazeli ulwabiwo-mali ngokwe-N&S kwixesha elizayo yaye kujongwe ukuba izikolo ziya kuthi ukususela ngoku zaziswe ngesabelo sazo ngo-Agasti kunyaka ngamnye ukwenzela ukuba zibe nako ukucwangcisa iibhajethi zazo ukulungiselela unyaka olandelayo kwangethuba. Kungelishwa ukuba kulibaziseka ukubhengezwa kolu lwabiwo-mali ngokwe-N&S.
1.1.2 Ulwabiwo-mali ngokweMigaqo neMimiselo yoLwabiwo-mali yeZikolo (Norms and Standards -N&S) lonyaka-mali 2005/06 luya kubalwa ngokungqinelana nophando lwaminyaka le luka-2004. Kuza kwenziwa uphicotho lwamanani abafundi ngo-2005, yaye ukuba luthe olu phicotho-manani lwabonisa ukuba amanani angaphantsi kakhulu kwawophando lwaminyaka le, imali eyabelwa isikolo sakho ingancitshiswa kwangokunjalo nayo ngokungqinelana namanani lawo.
1.1.3 Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 ziya kufumana isabelo-mali sazo sonyaka-mali 2005/06 ngeentlawulo ezimbini, ezizezi zixa, 60% ngo-Apreli ne-40% ngoNovemba.
1.1.4 Kufuneka izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 ziyisebenzise intlawulo yokuqala yazo neya kwenziwa ngo-Apreli 2005, ekuthengeni iincwadi nezinto zokuncedisa ekufundeni (LSM) ukwenzela ukuba zibe nokufumaneka ngaphambi kokuphela kukaSeptemba 2005, kunye nokuhlawula enye inkcitho, njengoko kucacisiwe kumhlathi 2.1 apha ngasezantsi, ukuya kutsho yaye kubandakanywa nowe-31 Oktobha 2005. Enye intlawulo yemali (40%) neya kwenziwa ngoNovemba 2005 mayisetyenziselwe ukuhlawula iindleko zokuya kutsho kowe -31 Matshi 2006. Maziqaphele izikolo ukuba yonke imali mayisetyenziswe ngaloo nyaka-mali yabelwe yena.
1.1.5 Kufuneka izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 ziyahlula-hlule imali yesabelo sazo sonyaka-mali ophela ngowe-31 Matshi 2006 kwifom WCED 032 ibe ngamahlelo amathathu, angala, eye-LSM, eyeenkonzo zikamasipala neyolondolozo (maintenance) ngaphambi kowe -30 Apreli 2005. Lakufumana ifom WCED 032, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kutshekisha iibhajethi lize licebise izikolo ukuba ngaba zenziwe kakuhle na ukwenzela ukuba ziqhubeke nokuthenga iincwadi neempahla ezizifunileyo.
1.1.6 Imali eyabelwe izikolo ngokweSetyhula 0041/2004 mayisetyenziswe zizikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 iphele ngowama-31 Matshi 2005, njengoko iya kuphelelwa lixesha ngalo mhla. Imali yezikolo eziphantsi kweSiqendu 21 eyayigciniwe ngenxa yokuba izikolo ezo zatyeshela ukungenisa izishwankathelo zenkcitho zekota ngefom WCED 43, iya kuphelelwa lixesha ngowama-31 Matshi 2005.

2. UKUSETYENZISWA KWESABELO-MALI
2.1 Esi sabelo-mali senzelwa ukuthenga iincwadi nezinto zokuncedisa ekufundeni (learning support materials) (LSM), ukuhlawula iinkonzo zikamasipala, ukubonelela ngezona zinto zibalulekileyo kulondolozo lwemihla ngemihla lwezakhiwo zesikolo, amabala nezixhobo zokufunda (ulondolozo olwenziwa sisikolo), kunye nokuhlawula ezinye iindleko ezikhoyo.
2.1.1 Iincwadi nezinto zokuncedisa ekufundeni (LSM)
(a) Kucetyiswa ukuba izikolo ziyahlula-hlule imali eziyabelweyo ngolu hlobo lulandelayo ngokweendidi ngeendidi zeendleko
  • I-60% isetyenziswe ngokunxulumene neendleko zeencwadi zezifundo ezimiselweyo (textbooks) nezinye ii-odolo zeencwadi zika-2006. Ngamnye umfundi makabe nencwadi yesifundo emiselweyo ngenkalo yesifundo nganye/ngesifundo ngasinye. Khangela kwiSihlomelo A ngokumalunga noluhlu lwezinto ezifakiweyo phantsi kweencwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi.

  • I-20% isetyenziselwe iinkonzo zikamasipala

  • I-4% isetyenziselwe ulondolozo lwesikolo

  • I-16% isetyenziselwe ukuhlawula izinto ezithengwe sisikolo (local purchases)

(b) Izikolo zinokuthi, phantsi kwale miqathango ilandelayo, zikhuphe isabelo esincinane kwiincwadi zezifundo ezimiselweyo nakwezinye iincwadi:
  • Ukuba ngamnye umfundi osesikolweni unencwadi emiselweyo yenkalo yesifundo nganye/yesifundo ngasinye YAYE ukuba ibhunga lolawulo lithathe isigqibo ngokusesikweni ngokumalunga nokutenxa kokumiselweyo.

  • Ukuba isigqibo sebhunga elilawulayo ngokumalunga nebhajethi eselingeniswe kwintlanganiso yabazali sicacisiwe yaye isixa-mali esichithwe kwiincwadi ezimiselweyo nakwezinye iincwadi ngomfundi ngamnye sesikhankanyiwe. Esi sigqibo masingeniswe kwintlanganiso yabazali, nokuba ngaba umphathi wesekethe uyasixhasa okanye akasixhasi.

2.1.2 Iinkonzo zikamasipala
(a) Injongo yesabelo ngokwe-N&S esiya ezikolweni, phakathi kwezinye izinto, sesokuhlawula ii-akhawunti zeenkonzo zikamasipala, o.k.t. umbane, amanzi, ugutyulo lomphutha (sewerage removal), ukuthuthwa kwenkunkuma, njl. njl. yaye asibandakanyi ukuhlawulwa kwerhafu yepropathi. Njengoko kwakunjalo nakwixesha elidlulileyo, uRhulumente uya kuhlawula irhafu yepropathi ebhaliswe ngegama leRiphablikhi yoMzantsi Afrika.
(b) Intlawulo yee-akhawunti zeenkonzo zikamasipala yezikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21, neyayidla ngokuhlawulwa ngaphambili liSebe leMfundo leNtshona Koloni, seyadluliselwa ezikolweni ukususela ukuqala konyaka wesikolo u-2004. Kodwa ezinye izikolo zavakalisa ukuba azifuni kulawula ii-akhawunti zeenkonzo zoomasipala yaye ii-akhawunti zoomasipala zazo ziya kuqhubeka zihlawulwe yi-EMDC neya kuthi yona inike izikolo ezo iikopi zeentlawulo zenyanga ngenjongo yokuba zizitshekishe zize zingqine ukuba yonke into yenzeke kakuhle.
(c) Izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 mazibale imali ebekelwe iinkonzo zikamasipala ngokweendlela zesiqhelo zenkcitho yezi nkonzo zize ziyibonise kwifom WCED 032. Esi sixa-mali kunye nemali yolondolozo ziya kuhlawulwa ngaxeshanye kwizikolo ezavumayo ukwenza lo msebenzi.
(d) Kwezinye zezinto emazenziwe zizikolo, kukuphumeza amanyathelo okonga imali aboniswe kwiSihlomelo B.
(e) U-ESKOM noninzi loomasipala bavakalise ukuba bangazenza ezikolweni iimitha zombane ohlawulelwa ungekasetyenziswa (pre-paid electricity meters). Oku kuya kwenza izikolo zibe nolawulo olubhetele losetyenziso lombane nenkcitho ngombane. Kumaxa amaninzi umbane ohlawulelwa ungekasetyenziswa ubiza kancinane kunalowo uhlawulwa sowusetyenzisiwe.
2.1.3 Ulondolozo lwemihla ngemihla
(a) Ulondolozo lwezona zinto zibalulekileyo lwemihla ngemihla o.k.t. ukulungiswa kwengxaki yakuvela, kuthintela ulungiso olungxamisekileyo nomonakalo omkhulu ongakho kamva kwanenkcitho-mali enkulu. Oku kubandakanya ukucocwa, ukulungiswa zingcitywe okanye ukukhutshwa kwezinto ezonakeleyo kufakwe ezinye kwizakhiwo nakwimihlaba yesikolo
(b) Izikolo mazizenzele ibhajethi yolondolozo lwemihla-ngemihla lwezixhobo ngokwemeko yezakhiwo nemihlaba yazo. Apho kuyimfuneko inxenye yesabelo-mali ngokwe-N&S esetyenziselwe le njongo mayiphinde yongezwe ngemali ephuma kwisikolo ngokwaso.
(c) Makubekwe bucala esinye isixa-mali solondolozo lwezixhobo. Izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 mazibonise izabelo-mali ezenzelwe ulondolozo lwezakhiwo, imihlaba nezixhobo zokusebenza njengesixa esinye kwifom WCED 032.
(d) Iibhasari zokuhlala ehostele zingasetyenziswa ukuxhasa ngemali ulondolozo lwezixhobo lwemihla ngemihla neendleko zokugcinwa kweehostele. Makungaze kusetyenziswe isabelo-mali ngokwe-N&S ukulungiselela le njongo.
(e) Luxanduva lwezikolo ukuzihlawulela imali yazo yerenti neyolondolozo lwezixhobo.
2.2 ISebe leMfundo leNtshona Koloni aliyi kwamkela butyala ngentlawulo yazo naziphi ii-akhawunti apho izikolo zichithe ngaphezu komlinganiselo osisabelo sazo. Kuya kufuneka izikolo zizihlawulele ngokwazo ezi ndleko. Ukuba kuthi ngenxa yaso nasiphi na isizathu, nesaluhlobo luni na, izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 zigqithise kwisabelo sazo ngokwe-N&S, nayiphi na inkcitho engaphezulu iya kuxhuzulwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni kwisabelo sesikolo sonyaka olandelayo. Ukuba isikolo esingekho phantsi kweSiqendu 21 asiyisebenzisanga yonke imali yaso yonyaka esiyabelweyo, isixa-mali esisashiyekileyo siya kuphelelwa lixesha.

3. INGENISO EYENZIWA SISIKOLO NGOKWASO

URhulumente akanako ukunika izikolo imali evela kwingxowa-mali yakhe ngokwanelisayo. NgokweSiqendu 36 (1) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, (UMthetho 84/1996), njengoko ufakelwe izilungiso, (SASA), amabhunga olawulo makathathe amanyathelo afanelekileyo okuncedisana nesabelo sikaRhulumente.


4. UKUNIKA INGXELO

Makungeniswe iingxelo zekota ezingenkcitho yemali ngefom WCED 043 (inkcitho eya kutsho kuma-31 Matshi, 30 Juni, 30 Septemba, nama 31 Disemba).


5 ULUNGISO LOMONAKALO OMKHULU OLUNGXAMISEKILEYO

Ngokomhlathi 114 weMimiselo ye-N&S ulungiso olungxamisekileyo lwezakhiwo ezonakeleyo olulolu hlobo luluxanduva lweSebe leMfundo leNtshona Koloni, kodwa olo lungiso luxhomekeke ekubeni ikho na imali yokwenza oku. Ezi ntlobo zolungiso lomonakalo zilandelayo ziya kuqwalaselwa ngokungqinelana neenkqubo ezikwiSetyhula 175/2000:

IHLELO A

Umonakalo omkhulu odalwe ziintlekele zendalo, iingxaki zesakhiwo nomlilo. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuyithathela kulo le misebenzi yolungiso lwezakhiwo olungxamisekileyo kuphela xa iindleko zingaphezu kwama-R5 000 nangokuxhomekeka ekubeni ikho imali eyaneleyo. Eli Sebe leMfundo linokuthi kwakhona, ngokwengqiqo yalo, lijonge ukuba alinakufaka imali yokuhlawulela umonakalo kwi-akhawunti yebhanki yesikolo ukulungiselela ukuthenga izinto zokwakha kwiimeko apho ungemkhulu kangako umonakalo.
IHLELO B

ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuyithathela kulo le MISEBENZI YOLUNGISO INGXAMISEKILEYO kuphela xa impilo nokhuseleko lootitshala nabafundi lusengozini yaye kukho imali eyaneleyo:
  • Ukufakelwa/ukulungiswa kwemibhobho yamanzi ephantsi komhlaba kunye nemibhobho yogutyulo lomphutha (sewer pipes)

  • Ukulungiswa kweekhebhile zombane (electric cables) eziphantsi komhlaba

  • Ukulungiswa kweegiza zombane (kwiihostele kuphela)

  • Ukulungiswa kwesona sixhobo sikhulu sisetyenziswayo ehostele

  • Ukulungiswa kweendawo zokugcina amanzi okusela

(Uncedo lungaluhlobo lokunika imali yokuthenga izinto eziza kusetyenzwa kuphela). Izikolo mazingenise iikoteshini ezi-3. Umsebenzi wokulungisa umonakalo ungaqalisa kuphela emva kokufumaneka kwesigunyaziso soko esivela kwaNdlunkulu.

6. ZIFUNYANWA NJANI IINCWADI NEZINTO ZOKUNCEDISA EKUFUNDENI
6.1 Izikolo njengangoku ezingafakwanga kuluhlu lwamaziko aphantsi kweSiqendu 21 mazilandele iinkqubo ezimiselweyo kwiSihlomelo A.
6.2 Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 mazizithengele i-LSM yazo zizenzele nenye inkcitho ngokwazo.
6.3 Ukuba izikolo zifuna uncedo ngokukhetha i-LSM nokuthetha-thethana nabathengisi-zincwadi ngawona maxabiso abhetele zinako ukunxibelelana nee-EMDC zazo.

7. EMINYE IMIQATHANGO
7.1 Ibhunga lolawulo malibe nolawulo olululo kwinkcitho njengoko kucacisiwe kule ncwadana Manual of Basic Financial System for Schools. Ukuba amalunga ebhunga lolawulo lesikolo akanabo ubungcali obuyimfuneko bokulawula inkcitho ngendlela eyiyo, makakhethe (co-opt) umntu oya kuba nako ukuwancedisa.
7.2 Yonke imali yesikolo, efunyenwe kwisabelo sikaRhulumente kwangokunjalo naleyo evela kwisikolo ngokwaso, mayisetyenziselwe iinjongo ezinxulumene ngqo nezemfundo, ngakumbi ukuthenga iincwadi ezimiselweyo nezinye iincwadi kunye nezinye izinto zokuncedisa ekufundeni. Ngokomgaqo-nkqubo weSebe leMfundo leNtshona Koloni makungaze kwenziwe iikopi zeencwadi zezifundo ezimiselweyo (textbooks) kunye neencwadi zokufunda (readers) njengoko oku ikukunyhasha uMthetho weLungelo eliValela uKwenziwa kweeKopi, 98/1978 (Copyright Act, 98/1978). Inkcitho eyenzelwa amatheko, ulonwabo, iihambo eziyimfundiso (excursions) okanye iihambo maziyiphephe izikolo.
7.3 Eli Sebe leMfundo linelungelo lokuhlola iirekhodi ezinxulumene nemali yesikolo kunye nokuthatha amanyathelo ngakuye nawuphi na umsebenzi okanye ilungu lebhunga lolawulo, ukuba lithe lachaphazeleka kwizenzo zokusetyenziswa ngendlela engeyiyo kwemali yesikolo. Ukulungiselela le njongo izikolo mazigcine bonke ubungqina bengeniso nenkcitho.
7.4 NgokweSiqendu 43(5) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika isikolo masingenise (kuMlawuli we-EMDC echaphazelekayo ngenjongo yokuba ayiqwalasele) isethi yamaxwebhu engxelo-mali aphicothiweyo (audited set of financial statements) onyaka-mali ongaphambili nge-30 Juni kunyaka ngamnye.
7.5 Zonke izikolo mazilandele ngqo lo mgaqo-nkqubo Preferential Procurement Policy wephondo ngokumalunga nokusetyenziswa kwesabelo-mali ngokwe-N&S ekuthengeni iincwadi ezimiselweyo kwanezinye iincwadi. Ukulungiselela le njongo, kukho izintlu ezimbini zabathengisi-zincwadi. Uluhlu lokuqala (luluhlu olukhethwa kuqala) olumele abo bathengisi kufuneka bakhethwe kuqala. Ngabo babizwa ngokuba ngabasuka kwii-Historically Disadvantaged Individuals (HDIs) kunye ne-Small, Medium and Micro Enterprises (SMMEs). Izikolo mazithenge iincwadi ezimiselweyo nezinye iincwadi ngexabiso ubuncinane eliya kutsho kuma-70% esabelo seN&S kubathengisi abakolu luhlu lokuqala. Iincwadi ezimiselweyo nezinye iincwadi zingathengwa kubathengisi abakuluhlu lwesibini ngebhalansi (eyi-30% yesabelo seencwadi ezimiselweyo kunye nezinye iincwadi). Ezi zintlu zintsha zathunyelwa ezikolweni ngeesetyhula ezahlukeneyo.
7.6 Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba luxanduva lwazo ukuzama mpela ukuthetha-thethana ngezaphulelo zazo ezikhulu nabo bathengisi-zincwadi zithenga kubo.
7.7 Zonke izikolo mazingenise ifom WCED 043 kwi-EMDC echaphazelekayo zingaphelanga iintsuku ezingama-30 zokuphela kwekota nganye. Imali iya kuhlawulwa kuphela kwizikolo ezingxelo zefom WCED 043 zifunyenweyo malunga nokusetyenziswa kwemali kwiikota ezingaphambili yaye izezanelisayo. Le fom WCED 043 ekwifomathi yekhompyutha sele ifumaneka kwi-EMDC echaphazelekayo.

8. ISICELO SOKUFAKWA KWESIKOLO PHANTSI KWESIQENDU 21

Izicelo ezitsha zokutshintsha ukusuka ekubeni sisikolo esingekho phantsi kweSiqendu 21 sibe phantsi kweSiqendu 21 mazingeniswe ngaphambi kowe-31 Januwari 2005 ngale fom eqhotyoshelweyo. Izikolo eziphumeleleyo ziya kufakwa phantsi kweSiqendu 21 ukususela kunyaka-mali olandelayo, o. k. t., ukususela kowe-1 Apreli 2005.


9. IZIBHENO

Ukuba isikolo sinorhano lokuba kukho iimpazamo ekubalweni kwesabelo saso ngokwe-N&S okanye ukuba kukho imeko eyahluke mpela kwezinye kwisikolo eso, sinokwenza isibheno esichasa isabelo eso kuMlawuli oJongene noLawulo lweBhajethi (Director: Budget Management (Private Bag X9114), Cape Town 8000)). Izibheno ezo maziquphe zingqale ngqo emxholweni yaye zifike kweli sebe ungadlulanga owe-15 Disemba 2005.


10. NAZII IINOMBOLO ZONXIBELELWANO ZOKWENZA IMIBUZO
ISihlokoIgamaInombolo yefoni
Iifom WCED 043 zeengxelo zekota neengxelo-mali zonyaka eziphicothiweyoISekela-mlawuli kwezoLawulo kwi-EMDCYeye-EMDC echaphazelekayo
IzibhenoMnu V Barkhuizen021 467 2177
Ukuhlelwa kwesabelo sonyaka - kwifom WCED 032Mnu C Prins021 467 2801
Ukuthengwa kweencwadi ezimiselweyo nezinye iincwadi (WCED 034) nokuthengwa kwezinto kuloo ngingqi (WCED 026). Zonke izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21Mnu B. Stoffels021 900 7062
Iintlawulo ezifakwa kwii-akhawunti zebhanki zezikolo (izabelo-mali ngokwe-N&S) Mnu I Morkel021 467 2768
Ulungiso lomonakalo olungxamisekileyoMnu G Martin021 467 2137



ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:11:15

isiHlomelo A  (ubukhulu: 20 KB)
isiHlomelo B  (ubukhulu: 8 KB)
isiHlomelo C  (ubukhulu: 23 KB)
Application for Article 21 Status  (ubukhulu: 8 KB)
Form WCED - WKOD 26  (ubukhulu: 10 KB)
Form WCED - WKOD 32  (ubukhulu: 11 KB)
Form WCED - WKOD 34  (ubukhulu: 8 KB)
Form WCED - WKOD 43  (ubukhulu: 33 KB)