1. IiSetyhula 0013/2004 no-0167/2003 kunye neNgcaciso eMfutshane ngeeMviwo 0031/2004 zinika umhla wokuvalwa kokubhalisela (entries) iimviwo zeMatriki njengomhla we-15 Matshi kunyaka ngamnye. Oku kukwabhekiselele nakumahlelo abaviwa abaya kubhala ngawo izifundo zabo.  NgokweSetyhula 0013/2004 abaviwa bangathi, kwiimeko ezizodwa, benze isicelo sokutshintshwa kohlelo phambi kowama-30 Apreli wonyaka wokubhalwa koviwo.
2. Ngo-2004 abaviwa ababhale isifundo/izifundo zabo kuhlelo olwahlukileyo kolo bebebhalisele lona baya kuzifumana iziphumo zabo lakuba nje eli Sebe leMfundo lizigqibile ukuzilungisa, kodwa iziphumo zabo ezipheleleyo aziyi kufumaneka ngaxeshanye nezo zabanye abaviwa.
3. Qaphela ukuba lo mnyinyiva usebenza kuphela kwiimviwo zeMatriki zango-2004, nokuba ukususela ku-2005 kuza kusebenza ngokumalunga noku umgaqo-nkqubo osemthethweni weSebe leMfundo leNtshona Koloni, njengoko ubhaliwe kwiSetyhula 0013/2004.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:11:24