1. |
INGCACISO YOKWANDLALELA |
1.1 |
|
Izithuba ezabelwe izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo zabalwa ngokwemigaqo nemiqathango ekwiNdlela eHlaziyiweyo yoLwabiwo lweZithuba (Revised Post Distribution Model) (RPDM) eyaqhotyoshelwa kwiSetyhula 0143/2002 yowe-15 Novemba 2002 njengeSihlomelo A. Oku kuthetha ukuba kusetyenziswe kwalaa migaqo nalaa miqathango minye yasetyenziswa kulwabiwo lwezithuba zango-2003 nango-2004 nangalo ka-2005. |
1.2 |
|
Njengoko kumiselwe ngumthetho, iSebe leMfundo leNtshona Koloni lithetha-thethene ngokufanelekileyo nemibutho yabasebenzi yePhondo ekwiBhunga leMfundo lezoBudlelane emiSebenzini (Provincial Education Labour Relations Council) (PELRC), kwakunye nemibutho yamabhunga olawulo ezikolo eyaziwayo ngokumalunga nezi zithuba zabelwe izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo. |
2. |
IMIQATHANGO (IMIGAQO NGOKUBANZI) |
2.1 |
|
Ngokwemiqathango yeRPDM, izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo mazinikwe izithuba zazo ezabelwa iziko ngonyaka phambi kokuphela kukaSeptemba wonyaka ongaphambili. (Amaqela achaphazelekayo ayazazi izizathu zokuba kungani na izithuba zabelwe izikolo ngo-2005 zingakhutshwanga ngaphambi kokuphela kukaSeptemba 2004. Ngokumalunga noku kucelwa ukuba ufunde le Ngcaciso eMfutshane DPE Minute 0007/2004 yowe-3 Septemba 2004.) Oku kuthetha ukuba ziya kuphelelwa ekupheleni kuka-2004 zonke izithuba ezanikwa izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo, kwakunye nazo zonke izithuba ezongezelelwayo zenqanaba 1 ezenziwa zakho ngo-2004 ngenxa yokwanda kwenani labafundi ababhalisiweyo okanye ngenxa yeemfuno zekharityhulam zeziko lemfundo. |
2.2 |
|
Izithuba ezenziwa zakho ngenjongo yokukhawulelana nemeko yethutyana (ukongeza phezu kwezo ziboniswe kwizithuba ezisisigxina ezabelwe isikolo) nezanikwa izikolo ekupheleni kuka-2003 ngenjongo yokuba zisetyenziswe ngo-2004 ukwenzela ukuqinisekisa ukuba izikolo ezithile zinomlinganiselo wenani emalifundiswe ngutitshala oyi-33:1 (kwizikolo ezizisekondari) okanye oyi-39:1 (kwizikolo zaseprayimari) nazo ziya kuphelelwa ekupheleni kuka-2004. |
2.3 |
|
Izikolo ziya kwaziswa ngeleta eyahlukieyo ngemeko yazo ngokumalunga nezithuba eziveliswe ngenjongo yokukhawulelana nemeko yethutyana kwiziko elo ngo-2004. |
2.4 |
|
Kuza kusebenza ukuhlelwa kwezithuba neenkcazo zazo okukwiSigqibo 4/2003 seMvumelwano neMibutho yaBasebenzi ekwiBhunga leMfundo lezoBudlelane emiSebenzini (ELRC Collective Agreement 4/2003) ngokumalunga nolwabiwo lwezi zithuba. Funda iSetyhula 0161/2003 yowe-25 Julayi 2003 ngokumalunga noku. Mazincede iintloko zamaziko emfundo ziqaphele ukuba ukuhlelwa kwezithuba neenkcazo zazo kubonelela ngesithuba seNgcali kwezeMfundo (Education Specialist), ebesisakwaziwa ngaphambili ngokuba sesoTitshala oWongamele iZifundo (Head of Department (HOD)). Ezi zithuba zeeNgcali kwezeMfundo zifumaneka kumakhondo emfundo okuFundisa nokuFunda noLawulo (Teaching and Learning and Management). Njengoko eli Sebe leMfundo limaxhaphetshu liqulunqa imigaqo nemiqathango yokusetyenziswa kwezi zithuba, kugqitywe ekubeni lingahlulwa-hlulwa inani lezi zithuba zeeNgcali kwezeMfundo zokuFundisa nokuFunda noLawulo. Okweli thutyana ezi zithuba ziya kubizwa ngokuba zezeNgcali kwezeMfundo de kube lelo xesha apho eli Sebe leMfundo liya kuba nako ukunika imigaqo ecacileyo ngokumalunga nokusetyenziswa kwezi zithuba. |
2.5 |
|
NgokweSigqibo 4/2003 seMvumelwano neMibutho yaBasebenzi ekwiBhunga leMfundo lezoBudlelane emiSebenzini, izithuba zeenqununu, ngaphandle kwezithuba zeenqununu u-P1 ezikwisithuba senqanaba 2, ziye zabekwa kwisithuba senqanaba 4. Imigaqo yohlelo ngokumalunga nezithuba zeenqununu ayikaphethwa kwi-ELRC yaye ngenxa yoku zonke izikolo mazigcine iintlelo zezithuba zango-2003 de kukhutshwe esinye isaziso. |
2.6 |
|
UKUBALWA KWAKHONA KWENANI LEZITHUBA
Lilungelo leSebe leMfundo leNtshona Koloni ukubala kwakhona inani lezithuba zeziko ukuba kuye kwafunyanwa ukuba kukho nayiphi na ingcaciso engachanekanga.
|
2.7 |
|
UKUNCIPHA KWENANI LOBHALISO NGOSUKU LOKUQALA LWESIKOLO: 2005 |
2.7.1 |
|
Kwimeko apho linciphileyo inani lobhaliso lwabafundi xa zivulwa izikolo ngo-2005, o.k.t. apho inani lobhaliso lwabafundi ngosuku lokuqala lwesikolo lingaphantsi kwenani labafundi (ngokwamanani esaveyi eyenziwa qho ngonyaka yango-2004) eliboniswe kwizithuba ezabelwe iziko elo ngo-2005, zinokuzaliswa kuphela kangangoko kulingana nomlinganiselo wenani labafundi emalifundiswe ngutitshala kwizithuba ezabelwe iziko elo ngo-2005. |
2.7.2 |
|
Oku kulapha ngasentla kuthetha ukuthi, ukuba lithi inani lezithuba ezabelwe isikolo ngowe-2005, ngokususela kwinani lesaveyi eyenziwa qho ngonyaka yango-2004 yabafundi abali-1000, libonelele ngezithuba ezingama-30 (enika umlinganiselo wenani labafundi emalifundiswe ngutitshala ongu-33.33 ngokumalunga nesikolo esichaphazelekayo) lize inani lobhaliso lwabafundi kusuku lokuqala esikolweni ngo-2005 libe lingu-920, inqununu inokuzalisa ama-28 ezithuba kuphela, o.k.t ama-920 ohlula-hlulwe ngo-33.33 aba ngu-28 (27.60). Izithuba ezibini ezishiyekileyo ziya kutshitshiswa zize zabelwe ezinye izikolo apho kuye kwakho ukukhula khona kwamanani. |
2.7.3 |
|
Iinqununu mazixele nakuphi na ukuhla kwamanani abafundi ababhalisiweyo kumphathi wesekethe ochaphazelekayo lungadlulanga usuku lweshumi lwesikolo ngo-2005. |
2.7.4 |
|
Le miqathango ekhankanywe apha ngasentla AYISEBENZI kwizikolo apho ZONKE izithuba ezikhoyo zizaliswe ngootitshala abasisigxina. Nakuba kunjalo, ukuba kuthi kuvuleke isithuba ngenxa yaso nasiphi na isizathu, kuya kusetyenziswa kwale miqathango. |
2.8 |
|
UKUNCIPHA KWENANI LOBHALISO NGETHUBA LOKUQHUBEKA KONYAKA U-2005
Lilungelo leSebe leMfundo leNtshona Koloni ukutshitshisa izithuba zenqanaba 1 ukuba kukho ukuhla kwamanani obhaliso lwabafundi esikolweni ngethuba lokuqhubeka konyaka u-2005. Kwiimeko ezinjengezi ootitshala abaqeshwe ngokungesosigxina (temporary capacity) baya kutshintshelwa kwizithuba ezikwamanye amaziko. Ngako oko ke ziyacelwa iintloko zamaziko emfundo ukuba zixelele ootitshala abaqeshwe ngokungesosigxina xa begayelwa ukuqeshwa ezithubeni, ukuba baya kuqeshwa phantsi komqathango wokuba baya kutshintshelwa kwamanye amaziko xa kutshitshiswa izithuba ngenxa yokuncipha kwenani lobhaliso lwabafundi.
|
2.9 |
|
UKWANDA KWENANI LOBHALISO NGO-2005
Izicelo zokwenziwa kwezithuba ezongezelelweyo ngenxa yokwanda kwenani lobhaliso lwabafundi mazingeniswe kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni ngokungqinelana neSetyhula 0011/2003 yowe-16 Januwari 2003, ukuze ziqwalaselwe ngulo Head: Subdirectorate Provisioning (Directorate: Personnel Management (Educators)).
|
3. |
IZITHUBA EZABELWE AMAZIKO NGO-2005 |
3.1 |
|
UKWANDA KWINANI LEZITHUBA
Kwimeko apho kuye kwakho ukwanda kwinani lezithuba zootitshala, izithuba ezitsha eziye zavela zinokuzaliswa ngolu hlobo lulandelayo:
|
3.1.1 |
|
Ngokumatanisa (by matching) izithuba ezilingana nezo bakuzo ootitshala abangaphezu kwemfuneko baze bafakwe kwezo ndawo (Makuqatshelwe ukuba le yinkqubo eqhubeka okokoko nekhethwa kuqala ngaphezu kwaleyo yokupapashwa kuluhlu lwezaziso zezithuba.) |
3.1.2 |
|
Ngokupapashwa kuluhlu lwezaziso zezithuba ngenjongo yokuzaliswa ngokusisigxina kwazo (Oku kuthetha ukuba izithuba zenqanaba 1 nezithuba zonyuselo-sikhundleni mazipapashwe ngokukhawuleza kakhulu zakuvela.) |
3.1.3 |
|
Ngokuqeshwa kotitshala ngokungesosigxina okanye abe ngobambeleyo (acting capacity) ngokwemigaqo emiselweyo yomgaqo-nkqubo okhoyo |
3.2 |
|
UKUNCIPHA KWINANI LEZITHUBA |
3.2.1 |
|
Kwimeko apho liye lancipha inani lezithuba (o.k.t. apho kutshitshiswe isithuba okanye izithuba), iziko lemfundo lingazalisa kuphela elo nani lezithuba libonisiweyo kuluhlu lwezithuba elizabelweyo. Ngako oko ke oku kuthetha ukuba iziko lemfundo alinako konke konke ukuzalisa ngaphezu kwenani lezithuba elizabelweyo. |
3.2.2 |
|
Ukuba kuthe kwakho inani lootitshala abaqeshwe ngokusisigxina elingaphezu kwenani lezithuba ezabelwe elo ziko, elo ziko alinako ukuphinda liqeshe abanye ootitshala nokuba ngaba kungokusisigxina okanye ngokungesosigxina. |
3.2.3 |
|
Ziyakhunjuzwa kwakhona iintloko zamaziko emfundo ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni aliliniki iziko ootitshala abambeleyo apho bangaphezu kwenani lezithuba ootitshala abaqeshwe ngokusisigxina kulo. |
3.2.4 |
|
Ootitshala abaqeshwe ngokusisigxina mabavakaliswe njengabangaphezu kwemfuneko ngokweSigqibo 2/2003 seMvumelwano neMibutho yaBasebenzi ekwiBhunga leMfundo lezoBudlelane emiSebenzini (ELRC Collective Agreement 4/2003). |
3.3 |
|
UKUZALISWA KWEZITHUBA EZIPAPASHIWEYO |
3.3.1 |
|
Zonke izithuba esele zipapashwe kuluhlu lwezithuba lwesebe zingazaliswa ngokusisigxina ngokuxhomekeka ekubeni isithuba eso sikho kwinani lezithuba ezabelwe iziko ngo-2005. |
3.3.2 |
|
Ukuba kuthi kanti isithuba asikho kwinani lezithuba ezabelwe iziko ngo-2005, elo ziko alinalungelo leso sithuba yaye kuya kuthathwa ngokuba sipapashwe ngempazamo. |
3.3.3 |
|
Ukuba zithi iintloko zamaziko emfundo kunye namabhunga olawulo babe noluvo lokuba inkcazo yesithuba esipapashiweyo ayisazanelisi iimfuno zekharityhulam zelo ziko, banokucela ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni lisithathe eso sithuba njengesipapashwe ngempazamo. Isicelo esilolu hlobo masihambe kunye nenkcaco ebanzi yezizathu ezisixhasayo. |
3.3.4 |
|
ISebe leMfundo leNtshona Koloni lenze isigqibo sokuba liwutshitshise umgaqo womgaqo-nkqubo ekuthi ngawo izikolo ezinezithuba ezingamashumi amabini nangaphezulu kufuneke zizalise isithuba esingesosigxina esinye. Ngako oko ke zonke izithuba eziboniswe kuluhlu lwezithuba ezisisigxina ezabelwe iziko zingapapashwa njengezingenamntu ngenjongo yokuba zizaliswe ngokusisigxina. |
3.4 |
|
OOTITSHALA ABANGAPHEZU KWEMFUNEKO |
3.4.1 |
|
Ootitshala esekuthiwe bangaphezu kwemfuneko, ngokususela kulwabiwo lwezithuba lwangaphambili nangokungqinelana neenkqubo zangaphambili, nabasengaphezu kwemfuneko nangoku, baya kugcina loo meko yabo yokubangaphezu kwemfuneko (retain their in excess status). Imeko yaba titshala iya kusingathwa ngokulandela izivumelwano nemibutho yabasebenzi ekwiBhunga leMfundo lezoBudlelane emiSebenzini. |
3.4.2 |
|
Aba titshala bangaphezu kwemfuneko (funda umhlathi 3.4.1) banokufakwa ezithubeni ezabelwe amaziko ngokutsha ngokuthi kumataniswe (by matching) izithuba ezilingana nezo bakuzo (funda umhlathi 3.1.1). |
3.4.3 |
|
Njengoko kucacisiwe kumhlathi 3.2.4 apha ngasentla, ootitshala abaqeshwe ngokusisigxina mabavakaliswe njengabangaphezu kwemfuneko (in excess) ngokweSigqibo 2/2003 seMvumelwano neMibutho yaBasebenzi ekwiBhunga leMfundo lezoBudlelane emiSebenzini (ELRC). |
3.5 |
|
UKUHLAZIYWA KOLWABIWO LWEZITHUBA ZAMAZIKO NGO: 2005 |
3.5.1 |
|
ISebe leMfundo leNtshona Koloni labele iqela lezithuba elinokuzihlawula amaziko aphantsi kwalo ngokulandela ngqo imiqathango ekwiNdlela eHlaziyiweyo yoLwabiwo lweZithuba (Revised Post Distribution Model) (RPDM) (khangela kumhlathi 1 apha ngasentla), ngakumbi ngokumalunga nezinto neefomula ezikhankanywe kule ndlela. Ezi zinto neefomula ziye zatshekishisiswa ncam ukwenzela ukuqinisekisa ukuba kungabikho sikolo sibekwa engxakini ngokwe-RPDM. |
3.5.2 |
|
Nakuba kunjalo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liyayiqonda into yokuba kunokwenzeka ukuba kubekho iintloko zamaziko emfundo eziqwenela ukuba kuhlaziywe ulwabiwo lwezithuba zamaziko azo ngenxa yokuba kuye kwakho iinguqu ezizodwa kakhulu (exceptional changes) kwiimeko zamaziko azo. Kwimeko enjengale makungeniswe izicelo ezixhaswa zizizathu ezivakalayo kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuze ziqwalaselwe ngulo Head: Subdirectorate Provisioning (Directorate: Personnel Management (Educators)). |
4. |
IMIBUZO
Imibuzo ephathelele kule setyhula (imiqathango njl. njl.) mayibhekiswe kubaphathi beesekethe.
|
5. |
IZINTO NGOKUBANZI
Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke ootitshala namalungu amabhunga olawulo ukuze bakuthathele ingqalelo.
|
ISAYINWE: NGU-B.K. SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:11:12
|