1. Ukwenzela ukuncedisa izikolo ekucwangciseleni unyaka, iSebe leMfundo leNtshona Koloni ligqibe ekubeni libonelele amaziko emfundo ngekhalenda yesikolo njengangaphambili.
2. Okufakwe apha yikhalenda yesikolo ka-2004 oyinikwa ngenjongo yokuba uyisebenzise. Phakathi kwezinye izinto ezikuyo ibonisa imihla ekufuneka amaziko emfundo angenise ngayo iifom namaxwebhu kwaNdlunkulu okanye kwii-EMDC.
3. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziyixhome le khalenda kwindawo esemboniselweni apho inokumana itshekishwa qho ukwenzela ukuqinisekisa ukuba zonke iisaveyi namanye amaxwebhu angeniswa kwangexesha. Ukwenzela lula iinqununu kukho ikholam kule khalenda ekunokubhalwa kuyo imihla ekungeniswe ngayo amaxwebhu neesaveyi ukulungiselela iinjongo zokuba yonke into ibe phantsi kolawulo.
4. Enkosi ngentsebenziswano yakho.


ISAYINWE: T.S. SHAYI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:1:21


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).