1. Kucelwa nithathele ingqalelo umhlathi 6 weSihlomelo A seSetyhula 0041/2004 yowe-17 Agasti 2004 ekwaziswa kuwo izikolo ngokubakho kwale mvumelwano RT 188/2003(GR).
2. Kucelwa niqaphele ukuba asiyonjongo yeSebe leMfundo leNtshona Koloni ukunyanzela izikolo ukuba zisebenzise naziphi na iimvumelwano zeqela eliyintloko elinamacandelo amaninzi (transversal contracts). Izikolo mazizikhethele ngokwazo zizenzele isigqibo ukuba zifuna ukusebenzisa le mvumelwano ekhankanywe apha ngasentla. Ukuba izikolo eziNgekho phantsi kweSiqendu 21 azifuni kusebenzisa iimpahla ezikule mvumelwano, zingazifumanela iikowuteshini kubathengisi abazithengisela ngelona xabiso libhetele kakhulu zize zizingenise iikowuteshini ezo kunye neefom (WCED 026) zokuthenga iimpahla.
3. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:11:17

weSihlomelo A seSetyhula 0041/2004  (ubukhulu: 20 KB)
List of contract itmes  (ubukhulu: 16 KB)