1. Ithayimthebhile yokubhalwa kwe-CTA eyathunyelwa ezikolweni ngeSetyhula 35/2004 yithayimthebhile kazwelonke neyenziwa emva kokuthathela ingqalelo efanelekileyo imihla ye-Eid ekwakuthiwe ngoko iya kuba ngempelaveki ye-13/14 Novemba 2004.
2. Nakuba kunjalo iSebe leMfundo leNtshona Koloni, kwakunye neSebe leMfundo likazwelonke, liyazi ukuba abo benkolo yamaSilamsi banenkxalabo yokuba i-Eid inokuba ngosuku olulandela impelaveki ye-13/14 Novemba 2004 apho kumelwe kubhalwe iPhepha le- CTA yeSayensi yezeNdalo yeBakala 9.
3. Ngako oko ke zonke izikolo ziya kubhala iphepha le-CTA yeSayensi yezeNdalo ngoLwesibini we-16 Novemba ukususela ngo-12:00 kuye ku-14:00.
4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyaxolisa ngayo nayiphi na inkxamleko enokubangelwa koku.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:11:08