1. NgokoMhlathi (1), weSiqendu 11, iSahluko 2 soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (UMthetho 84/1996) (SASA) ibhunga elimele abafundi malisekwe kuzo zonke izikolo zikarhulumente ezibhalisa abafundi kwiBakala 8 nangaphezulu.
1.1 IBhunga eliMele aBafundi (RCL) KUPHELA kwequmrhu elivunywe ngokusemthethweni nelimele bonke abafundi. Oku kuthetha ukuba onke amanye amaqumrhu/amabhunga/amaqela olutsha aphantsi kwayo ngokwegunya kodwa nawo ayinxalenye yeRCL asebenze njengeekomitana ezibamba iintlanganiso zazo ezichotshelwe lilungu leRCL. Oku kuthetha ukuba ibhunga leeprifekthi linokusebenza njengekomitana eyinxalenye yeRCL yaye ukususela ngoku ukubheka phambili akusayi kubakho sikhundla senzelwe oyintloko yabafundi abangamadoda okanye yabangamantombazana (head boy or head girl). I-RCL inyula amagosa ayo abambe izikhundla, umzekelo, usihlalo, usekela-sihlalo, unobhala kunye nonongxowa. UMthetho awenzi sibonelelo ngesikhundla sokuba yintloko yabafundi abangamakhwenkwe (head boy) okanye intloko yabafundi abangamantombazana (head girl).
1.2 IGazethi yeSikhawu yePhondo 5946 yowama-31 Januwari 2003 (Extraordinary Provincial Gazette 5946 of 31 January 2003) inomthetho omalunga nokwakhiwa (composition), imisebenzi (functions), iinkqubo zonyulo nokuchithwa kweRCL kunye nokugxothwa kwelungu leRCL.
1.3 Kucetyiswa ukuba unyulo lweeRCL luqhutywe ekupheleni kwekota yesithathu okanye ekuqaleni kwekota yesine kunyaka ngamnye ukuqinisekisa ukuba iiRCL zenza umsebenzi wazo ngexesha elipheleleyo lokuba sesikhundleni kwazo. Zive ukhululekile uqhagamshelane nomququzeleli weRCL ukufumana uncedo ngokumalunga noku.
2. ISiqendu 23 (2)(d) seSASA senza esinye isibonelelo sokuba abafundi mabamelwe kwiBhunga loLawulo leSikolo (SGB). I-RCL inyula abafundi a babini ukuba bayimele kwiSGB. Oku kubonelela abafundi ngendima esemthethweni kulawulo lwesikolo. Amalungu onyuliweyo eRCL akwiSGB anelungelo noxanduva lokuya kuzo zonke iintlanganiso zeSGB yaye anamalungelo alinganayo okuvota kodwa, nakuba kunjalo, akanako ukuwasebenzisa la malungelo xa iSGB inqwenela ukungena kwimvumelwano (contract) nomnye umntu (third party).
3. Ukuxhotyiswa ngolwazi nokuphuhliswa kweeRCL makubekwe phambili ezikolweni yaye mazikhuthazwe iiSGB ukuba zibonelele uqeqesho lweRCL kwibhajethi yazo.
4. Uqeqesho lunikwa kwizikolo ezisebenzisanayo (clusters) yaye oku kucwangciswe liSebe leMfundo leNtshona Koloni lisebenzisana nomphathi wesekethe ochaphazelekayo. Kungaqhagamshelwana naba baphathi beesekethe balandelayo:
Metropole North          Nks F Kotze      021 948 0950
Metropole East           Mnu A Fortuin    021 903 2164
Metropole South          Nks P Demas      021 370 2000
Metropole Central        Mnu R Steenberg  021 659 4301
Westcoast/Winelands      Mnu M le Cordeur 021 860 1200
                         Mnu L Davids     021 860 1200
Breede River/Overberg    Mnu L Rousseau   021 347 0820
Southern Cape/Karoo      Mnu E Anthony    021 873 6128
5. Ukubakho kubo bonke oomasifundisane/iintlanganiso ezenzelwe iiRCL kunye nootitshala abangamagosa oqhagamshelwano makubekwe phambili. Izingxengxezo ngokungayi entlanganisweni mazithunyelwe zibhaliwe kumphathi wesekethe ochaphazelekayo.
6. Ngokumalunga noku ziyacelwa iinqununu ukuba zizalise le fom iqhotyoshelweyo zize ziyithumele kwaNdlunkulu ungadlulanga umhla we-19 Novemba 2004.


ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:10:27

Data: Representative Council of Learners (RCL) 2005  (ubukhulu: 9 KB)