1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linolwazi ngezenzo apho abaqeshwa bangenise iziqinisekiso zemfundo zobuxoki kunye/okanye izatifikethi zomgunyathi yaye lizijonga ezi zenzo zolwaphulo-mthetho njengento embi kakhulu nemayithathelwe amanyathelo ngokukhawuleza.
2. Kwintetho yakhe yoHlahlo Lwabiwo-mali uMphathiswa weSebe leNkonzo kaRhulumente noLawulo (Minister of Public Service and Administration), uNks GJ Fraser-Moloketi, uye wagxininisa iSicwangciso-nkqubo sokuLwa uBuqhophololo (Public Service Anti-Corruption Strategy) esiya kuthi, phakathi kwezinye izinto, sithathele ingqalelo ngakumbi usetyenziso loMthetho wokuThintela nokuLwa iZenzo zoBuqhophololo (12/2004) (Prevention and Combating of Corrupt Activities, kunye noxanduva lokwazisa abasebenzi ngeengozi nangemigaqo yokuziphatha ngokufanelekileyo emsebenzini (ethics), zinto ezo ezihambelana nemigaqo esi-8 kaBatho Pele. Oku kukwabandakanya abafundi, abazali, ootitshala, amalungu eekomiti zolawulo lwesikolo, amabhunga olawulo ezikolo namagosa eSebe leMfundo leNtshona Koloni kuwo onke amanqanaba.
3. NgokweSiqendu 51(1)(a)(i) soMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente (Public Finance Management Act (PFMA), (1/1999)), iSebe leMfundo leNtshona Koloni liye lafundisa ngokujongwa kwezinto ezingayingozi (risk assessments) laza laphumeza imigaqo-nkqubo nezicwangciso zokulwa ubuqhophololo. Oku kubonisa inkqubo yalo ngokupheleleyo malunga nenkohliso nobuqhophololo nokuzimisela kwalo ekutshabalaliseni lizincothule neengcambu izenzo zenkohliso, zobuqhophololo nezolwaphulo-mthetho olunxulumene nazo.
4. ISiqendu 18(1)(aa) soMthetho weNgqesho yooTitshala, (UMthetho 76/1998), kunye neSigqibo 1/2003 seBhunga eliQuquzelela uThetha-thethwano lwaBasebenzi beNkonzo kaRhulumente (the Public Service Co-ordinating Bargaining Council (PSCBC) zidwelisa ukubhalwa ngobuqhetseba kweerekhodi nenkohliso njengezenzo zokuziphatha kakubi. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liye ngoko lagqiba ekubeni linganyamezeli nasinye isenzo solwaphulo-mthetho (zero tolerance) ngokumalunga nezenzo zokuziphatha kakubi ezilulo hlobo yaye liza kusayina amaxwebhu abongoza amagosa ongameleyo (presiding officers) ukuba awise isohlwayo sokugxothwa emsebenzini ukuba nawuphi na umqeshwa ufunyanwa enetyala lokungenisa iziqinisekiso zobuxoki kunye/okanye izatifikethi zomgunyathi.
5. Ziyakhunjuzwa iikomiti zokuhlela izicelo zomsebenzi nezenza udliwano-ndlebe kunye nabanamagunya okuqesha ngoxanduva lwabo bonke lokuphicothisisisa yaye, ngakumbi, lokungqinisisisa iziqinisekiso zemfundo zabenzi-sicelo. Oku kuza kunceda ekunciphiseni ubungozi bokuqesha abantu abaneziqinisekiso zenkohliso kuze kukhuthaze ukusebenza ngokwenene, ngempumelelo, nokwenziwa komsebenzi ogqibeleleyo nongenachaphaza kwicandelo leMfundo nakweleNkonzo kaRhulumente.
6. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:10:01