1. Umgaqo-nkqubo omalunga nekhefu lonyaka wapapashwa kwiSetyhula 56/2003 yowesi-6 Matshi 2003.
2. Ngokwemigqaliselo yeSigqibo 7/2000 ikhefu lonyaka lomjikelo wekhefu othile malisetyenziswe liphele tu kwithuba elingekho ngaphezu kweenyanga ezintandathu emva kokuphela kwaloo mjikelo wonyaka ochaphazelekayo. Njengoko iSebe leMfundo leNtshona Koloni lingenayo imali yokuhlawula abasebenzi endaweni yekhefu elingakhange lithathwe, makungaze kwaliwe nalinye ikhefu lonyaka. Nakuba kunjalo, makusoloko kukhunjulwa ukuba oku makungathobi umgangatho wokwenziwa kwenkonzo. Ngako oko ke, kubaluleke gqitha ukwenziwa kwesicwangciso samaxesha okuthathwa kwekhefu nokuphunyezwa kwaso ngendlela eyiyo ukuze kube nokulawulwa ngempumelelo ukuthathwa kwekhefu.
3. Luxanduva lomqeshi ukuqinisekisa ukuba abaqeshwa bathatha ikhefu labo. Ngako oko ke bayacelwa abaphathi babasebenzi neesuphavayiza ukuba baqininisekise ngokuba abaqeshwa, kwakuba kuthathelwe ingqalelo efanelekileyo iimfuno zomsebenzi waloo ofisi okanye candelo, banikwa ithuba lokusebenzisa ikhefu labo lonyaka.
4. Nceda wazise bonke abasebenzi abachaphazelekayo, kubandakanywa nabo bathathe ikhefu njengangoku, okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo yaye bacele ukuba bayisayine le setyhula baze babhale nomhla wokuyifunda.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:12:23