1. Kwincwadi yam yomhla wesi-7 Disemba 2001 (inombolo yesalathiso 13/2/8/17/2/B), kwanikwa amagunya iinqununu zezikolo ekusetyenziswa kuzo izibonelelo zothutho lwabafundi okuba zongeze abanye abafundi kwizibonelelo ezo, phantsi komqathango wokuba inani labafundi eliza kuthuthwa lingabi ngaphezulu kwe-10% yenani elivunyiweyo labafundi kwisibonelelo ngasinye.
2. Nangona iSebe leMfundo leNtshona Koloni liyincoma indima edlalwe ziinqununu ngokumalunga noku, ukunganeli kwemali kwibhajethi yezibonelelo zothutho lwabafundi kwenze kwayimfuneko ukuba kuphinde kuqwalaselwe kwakhona la magunya adluliswayo. Ngako oko ke, izicelo zokongezwa kwabanye abafundi ziza kuba phantsi kolawulo neliso elibukhali yaye kuza kucingwa nangezinye iindlela zokongezwa kwabafundi ngokwemeko engqonge isicwangciso sezemfundo salo sekethe ichaphazelekayo.
3. Ngenxa yoku kulapha ngasentla yaye ukususela ngowoku-1 Novemba 2004 kude kukhutshwe esinye isaziso, kuwiswe isithintelo kwigunya leenqununu lokuvuma ukufaka abanye abafundi abangaphezulu, kwindlela yothutho egunyaziswe ngokusesikweni. Oku kuthetha ukuba ukususela kowoku-1 Novemba 2004 abanye abafundi banokongezwa kwizibonelelo zothutho zikarhulumente kuphela ngemvume kaNdlunkulu.
4. Ziyabongozwa iinqununu ukuba zilandele ngqo le nkqubo ilandelayo xa kusenziwa isicelo sokongeza abanye abafundi kwindlela esele isetyenziswa:
  • Mazingenise kwaNdlunkulu, ngohlobo olumiselweyo, izizathu ezixhasayo nezivokothekileyo zokongezwa kwabo bafundi, kodwa zidlule kuqala kwiZiko loLawulo noPhuhliso lweMfundo (EMDC) elichaphazelekayo. Sakufika isicelo, umphathi wesekethe omkhulu makanike ingcebiso yakhe malunga neso sicelo, nekufuneka emva koko sithunyelwe kwaNdlunkulu ukuba siqwalaselwe nguMnu R Biscombe.

  • Ukuba uNdlunkulu unika imvume yokongezwa okanye yokukhutshwa kwabafundi kwindlela ethile, inqununu mayongeze okanye icime amagama abo bafundi kule rejista WCED 062 ize inike lowo wenze imvumelwano yokuthutha abafundi ikopi yaloo rejista ifakelwe izilungiso ngoko nangoko. Qaphela ukuba xa uNdlunkulu esongeza abafundi kwindlela, intlawulo yabo bafundi bongeziweyo iya kwenziwa kuphela ukususela kusuku lokuqala lwenyanga elandela umhla wokwenziwa kwesigunyaziso (authorisation). Kodwa ke, ukuba bayayeka abafundi ukusebenzisa le nkonzo phakathi enyangeni, lowo wenze imvumelwano yokuthutha abafundi uya kuhlawulwa ngabo bafundi de kuphele loo nyanga ichaphazelekayo. Ukuba kuthi kongezwe ke ngoko abanye abafundi ngesigunyaziso kwindlela ethile, inqununu yesikolo mayiwubhale umhla wesigunyaziso kwi-WCED 062. Lo mhla wesigunyaziso sabafundi abongeziweyo mawuthathelwe ingqalelo xa kungqinwa njengechanekileyo le fom (WCED 063) yokwenza ibango lentlawulo ngulowo wenze imvumelwano yokuthutha abafundi.

5. Mabancede abalawuli bee-EMDC baqinisekise ukuba amagosa ajongene nesibonelelo sothutho lwabafundi kumaziko abo, ayazi ncam ukuba ukususela ngowoku-1 Novemba 2004 akukho ntlawulo iya kuphinde ikhutshwe ngokumalunga nabafundi abongeziweyo. Ngako oko ke inani labafundi eliboniswe kumaphetshana entlawulo (payment advices) angowama-31 Oktobha 2004 akuyi kuphinde kugqithiswe kulo.
6. Siya kuyithakazelela intsebenziswano yakho ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:09:27