1. Ukwenzela ukuba iinqununu zibe nako ukwenza amalungiselelo ayimfuneko okuba zize kuthatha iziphumo zeemviwo zize zizitshekishe, kunikwa le mihla kujoliswe kuyo ilandelayo kunye nengcaciso echaphazelekayo. Kucelwa niqaphele ukuba le mihla kujoliswe kuyo kwanamaxesha anikiweyo zizinto ezingesosigxina nezinokutshitshwa. Ukuba kuthe kwakho imfuneko yokutshintsha la malungiselelo, ingcaciso echaphazelekayo iya kupapashwa kumaphepha-ndaba. Ii-EMDC ziya kwaziswa ngokupheleleyo ngazo naziphi na iinguqulelo ezenziweyo.
1.1 NgoLwesithathu 29 Disemba 2004 ngo-08:00 Iinqununu zingaziphuthuma iziphumo kwii-EMDC

(Qaphela: Kungabi ngaphambi ko-08:00)


1.2 Iinqununu zinikwa iiyure ezi-4 zokutshekisha iziphumo zikhangele ukuba akukho naziphi na iimpazamo ezibonakala ngokulula.
1.3 NgoLwesithathu 29 Disemba 2004 ngo-12:00: Izikolo zingabanika abafundi bazo iziphumo.

QAPHELANI: AKUKHO ziphumo mazaziwe ngabafundi kwaye KUNGEKHO ngcaciso emalunga noku emayinikwe abamaphepha-ndaba phambi ko-12:00.


1.4 NgoLwesithathu 29 Disemba 2004 ngo-10:00: UMphathiswa wePhondo ukhupha iziphumo.
1.5 NgoLwesithathu 29 Disemba 2004 ngo-12:00: UMphathiswa weMfundo kwiZwelonke ukhupha iziphumo zesizwe
1.6 NgoLwesine 30 Disemba 2004 ngo-06:00: Iziphumo zipapashwa kwiziko lewebhu ye-WCED
1.7 NgoLwesithathu 5 Januwari 2005 ngo-12:00: Iziphumo ezingathathwanga kwii-EMDC ziya kuposelwa ezikolweni.
2. Njengoko kunyanzelekile ukuba onke amaqela alandele ngqo la malungiselelo, ibaluleke kakhulu intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.
3. Ziya kufumaneka kwakhona iziphumo zeMatriki kweli ziko lewebhu lilandelayo: http://wced.wcape.gov.za Kufuneka abaviwa bafake ezi zinto zombini, iinombolo zabo zoviwo kunye neenombolo zezazisi zabo.
4. Malaziswe iSebe leMfundo ngamalungiselelo izikolo ezingathanda ukuwenza ngokumalunga nokuza kuthatha iziphumo. Ngako oko ke ziyacelwa iinqununu ukuba zizalise le fom iqhotyoshelweyo zize ziyithumele kuMlawuli we-EMDC yazo ngaphambi kowama-29 Oktobha 2004.
5. Abamajelo eendaba baya kunikwa le ngcaciso ilandelayo:
  • Amagama neenombolo zoviwo zabaviwa abapasileyo, ngokwesikolo ngasinye nangokwesithili ngasinye. Kusetyenziswa ezi simboli zilandelayo: E - Endorsement; M - Endorsement (Merit); D - Endorsement (Distinction); S - Senior Certificate; N - Senior Certificate (Merit); P - Senior Certificate (Distinction). Ziya kuboniswa izifundo abaviwa abazipase emagqabini (ngeesimboli A).

  • Amagama abafundi abagqwesileyo abafumene iNkwekhwezi (Distinction) (ngamanqaku ewonke angama-1680 okanye nangaphezulu) okanye abapase kakuhle kakhulu (ngamanqaku ewonke aphakathi kwama-1260 nama-1679)

  • Igama lomviwa ngamnye oyinjinga kwisikolo sakhe

  • Amagama abafundi abathathu abaziinjinga (abafumene ubuncinane ama-80%) kwisifundo ngasinye kuHlelo lweHigher Grade nolweStandard Grade

6. Njengoko kubaluleke gqitha ukuba abaviwa abangalupasanga uviwo banikwe uncedo ngokwasemoyeni, intuthuzelo nengcebiso, mabaxelelwe bonke abaviwa phambi kokuqala koviwo lokugqibela ukuba kukho inkonzo elolu hlobo efumanekayo. Le nkonzo yentuthuzelo nengcebiso inokunikwa esikolweni xa abafundi benikwa iziphumo zabo, okanye, apho kunokwenzeka, kwi-EMDC echaphazelekayo apho kuya kubakho abantu bokwenjenjalo. Ukuba inqununu imthumela umviwa kwi-EMDC, mayimnike umviwa lowo inombolo yefoni nedilesi ye-EMDC leyo. Kwangokunjalo inqununu nayo mayinike i-EMDC iinkcukacha zomviwa. Iinqununu maziyithathele ingqalelo into yokuba, kuye kuthi abo kufanele kanye ukuba banikwe ngakumbi le ntuthuzelo nengcebiso ibe ngabo kanye abangayifuniyo, ngako oko ke mazisoloko zithe qwa zijonge iimvakalelo zabaviwa ekuye akwaphumelela oko bebekulindele.


ISAYINWE: NGU-B.K. SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:09:15

Ukuthatwa Kweziphumo Zoviwo  (ubukhulu: 8 KB)