1. Ziyacelwa Iinqununu ukuba zixelele abaviwa abasisigxina beeMviwo zeMatriki kumaziko aphantsi kolawulo lweSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuba indlela yokuziphatha kwabo kwikota yesine yonyaka wabo weBakala 12 isahleli ilawulwa ngumgaqo wokuziphatha weziko labo ekwavunyelwana ngawo.
2. Iinqununu maziwasingathe amatyala oluleko achaphazela abafundi beBakala 12 ngendlela efanayo naleyo beziza kuwasingatha ngayo nawaphi na amanye amatyala oluleko. Isoyikiso sokubamba iziphumo zeMatriki masingaze sisetyenziswe. Amatyala okuziphatha kakubi kakhulu makasingathwe ngokwemigaqo ecaciswe kwiSetyhula 0030/1999 nakule 0026/2000.
3. Iziganeko ezingenakusingathwa ngendlela eqhelekileyo liziko nebhunga lolawulo lesikolo mazixelwe kwiNtloko yeSebe leMfundo kunikwe zonke iinkcukacha ngokupheleleyo ukuze zibe nokuthathelwa amanye amanyathelo. Ingxelo leyo mayithunyelwe kulo Director: Western Cape, Private Bag X9114, Cape Town, 8000. Ikopi yeleta leyo mayithunyelwe kuMlawuli we-EMDC.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:09:22