1. ITHUBA LOKWABIWA KWEMALI
1.1 Ukwabiwa kwemali yezikolo ngokweMigaqo neMimiselo yoLwabiwo-mali yeZikolo (Norms and Standards for the Funding of Schools - N&S) kuya kuthi ukususela ngoku kwenziwe ngokungqinelana nonyaka-mali (financial year) weSebe leMfundo leNtshona Koloni, o.k.t. ukususela ngowoku-1 Apreli ukuya kowama-31 Matshi kunyaka ngamnye. Olu tshintsho lubangelwe kukuba ukususela ngowoku-1 Apreli 2004 eli Sebe leMfundo litshintshele kwinkqubo yolawulo lwemali entsha ukwenzela ukuba liphucule ulawulo lwebhajethi ekwabeni imali eya ezikolweni. Utshintsho lwethuba lolwabiwo-mali ngokwe-N&S lunezi ziphumo zilandelayo:
1.1.1 Kwixesha elizayo izikolo ziya kufumana isabelo sazo sonyaka wesikolo ochaphazelekayo ngeentlawulo ezimbini zemali eziyabelweyo, ezizezi, ngo-Apreli nango-Novemba. Njengoko izikolo ziya kwaziswa kwangoko ukuba siyintoni na isabelo sazo sonyaka wesikolo, umz. zakwaziswa ngoSeptemba 2004 ngesabelo sonyaka wesikolo u-2005, ziya kuba nako ukucwangcisa iibhajethi zazo zonyaka wesikolo olandelayo kwangethuba.
1.1.2 Isabelo ngokwe-N&S sika-2005 siya kubalwa ngokungqinelana neSensasi ka-2001 nangomgaqo-nkqubo kazwelonke omalunga nokuhlelwa kwezikolo, nobeka izikolo ezithile kumahlelo okuhlwempuzeka ahlukeneyo
1.1.3 Imali esele yabelwe izikolo ngonyaka wesikolo 2004 ngokungqinelana neSetyhula 0138/2003 nengekachithwa (phantse ama-30% esabelo sesikolo sonyaka wesikolo 2004) iza kuhlawulwa ngokukhawuleza kuzo zonke izikolo eziphantsi kweSiqendu 21. Imali esaleleyo yezikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 (nakuzo phantse ama-30% esabelo sesikolo sonyaka wesikolo 2004) isekho ukuba isetyenziswe de kube ngowama-31 Matshi 2005 ngokungqinelana nokwahlulwa kwemali eboniswe kwifom WCED-032 yonyaka wesikolo 2005. Nakuba kunjalo seyisetyenzisiwe imali ukususela kowoku-1 Apreli 2004 yaye izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 ezingaqinisekanga ukuba ingakanani na imali eseleyo, zinokuqhagamshelana noMnu EJ Lindoor okanye uMnu KL Lackay kwezi nombolo zefoni 021 467 2777 okanye 021 467 2776 ukufumana ingcaciso engaphezulu.
1.1.4 Isabelo sokuvala isikhewu (bridging allocation) seli xesha lisaleleyo ku-2004, nesibalwa kwangomlinganiselo ofanayo nalowo usetyenziswe ekubaleni isabelo-mali sokuqala sonyaka wesikolo 2004, nekufuneka sichithwe siphele ngaphambi kowama-31 Matshi 2005, siya kuba nokufunyanwa zizikolo ngolu hlobo lulandelayo:
  • Kwizikolo eziphantsi kweSiqendu 21 ngoNovemba 2004 ukwenzela ukuba zibe nokuthenga iincwadi nezinto zokuncedisa ekufundeni (Learning Support Materials - LSM) ukuze zibe sezifumaneka ukuqala konyaka wesikolo 2005, kwakunye nokuhlawula enye inkcitho ukuya kutsho yaye kubandakanywa nowama-31 Matshi 2005

  • Kwizikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 ukuthenga iincwadi nezinto zokuncedisa ekufundeni (LSM) nokuhlawula enye inkcitho ukuya kutsho yaye kubandakanywa nowama-31 Matshi 2005. Kodwa ke izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 maziyahlule imali yazo ibe ngamahlelo amathathu, angala, eye-LSM, eyeenkonzo zikamasipala neyolondolozo (maintenance) lwezinto ezonakalayo ukususela ngowoku-1 Januwari kuye kutsho kowama-31 Matshi 2005 kwifom WCED 032.

1.1.5 Kucetyiswa ukuba izikolo ziyahlula-hlule imali yazo ekhoyo (oku kubhekiselele kuphela kwisabelo-mali esiqala ngoJanuwari ukuya kuMatshi 2005 apho siza kusebenza okokuqala isabelo-mali esitsha) ngokwala mahlelo ngamahlelo enkcitho alandelayo:
  • Imali ekhoyo eziyinikwe kwisabelo sango-2004

    • isasetyenziswa ekuhlawuleni iinkonzo zikamasipala kude kuye kutsho kuDisemba 2004.

    • isasetyenziswa kwakhona ekuhlawuleni izinto ezithengwe sisikolo (local purchases) nezinto zokusetyenziswa kulondolozo lwesikolo kude kuye kutsho kuDisemba 2004.

  • Isabelo sokuvala isikhewu

    • siya kusetyenziswa ekuhlawuleni inkcitho engqonge ii-odolo zokuthenga iincwadi nezinto zokuncedisa ekufundeni ngo-2005 (i-71% emali esiyabelweyo)

    • siya kusetyenziswa ekuhlawuleni inkcitho yeenkonzo zikamasipala (i-10% yemali esiyabelweyo), ekuhlawuleni izinto zolondolozo lwesikolo (i-3% yemali esiyabelweyo) nasekuhlawuleni izinto ezithengwe sisikolo (local purchases)( i-16% yemali esiyabelweyo).

1.2 Kucelwa uqaphele ukuba oku kutshintsha kwethuba lolwabiwo-mali akunaziphumo zibi ezikolweni. Kuthetha nje kuphela ukuba kufuneka izikolo zenze izicwangciso zazo zezemali ngokungqinelana nokwabelwa imali yeentlawulo eziya kuthi ukususela ngoku ziyifumane ngo-Apreli nangoNovemba qho ngonyaka neya kubalwa ngokuyisusela kwileta yolwabiwo-mali neya kukhutshwa ngo-Agasti qho ngonyaka.

2. UKUSETYENZISWA KWESABELO-MALI
2.1 Injongo yesi sabelo-mali kukubonelela ngeencwadi nezinto zokuncedisa ekufundeni (learning support materials) (LSM), iinkonzo zoomasipala, ezona zinto zibalulekileyo kulondolozo lwemihla ngemihla lwezakhiwo zesikolo, imihlaba nezixhobo zokufunda (ulondolozo olwenziwa sisikolo), kunye nezinye iindleko ezikhoyo.
2.1.1 Iincwadi nezinto zokuncedisa ekufundeni
(a) ISebe leMfundo leNtshona Koloni lijonge ukuba ngamnye umfundi abe nencwadi yesifundo emiselweyo (textbook) yenkalo yesifundo nganye/yesifundo ngasinye. Zonke izikolo mazisebenzise ubuncinane i-71% yesabelo sokuvala isikhewu ukuhlawula iindleko zee-odolo zeencwadi nezinto zokuncedisa ekufundeni zika-2005. Funda umhlathi 4 weSihlomelo A ukujonga uluhlu lwezinto ezifakiweyo phantsi kweencwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi.
(b) Izikolo zinokukhupha isabelo esincinane kwiincwadi ezimiselweyo nakwezinye iincwadi phantsi kwale miqathango ilandelayo:
  • Ukuba ngamnye umfundi osesikolweni unencwadi emiselweyo yenkalo yesifundo nganye/yesifundo ngasinye YAYE ukuba ibhunga lolawulo lithathe isigqibo ngokusesikweni ngokumalunga noku.

  • Ukuba isigqibo sebhunga elilawulayo sicacisiwe kwibhajethi eselingeniswe kwintlanganiso yabazali yaye isixa-mali esichithwe kwiincwadi ezimiselweyo nakwezinye iincwadi ngomfundi ngamnye sesazisiwe. Esi sigqibo masingeniswe kwintlanganiso yabazali, kungakhathaliseki nokuba ngaba umphathi wesekethe uyasixhasa okanye akasixhasi.

2.1.2 Ulondolozo lwemihla ngemihla
(a) Ulondolozo lwezona zinto zibalulekileyo lwemihla ngemihla o.k.t. ukulungiswa kwengxaki yakuvela, kuthintela ulungiso olungxamisekileyo nomonakalo omkhulu ongakho kamva kwanenkcitho-mali enkulu. Oku kubandakanya ukucocwa, ukulungiswa zingcitywe okanye ukukhutshwa kwezinto ezonakeleyo kufakwe ezinye kwizakhiwo nakwimihlaba yesikolo
(b) Izikolo mazizenzele ibhajethi yolondolozo lwemihla-ngemihla lwezixhobo ngokwemeko yezakhiwo nemihlaba yazo. Apho kuyimfuneko inxenye yesabelo-mali ngokwe-N&S esetyenziselwe le njongo mayiphinde yongezwe ngemali ephuma kwisikolo ngokwaso.
(c) Makubekwe bucala esinye isixa-mali solondolozo lwezixhobo. Izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 mazibonise izabelo-mali ezenzelwe ulondolozo lwezakhiwo, imihlaba nezixhobo zokusebenza njengesixa esinye kwifom WCED 032.
(d) Iibhasari zokuhlala ehostele zingasetyenziswa ukuxhasa ngemali ulondolozo lwezixhobo lwemihla ngemihla neendleko zokugcinwa kweehostele. Makungaze kusetyenziswe isabelo-mali ngokwe-N&S ukulungiselela le njongo.
(e) Luxanduva lwezikolo ukuzihlawulela imali yazo yerenti neyolondolozo lwezixhobo.
2.1.3 Ukunika ingxelo
(a) Le fom eqhotyoshelweyo (ISihlomelo C) mayizaliswe zizo zonke izikolo, eziphantsi kweSiqendu 21 nezo zingekho phantsi kweSiqendu 21, ngokumalunga nonyaka wesikolo u-2004, o.k.t. ithuba elisusela kowoku-1 Januwari ukuya kowama-31 Disemba 2004 ize ingeniswe kwi-EMDC echaphazelekayo ungadlulanga owama 31- Matshi 2005.
(b) Makungeniswe iingxelo zekota ngenkcitho yengxowa-mali kwifom WCED 043.
2.2 ISebe leMfundo leNtshona Koloni alamkeli xanduva ngentlawulo yazo naziphi ii-akhawunti apho izikolo zichithe ngaphezu komlinganiselo osisabelo sazo. Kuya kufuneka izikolo zizihlawulele ngokwazo ezi ndleko. Ukuba kuthi ngenxa yaso nasiphi na isizathu, nesaluhlobo luni na, izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 zigqithise kwisabelo sazo ngokwe-N&S, nayiphi na inkcitho engaphezulu iya kuxhuzulwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni kwisabelo sesikolo sonyaka olandelayo. Kucelwa niqaphele kwakhona ukuba xa isikolo esingekho phantsi kweSiqendu 21 singayisebenzisanga yonke imali yaso yonyaka esiyabelweyo, akukho mali iya kudluliselwa (rolled-over) kunyaka wesikolo olandelayo njengemali esiyilondolozileyo.

3. INGENISO EYENZIWA SISIKOLO NGOKWASO

URhulumente akanako ukunika izikolo imali evela kwingxowa-mali yakhe ngokwanelisayo. NgokweSiqendu 36 (1) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, (UMthetho 84/1996), njengoko ufakelwe izilungiso, (SASA), amabhunga olawulo makathathe amanyathelo afanelekileyo okuncedisana nesabelo sikaRhulumente.


4. ULUNGISO LOMONAKALO OMKHULU OLUNGXAMISEKILEYO

Ngokomhlathi 114 weMimiselo ye-N&S ulungiso olungxamisekileyo lwezakhiwo ezonakeleyo olulolu hlobo luluxanduva lweSebe leMfundo leNtshona Koloni, kodwa olo lungiso luxhomekeke ekubeni ikho na imali yokwenza oku. Ezi ntlobo zolungiso lomonakalo zilandelayo ziya kuqwalaselwa ngokungqinelana neenkqubo ezikwiSetyhula 175/2000:

IHLELO A

Umonakalo omkhulu odalwe ziintlekele zendalo, iingxaki zesakhiwo nomlilo. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuyithathela kulo le misebenzi yolungiso lwezakhiwo olungxamisekileyo kuphela xa iindleko zingaphezu kwama-R5 000 nangokuxhomekeka ekubeni ikho imali eyaneleyo. Eli Sebe leMfundo linokuthi kwakhona, ngokwengqiqo yalo, lijonge ukuba alinakufaka imali yokuhlawulela umonakalo kwi-akhawunti yebhanki yesikolo ukulungiselela ukuthenga izinto zokwakha kwiimeko apho ungemkhulu kangako umonakalo.

IHLELO B

ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuyithathela kulo le MISEBENZI YOLUNGISO INGXAMISEKILEYO kuphela xa impilo nokhuseleko lootitshala nabafundi lusengozini yaye kukho imali eyaneleyo:
  • Ukufakelwa/ukulungiswa kwemibhobho yamanzi ephantsi komhlaba kunye nemibhobho yogutyulo lomphutha (sewer pipes)

  • Ukulungiswa kweekhebhile zombane (electric cables) eziphantsi komhlaba

  • Ukulungiswa kweegiza zombane (kwiihostele kuphela)

  • Ukulungiswa kwesona sixhobo sikhulu sisetyenziswayo ehostele

  • Ukulungiswa kweendawo zokugcina amanzi okusela

(Uncedo lungaluhlobo lokunika imali yokuthenga izinto eziza kusetyenzwa kuphela). Izikolo mazingenise iikoteshini ezi-3. Umsebenzi wokulungisa umonakalo ungaqalisa kuphela emva kokufumaneka kwesigunyaziso soko esivela kwaNdlunkulu.

5. IINKONZO ZIKAMASIPALA
5.1 Injongo yesabelo ngokwe-N&S esiya ezikolweni, phakathi kwezinye izinto, sesokuhlawula ii-akhawunti zeenkonzo zikamasipala, o.k.t. umbane, amanzi, ugutyulo lomphutha (sewerage removal), ukuthuthwa kwenkunkuma, njl. njl. yaye asibandakanyi ukuhlawulwa kwerhafu yepropathi. Njengoko kwakunjalo nakwixesha elidlulileyo, uRhulumente uya kuhlawula irhafu yepropathi ebhaliswe ngegama leRiphablikhi yoMzantsi Afrika.
5.2 Intlawulo yee-akhawunti zeenkonzo zikamasipala yezikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21, neyayidla ngokuhlawulwa ngaphambili liSebe leMfundo leNtshona Koloni, seyadluliselwa ezikolweni ukususela ukuqala konyaka wesikolo u-2004. Kodwa ezinye izikolo zavakalisa ukuba azifuni kulawula ii-akhawunti zeenkonzo zoomasipala yaye ii-akhawunti zoomasipala zazo ziya kuqhubeka zihlawulwe yi-EMDC neya kuthi yona inike izikolo ezo iikopi zeentlawulo zenyanga ngenjongo yokuba zizitshekishe zize zingqine ukuba yonke into yenzeke kakuhle.
5.3 Izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 mazibale imali ebekelwe iinkonzo zikamasipala ngokweendlela zesiqhelo zenkcitho yezi nkonzo zize ziyibonise kwifom WCED 032. Esi sixa-mali kunye nemali yolondolozo ziya kuhlawulwa ngaxeshanye kwizikolo ezavumayo ukwenza lo msebenzi.
5.4 Kwezinye zezinto emazenziwe zizikolo, kukuphumeza amanyathelo okonga imali aboniswe kwiSihlomelo B.
5.5 U-ESKOM noninzi loomasipala bavakalise ukuba bangazenza ezikolweni iimitha zombane ohlawulelwa ungekasetyenziswa (pre-paid electricity meters). Oku kuya kwenza izikolo zibe nolawulo olubhetele losetyenziso lombane nenkcitho ngombane. Kumaxa amaninzi umbane ohlawulelwa ungekasetyenziswa ubiza kancinane kunalowo uhlawulwa sowusetyenzisiwe.

6. ZIFUNYANWA NJANI IINCWADI NEZINTO ZOKUNCEDISA EKUFUNDENI
6.1 Izikolo njengangoku ezingafakwanga kuluhlu lwamaziko aphantsi kweSiqendu 21 mazilandele iinkqubo ezimiselweyo kwiSihlomelo A.
6.2 Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 mazizithengele i-LSM yazo zizenzele nenye inkcitho ngokwazo.
6.3 Ukuba izikolo zifuna uncedo ngokukhetha i-LSM nokuthetha-thethana nabathengisi-zincwadi ngawona maxabiso abhetele zinako ukunxibelelana nee-EMDC zazo.

7. EMINYE IMIQATHANGO
7.1 Ibhunga lolawulo malibe nolawulo olululo kwinkcitho njengoko kucacisiwe kule ncwadana Manual of Basic Financial System for Schools ekhutshelwe le njongo. (Njengangoku le ncwadana iyahlaziywa yaye kucelwa izikolo ukuba zingenise amagalelo azo ngokumalunga noku kulo Maggie van Eeden @ mvaneeden@pgwc.gov.za). Ukuba ibhunga lolawulo lesikolo alinabo ubungcali obuyimfuneko bokulawula inkcitho ngendlela eyiyo, malikhethe (co-opt) umntu oya kuba nako ukulincedisa.
7.2 Zonke iimali zesikolo, ezifunyenwe kwisabelo sikaRhulumente kwangokunjalo nezo zivela kwisikolo ngokwaso, mazisetyenziselwe iinjongo ezinxulumene ngqo nezemfundo, ngakumbi ukuthenga iincwadi ezimiselweyo nezinye iincwadi kunye nezinye izinto zokuncedisa ekufundeni. Ngokomgaqo-nkqubo weSebe leMfundo leNtshona Koloni makungaze kwenziwe iikopi zeencwadi zezifundo ezimiselweyo (textbooks) kunye neencwadi zokufunda (readers) njengoko oku ikukunyhasha uMthetho weLungelo eliValela uKwenziwa kweeKopi, 98/1978 (Copyright Act, 98/1978). Inkcitho eyenzelwa amatheko, ulonwabo, iihambo eziyimfundiso (excursions) okanye iihambo maziyiphephe izikolo.
7.3 Eli Sebe leMfundo linelungelo lokuhlola iirekhodi ezinxulumene nemali yesikolo nokuthatha amanyathelo ngakuye nawuphi na umsebenzi okanye ilungu lebhunga lolawulo, ukuba lithe lachaphazeleka kwizenzo zokusetyenziswa ngendlela engeyiyo kwemali yesikolo. Ukulungiselela le njongo izikolo mazigcine bonke ubungqina bengeniso nenkcitho.
7.4 NgokweSiqendu 43(5) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika isikolo masingenise (kuMlawuli we-EMDC echaphazelekayo ngenjongo yokuba ayiqwalasele) isethi yamaxwebhu engxelo-mali ephicothiweyo (audited set of financial statements) yonyaka-mali ongaphambili ngowama-30 Juni kunyaka ngamnye.
7.5 Zonke izikolo mazilandele ngqo lo mgaqo-nkqubo Preferential Procurement Policy of the Province ngokumalunga nokusetyenziswa kwesabelo-mali ngokwe-N&S ekuthengeni iincwadi ezimiselweyo kwanezinye iincwadi. Ukulungiselela le njongo, kukho izintlu ezimbini zabathengisi-zincwadi. Uluhlu lokuqala (luluhlu olukhethwa kuqala) olumele abo bathengisi kufuneka bakhethwe kuqala. Ngabo babizwa ngokuba ngabasuka kwii-Historically Disadvantaged Individuals (HDIs) kunye neSmall, Medium and Micro Enterprises (SMMEs). Izikolo mazithenge iincwadi ezimiselweyo nezinye iincwadi ngexabiso ubuncinane eliya kutsho kuma-70% esabelo seN&S kubathengisi abakolu luhlu lokuqala. Iincwadi ezimiselweyo nezinye iincwadi zingathengwa kubathengisi abakuluhlu lwesibini ngebhalansi (eyi-30% yesabelo seencwadi ezimiselweyo kunye nezinye iincwadi). Ezi zintlu zintsha zathunyelwa ezikolweni ngeesetyhula ezahlukeneyo.
7.6 Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba luxanduva lwazo ukuzama mpela ukuthetha-thethana ngezaphulelo zazo ezikhulu nabo bathengisi-zincwadi zithenga kubo.
7.7 Zonke izikolo mazingenise ifom WCED 043 kwi-EMDC echaphazelekayo zingaphelanga iintsuku ezingama-30 zokuphela kwekota nganye. Imali iya kuhlawulwa kuphela kwizikolo ezingxelo zefom WCED 043 zifunyenweyo malunga nokusetyenziswa kwemali kwiikota ezingaphambili yaye izezanelisayo. Le fom WCED 043 ekwifomathi yekhompyutha sele ifumaneka kwi-EMDC echaphazelekayo okanye ingacelwa kulo Maggie van Eeden @ mvaneeden@pgwc.gov.za

8. ISICELO SOKUFAKWA KWESIKOLO PHANTSI KWESIQENDU 21

Izicelo ezitsha zokutshintsha ukusuka ekubeni sisikolo esingekho phantsi kweSiqendu 21 zibe phantsi kweSiqendu 21 ziya kusingathwa kwileta yolwabiwo-mali yezikolo ngokwe-N&S eya kukhutshwa ngoSeptemba 2004.


9. IZIBHENO

Ukuba isikolo sinorhano lokuba kukho iimpazamo ekubalweni kwezabelo-mali ngokwe-N&S zaso okanye ukuba kukho imeko eyahluke mpela kwezinye kwisikolo eso, sinokwenza isibheno esichasa isabelo eso kuMlawuli oJongene noLawulo lweBhajethi (Director: Budget Management (Private Bag X9114), Cape Town 8000)). Izibheno ezo maziquphe zingqale ngqo emxholweni yaye zifike kweli sebe phambi kowama-31 Agasti 2004.


10. NAZII IINOMBOLO ZONXIBELELWANO ZOKWENZA IMIBUZO
ISihlokoIgamaInombolo yefoni
Iifom WCED 043 zeengxelo zekota neengxelo-mali zonyaka eziphicothiweyoISekela-mlawuli kwezoLawulo kwi-EMDCYeye-EMDC echaphazelekayo
IzibhenoMnu V Barkhuizen021 467 2177
Ukuhlelwa kwesabelo sonyaka - kwifom WCED 032Mnu C Prins021 467 2801
Ukuthengwa kweencwadi ezimiselweyo nezinye iincwadi (WCED 034) nokuthengwa kwezinto kuloo ngingqi (WCED 026). Zonke izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21Mnu AMS Josias021 900 7062
Iintlawulo ezifakwa kwii-akhawunti zebhanki zezikolo (izabelo-mali ngokwe-N&S) Mnu I Morkel021 467 2768
Ulungiso lomonakalo olungxamisekileyoMnu G Martin021 467 2137


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:08:17

isiHlomelo A  (ubukhulu: 20 KB)
isiHlomelo B  (ubukhulu: 8 KB)
isiHlomelo C  (ubukhulu: 23 KB)
Application for Article 21 Status  (ubukhulu: 8 KB)
Form WCED - WKOD 26  (ubukhulu: 10 KB)
Form WCED - WKOD 32  (ubukhulu: 11 KB)
Form WCED - WKOD 34  (ubukhulu: 8 KB)
Form WCED - WKOD 43  (ubukhulu: 33 KB)