1. Injongo

Injongo yale setyhula kukwazisa umgaqo-nkqubo nemigaqo yokwamkelwa kwabafundi kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo kwiPhondo leNtshona Koloni. Le migaqo mayilungiselele ukwamkelwa kwabafundi kwangexesha, ngendlela eyiyo nesemthethweni ukwenzela ukuba ukufundisa nokufunda kuqalise kwangosuku lokuqala lonyaka wesikolo.


2. Intshayelelo

Minyaka le iSebe leMfundo leNtshona Koloni liba nentlaninge yeengxaki ngokumalunga nokwamkelwa kwabafundi kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo. Ukwenzela ukuphelisa ezi ngxaki, kwalingwa imigaqo yokwamkelwa kwabafundi ngeSetyhula 140/2003. Loo migaqo yavavanywa kwaza emva kothetha-thethwano yajongisiswa kwakhona yaza yalungiswa apha naphaya. Le migaqo ilandelayo yiloo migaqo yalungiswayo nethatha indawo yaleyo ikwiSetyhula 140/2003.


3. Inkcazo-gama

Kulo mgaqo-nkqubo, ngaphandle kokuba umxholo ophethweyo ucacisa ngandlela yimbi, “umzali” uthetha
(a) Umzali okanye umgcini womfundi;
(b) Umntu onelungelo ngokusethethweni lokugcina umfundi; okanye
(c) Umntu ovumayo ukuthwala uxanduva lomntu okhankanywe ku-(a) no-(b) apha ngasentla, ngokumalunga nemfundo yomfundi osesikolweni.


4. Imithetho esebenzayo (Legal framework)
4.1 Ukumiselwa kwemigaqo-nkqubo nemigaqo yokwamkelwa kwabafundi kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo kwiPhondo leNtshona Koloni kulawulwa yile mithetho ilandelayo:
4.1.1 UMgaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika (uMthetho 108/1996) (Umgaqo-siseko)
4.1.2 UMgaqo-nkqubo weMfundo kaZwelonke (uMthetho 27/1996) (The National Education Policy Act (Act 27/1996) [NEPA] kunye noMgaqo-nkqubo woKwamkelwa kwaBafundi weZikolo zikaRhulumente eziQhelekileyo ongqinelana nawo (ISaziso ngokuBanzi 2432/1998) (Admission Policy for Ordinary Public Schools (General Notice 2432/1998)
4.1.3 UMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (uMthetho 27/1996) njengoko ufakelwe izilungiso (The South African Schools Act (Act 84/1996) [SASA] as amended)
4.1.4 UMthetho weMfundo weZikolo zePhondo leNtshona Koloni (uMthetho 12/97)
4.1.5 UMthetho okuKhuthaza ukuSetyenziswa koBulungisa (uMthetho 3/2000) (The Promotion of Administrative Justice Act (Act 3/2000)
4.2 NgokoMgaqo-siseko wonke umntu eMzantsi Afrika, ongummi nongengommi ngokufanayo, unelungelo lokufumana imfundo esisiseko.
4.3 Njengoko kucacisiwe kwiSiqendu 7 soMgaqo-nkqubo weMfundo kaZwelonke (NEPA), umgaqo-nkqubo wokwamkelwa kwabafundi kwisikolo sikarhulumente umiselwa libhunga lolawulo lesikolo ngokweSiqendu 5(5) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (SASA). Loo mgaqo-nkqubo mawungqinelane nayo yonke imithetho emalunga noku. Ibhunga lolawulo lesikolo sikarhulumente malenze ikopi yomgaqo-nkqubo wokwamkelwa kwabafundi liyithumele kwiNtloko yeSebe leMfundo (Head of Department). INtloko yeSebe leMfundo (emelwe zii-EMDC) mayiphonononge imigaqo-nkqubo yezikolo yokwamkelwa kwabafundi engeniswe kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni ukujonga ukufaneleka nokungqinelana kwayo nayo yonke imithetho nemigaqo-nkqubo echaphazelekayo.
4.4 NgokweSiqendu 5(7) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (SASA), ukwenziwa kolwamkelo lwabafundi kwisikolo sikarhulumente esiqhelekileyo makwenziwe ngohlobo olumiselwe yiNtloko yeSebe (Head of Department). NgokweSiqendu 16(3) ulawulo lokufundiswa kwezifundo kwisikolo sikarhulumente lwenziwa yinqununu phantsi kwegunya leNtloko yeSebe. Ngako oko ke uxanduva lokwenziwa kolwamkelo lwabafundi, njengenxalenye yolawulo lwesikolo, ngumsebenzi wenqununu yesikolo sikarhulumente.
4.5 UMthetho weMfundo weZikolo zePhondo leNtshona Koloni ukhusela imigaqo ngokusemthethweni yokwamkelwa kwabafundi kwisikolo sikarhulumente kweli phondo ngolu hlobo lulandelayo:
4.5.1 Ngamnye umfundi uya kuba nelungelo lokufumana imfundo eqhelekileyo kwesona sikolo sikarhulumente siqhelekileyo sikufuphi kuye, kangangoko oku kunokwenzeka, yaye
4.5.2 ngamnye umfundi uya kuba nelungelo lokufikelela emfundweni ngokulinganayo kwizikolo zikarhulumente.
4.6 Umgaqo-nkqubo wokwamkelwa kwabafundi kwisikolo sikarhulumente esiqhelekileyo nokwenziwa kolwamkelo lwabafundi liSebe makungabi nalucalu-calulo nomkhethe nangayiphi na indlela ngakumfundi owenza isicelo sokwamkelwa. Ngaphezulu umgaqo-nkqubo wokwamkelwa kwabafundi kwisikolo sikarhulumente mawuxhase ngakumbi iinkqubo zolawulo zeSebe leMfundo.
4.7 Umgaqo-nkqubo wokwamkelwa kwabafundi kwisikolo sikarhulumente esiqhelekileyo nokwenziwa kolwamkelo lwabafundi liSebe makungabi nalucalu-calulo nomkhethe nangayiphi na indlela ngakumfundi owenza isicelo sokwamkelwa. Ngaphezulu umgaqo-nkqubo wokwamkelwa kwabafundi kwisikolo sikarhulumente mawuxhase ngakumbi iinkqubo zolawulo zeSebe leMfundo.
4.8 Akuvumelekile ukuba ibhunga lolawulo lesikolo sikarhulumente lenze naluphi na uvavanyo olumalunga nokwamkelwa komfundi kwisikolo sikarhulumente, okanye liyalele okanye ligunyazise inqununu yesikolo okanye nabani na ongomnye ukuba enzise uvavanyo olulolu hlobo. Apho kufuneka kufakwe umfundi kwikhosi okanye kwiprogram ethile, umz. yezifundo zobugcisa, yomdaniso okanye yomculo nalapho oku kuya kuba yeyona nto ilungiselela injongo yemfundo yomfundi, umfundi unokucelwa yiNtloko yeSebe ukuba enze uvavanyo olufanelekileyo ukuncedisa ekwenzeni isigqibo ngokufakwa kwakhe apho kufanelekileyo.
4.9 Umfundi wamkelwa kwiprogram yesikolo ngokupheleleyo yaye akanakumiswa ekuyeni eziklasini (suspended from classes), akanakwalelwa ukuba angenzi izinto zenkcubeko, ezemidlalo okanye ezinye izinto zokuzonwabisa (social activities) zesikolo, akunakubanjwa iripoti yesikolo angayinikwa okanye kubanjwe incwadi yokutshintshela kwesinye isikolo okanye achanwe ngandlela yimbi ngokwenziwa ixhoba (victimised) ngezizathu zokuba umzali wakhe
(a) engenako ukuhlawula okanye engahlawulanga iifizi zesikolo ezifunwayo
(b) engangqinelani nomnqophiso (mission statement) nomgaqo wokuziphatha wabafundi besikolo, okanye
(c) alile ukungena kwimvumelwano ekuthi ngenxa yayo umzali anikezele ngelungelo lakhe (waives) lokwenza naliphi na ibango lentlawulo ngenxa yomonakalo obangelwe kukufundiswa komfundi.
4.10 Mazingaze izikolo zisebenzise inkqubo yokuba nodliwanondlebe (interviewing) nabazali kunye nabafundi njengendlela yokubahluza enocalucalulo phambi kokwamkelwa.
4.11 Ukuba saliwe isicelo sokwamkelwa kwisikolo sikarhulumente, iNtloko yeSebe (ekuya kuba yinqununu yesikolo eyenza lo msebenzi) mayibhalele umzali imnike izizathu zeso sigqibo.
4.12 Eyona nto iya kucingisiswa nzulu yiNtloko yeSebe, xa iqwalasela isicelo sokwamkelwa, iya kuba yeyiphi na kanye eyona nto ifaneleke kakhulu neyona inokwenzeka nelungileyo nokuba kokuphi na kanye okona kulungiselela umfundi bhetele kakhulu.
4.13 Ukuba umfundi akavunywanga ukwamkelwa kwisikolo sikarhulumente esiqhelekileyo, umzali unokwenza isibheno kuMphathiswa weMfundo wePhondo achase eso sigqibo.

5. Inkqubo yokwamkelwa kwabafundi ngo-2004
5.1 Isicelo sokwamkelwa komfundi kwisikolo sikarhulumente masenziwe kwiNtloko yeSebe (o.k.t. kwinqununu yesikolo ekucelwa kuso indawo) njengoko kumiselwe kulo mgaqo-nkqubo.
5.2 Ngo-Agasti 2004, iSebe leMfundo liya kuqhuba iphulo ngamandla kumajelo eendaba ukukhumbuza uluntu ngokubanzi ukuba lubhalise abantwana kwizikolo zikarhulumente ukulungiselela unyaka olandelayo lize libazise ngeemfuno zokwamkelwa. Ukongeza, ziyacelwa izikolo zikarhulumente ukuba zixhase iSebe eli ngokuthi nazo ziqhube awazo amaphulo kwangeli thuba.
5.3 Kucelwa niqaphele ukuba le mihla ilandelayo isebenza kunyaka ka-2004
5.3.1 Apho ulwamkelo lwenziwa zizikolo, ithuba lokwenza izicelo zokwamkelwa kwizikolo zikarhulumente liphela ngowe-15 Septemba.
5.3.2 Ukususela kowe-15 - 30 Septemba izikolo mazazise bonke abazali ngeleta ebhaliweyo ukuba izicelo zokwamkelwa ziphumelele okanye aziphumelelanga zize zinike isizathu xa kungavunywanga. Ileta eyazisa umzali ngokuphumelela kwesicelo mayicele umzali ukuba avakalise ukuba uyayamkela na okanye uyayala na indawo ayinikiweyo ngencwadi ebhaliweyo zingaphelanga iintsuku ezilishumi zomsebenzi. Mayicaciswe gca into yokuba ukuba umzali akaphenduli ngethuba elinikiweyo, umfundi uya kuphulukana nendawo yakhe apho esikolweni.
5.3.3 Ngowama-30 Septemba izikolo mazazise amaziko ophuhliso nolawulo lwemfundo (EMDCs) azo ngenani lezithuba ezikhoyo kwisikolo eso kwibakala ngalinye nakulwimi lokufundisa ngalunye. Le ngcaciso mayingeniswe ikwifom eqhotyoshelweyo (IsiHlomelo A).
5.3.4 Kwakhona kwangowama-30 Septemba kufuneka izikolo zizalise zize zingenise isiHlomelo B, esazisa ii-EMDC ngenani neenkcukacha zabafundi abangafumananga ndawo apho esikolweni ngethuba loko kwamkelwa. (Ingcaciso ekwiziHlomelo A no-B iya kubonisa inani lezithuba neendawo zokufunda ezikhoyo kwi-EMDC nganye kuze ngaloo ndlela kube kwiPhondo leNtshona Koloni.)
5.3.5 Ngethuba eliqalela kowoku-1 Oktobha kuye kwi-15 Novemba izikolo ezinezithuba zokufunda ziya kwamkela kwakhona izicelo. Abazali mababhalelwe isaziso, zingaphelanga iintsuku ezilishumi zomsebenzi zokufaka isicelo sobhaliso, baziswe ukuba ngaba zibe yimpumelelo na izicelo zabo okanye azibanga yimpumelelo ukwenzela ukuba bafune indawo kwesinye isikolo ukuba kukho imfuneko yoko. Apho singaphumelelanga isicelo, kufuneka ileta eyazisa umzali icacise ukuba umzali lowo makaqhagamshelane ne-EMDC ukuze kufunwe indawo kwesinye isikolo. Ngenxa yoku makunikwe idilesi yestrato ye-EMDC echaphazelekayo yaye makunikwe kuloo leta neenombolo zoqhagamshelwano.
5.3.6 Ngowe-15 Novemba isikolo esisenezithuba siyacelwa ukuba sizalise kwakhona isiHlomelo A size sisingenise kwi-EMDC echaphazelekayo.
5.3.7 Ukususela ngowe-16 Novemba amagosa e-EMDC aya kuthi, ngokusebenzisana nezikolo neekomiti zasekuhlaleni (community structures), azame ukufaka ezithubeni abafundi abangaphumelelanga ukufumana indawo okanye abangekenzi zicelo. Uxanduva luya kuba kubazali ukuba baye kwii-EMDC ukuya kufunela abantwana babo indawo yokwamkelwa ezikolweni.
5.4 Apho umzali enze isicelo esikolweni kodwa isikolo asabinako ukumamkela umfundi, loo mfundi uya kuthathwa kuqala kwesinye isikolo apho kukho isithuba yaye uya kukhethwa kuqala ngaphambi komfundi ofuna indawo okokuqala engakhange enze sicelo ngaphambili.
5.5 Apho umfundi obudala bungaphezu kobumiselweyo enza isicelo sokwamkelwa kwisikolo sikarhulumente esiqhelekileyo, kusebenza lo mgaqo-nkqubo weli Sebe, Ukwamkelwa kwabafundi ababudala bungaphezu kobumiselweyo kwizikolo zikarhulumente okwiSetyhula 0240/2003.
5.6 Ziyacelwa iinqununu zezikolo namabhunga olawulo ezikolo ukuba zilandele ngqo le migaqo zize zingenise ingcaciso echaphazelekayo kubalawuli bee-EMDC zazo ingekadluli le mihla inikiweyo. Oku kuya kugcina abalawuli besazi ngemeko eqhubekayo kwii-EMDC zabo kwaye ibenze babe nako ukulawula inkqubo yokwamkelwa kwabafundi ngempumelelo kangangoko kunokwenzeka.

6. Amaxesha asikiweyo (Time frames)
Ngo-AgastiISebe leMfundo liya kuqhuba iphulo ngamandla. Ziyacelwa izikolo zikarhulumente ukuba ziqhube awazo amaphulo kwangeli thuba.
Ungekadluli owe-15 SeptembaUmhla wokuvalwa kokwamkelwa kwezicelo zobhaliso kwizikolo zikarhulumente (ukwamkelwa okwenziwa zizikolo)
15 - 30 SeptembaIzikolo mazazise bonke abazali ngeleta ebhaliweyo ukuba izicelo zokwamkelwa ziphumelele okanye aziphumelelanga. Abazali mabatsho ukuba bayayamkela okanye abayamkeli indawo abayinikiweyo ngencwadi ebhaliweyo zingaphelanga iintsuku ezilishumi zomsebenzi.
30 SeptembaUsuku lokugqibela lokuba isikolo ngasinye sazise i-EMDC yaso (ngeziHlomelo A no-B) ngenani lezithuba kwibakala ngalinye nakulwimi lokufundisa ngalunye/ngenani neenkcukacha zabafundi abangafumananga ndawo apho esikolweni.
1 Oktobha - 15 NovembaIzikolo ezinezithuba zokufunda mazamkele izicelo kwakhona. Abazali mabaxelelwe ngencwadi ebhaliweyo zingaphelanga iintsuku ezilishumi zomsebenzi.
15 NovembaIzikolo ezisenezithuba mazizalise isiHlomelo A kwakhona zize zisingenise kwii-EMDC zazo.
Ukusulela nge-16 NovembaAmagosa e-EMDC aya kufaka ezithubeni abafundi abangaphumelelanga ukufumana indawo okanye abangekenzi zicelo .

7. Izenzo ezingemthetho
7.1 Njengoko uMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (SASA) ungaboneleli ngantlawulo yemali yobhaliso okanye idiphozithi emayikhutshwe ngabazali ngexesha lobhaliso,
7.1.1 amabhunga olawulo makangaze abize nayiphi na intlawulo yobhaliso, idiphozithi, intlawulo yokwamkelwa kwakhona (re-admission fees) okanye intlawulo yovavanyo phambi kokwamkelwa (pre-admission testing fees)
7.1.2 akukho sicelo sokwamkelwa masaliwe ngenxa yokuba umzali okanye umfundi engenako ukuhlawula imali yesikolo yonyaka okanye inxenye yayo. (Amabhunga olawulo ezikolo makabaxelele abazali ngelungelo labo lokwenza isicelo sokucela ukuxolelwa ekuhlawuleni zonke iifizi okanye inxenye yazo ngokungqinelana neSiqendu 40 soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika kunye nexesha ekufuneka lithi lingekapheli zibe sezingenisiwe izicelo ezilolu hlobo. Isikolo masibancedise abazali ngokumalunga noku).
7.1.3 Intlawulo yefizi inokufunwa kuphela emva kokuba umfundi amkelwe esikolweni.
7.2 Njengoko ezi zenzo zinyhasha ilungelo lokufumana imfundo nelichazwe kwiSiqendu 29soMgaqo-siseko nakuMgaqo-nkqubo woKwamkelwa kwaBafundi weZikolo zikaRhulumente eziQhelekileyo njengoko upapashwe ngokweNEPA, izikolo
7.2.1 azinako konke konke ukubamba iingxelo zeemviwo nezeemvavanyo, iiripoti zesikolo, iincwadi zokutshintshela kwesinye isikolo, iincwadi zokufunda, njl. njl. ukuze umzali/umfundi angazifunani
7.2.2 azinako konke konke ukubhalisa kwakhona abafundi abasafunda apho esikolweni (iSiqendu 12 - soMgaqo-nkqubo woKwamkelwa kwaBafundi weZikolo zikaRhulumente eziQhelekileyo).
7.3 Umgaqo-nkqubo usebenza njengesixhobo sokuncedisa iSebe leMfundo leNtshona Koloni ekufakeni kakuhle abafundi ezikolweni ngocwangco nasekuthinteleni umbhodamo ongakho ekuqaleni konyaka wesikolo. Amaxesha asikiweyo akwimihlathi 5 no-6 mayingasetyenziselwa ukuvalela abafundi amathuba okufumana imfundo kuso nasiphi na isikolo sikarhulumente esiqhelekileyo.

Kucelwa wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.



ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:08:03

isiHlomelo A  (ubukhulu: 7 KB)
isiHlomelo B  (ubukhulu: 5 KB)