1. Le setyhula idandalazisa okuqulathwe yiSetyhula 0241/2003, icacise ngeemfuneko zeCASS kwiiSabjekthi zikazwelonke ize kananjalo irhoxise iSihlomelo A.

2. Injongo yale setyhula kukunika ingcaciso ngeemfuneko zoHlolo oluQhubelekayo (Continuous Assessment) (CASS)) lwamaBakala 10 ukuya kwele-12 ngo-2004 no-2005.

3. UHlolo oluQhubelekayo kunye nezinto eziyimfuneko eziphathekayo zeBakala 12 ngo-2004 zisahleli zilolwaa hlobo zazilulo ngokuphathelele kwimimiselo ka-2003.

4. Le setyhula iqulathe iimfuneko zamaBakala 10 nele-11 ngo-2004 ize yazise kwaphambi kwexesha malunga neenguqu ezibhalwe kwiimfuneko zeCASS ngokuphathelele kwiBakala 12 ngo-2005 kuzo zonke izifundo ngele
4.1 kwezifundo ekuqhutywa uviwo lwazo kuzwelonke (iMathematika, iFizikhali Sayensi, iBhayoloji iZifundo zoGcino lweMali (iAkhawuntingi) nezeMbali) ekufumaneka kuzo imigaqo yohlolo oluqhubelekayo emiselwe kuzwelonke.
4.2 kwezo lwimi kwenziwe imimiselo yeCASS kuzo ngokuphathelele kwiStandardisation of Language Policy Document (funda ngokunjalo iSetyhula 0033/2002 ).

5. Iintloko zamaziko emfundo maziqaphele ukuba uhlolo luseyeyona nto ixhalabisa ngokumandla. Ubaluleko lohlolo olululo neenkqubo zohlolo mazingabi nakudelelwa, yaye kungeso sizathu kanye le nto kudingeka ukuba kukhe kuphuhliseke ulwazi olubanzi ngemiba kunye nemithetho-siseko ephambili.

6. Iintloko zamaziko emfundo maziqaphele umahluko ocace gca phakathi koHlolo lokuPhonononga iNkqubela kokuFundiweyo (Assessment for Learning) (UHlolo oLwakhayo) nalapho kuye kwanikwa khona isikhokelo kootitshala noHlolo oluShwankathela okuFundiweyo (Assessment of Learning) (UHlolo oLuShwankathelayo), kunye neemfuneko ezizodwa ekuye kwagqitywa malunga nazo ngokuphathelele kwiinjongo zonyuselo. Qaphela ukuba lonke uhlolo, nokuba lulungiselelwe iinjongo zokwakha umfundi okanye ukushwankathela oko kufundiweyo, lusetyenziselwa injongo yokunika inkxaso kumfundi okwinkqubo yemfundo kunye nenyaniso yokuba ingxelo (feedback) yeyona nto ibalulekileyo ekuqinisekiseni ukuba uhlolo luyayiphucula imfundo. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lilo elijongene nokumisela iimfuneko zoHlolo oluShwankathela okuFundiweyo. Nakubeni kunjalo, uHlolo lokuPhonononga iNkqubela kokuFundiweyo luxanduva oluyinxenye yomsebenzi aqeqeshelwe wona utitshala.

7. Ngokuphathelele kuHlolo lokuPhonononga iNkqubela kokuFundiweyo
7.1 esi sikhokelo seThutyana se-WCED seBakala 10 nele-11 (WCED Transition Guidelines for 10 and 11) sazo zonke izifundo ezihlohlwa ezikolweni kwikota yokuqala ka-2003, siqulathe isikhokelo sokufundisa iisilabhasi zeBakala 10 nele-11 kubafundi abalandela iKharityhulam 2005 kwiSigaba esiPhakamileyo seCandelo leMfundo noQeqesho Jikelele (the Senior Phase of the General Education and Training Band) kananjalo neengcebiso ezingohlolo, ngokukodwa “uhlolo oluphonononga inkqubela kokufundiweyo”.
7.2 sigxininisa ukuba ootitshala bayaqinisekisa ukuba uhlolo olululo, olufanelekileyo nolunyanisekileyo lwezifundo luyaqhubeka. Iprogram epheleleyo yohlolo ibalulekile yaye kufuneka ibonelele ngamathuba angawo ukulungiselela olo hlobo lohlolo lokuphonononga amagqwidi-gqwidi (diagnostic assessment) nomsebenzi lowo uyinxenye yokufundisa kunye nenkqubo yezemfundo. Uhlolo oluqhubelekayo lwenza ukuba utitshala abe nolwazi olwandeleyo ngeemfuno zabafundi kwanokulungelelanisa isantya nomthamo wezifundo ngokufanelekileyo - lubonelela ngolungiso logqwidizo okanye ukomeleza inkqubo (remediation or enrichment) njengoko kuyimfuneko. Ootitshala mabagcine iinkcukacha zoHlolo lokuPhonononga iNkqubela kokuFundiweyo oluye luqhubeke.
7.3 Njengomphathi kwezekharityhulam, inqununu mayiqinisekise ukuba kukho amanyathelo angawo amiselwa sisikolo esichaphazelekayo ukuxhasa nokubeka iliso kuhlolo lwemfundo nokuqinisekisa ukuba inkqubo yokufundisa kunye nokufundiweyo kuxhaswa kakuhle kuze kuqhutyelwe phambili yinkqubo yezemfundo.

8. UHlolo oluShwankathela okuFundiweyo
8.1 Iuye lwasisiphumo sothetha-thethwano nootitshala sokwenza amalinge okumisela ngokusesikweni kunye nokulawula imiba yohlolo oluqhubelekayo eyimfuneko ekuphumezeni iinjongo zonyuselo, lo gama ngaxeshanye kujongenwe nemiba yomgangatho kuloo miba eya kuthi ishicilelwe phantsi.
8.2 Iimfuneko zephondo zango-2004 (kwiBakala 10 nele-11) no-2005 (kwiBakala 10 nele-12) zinciphisa iziqendu (components) emazishicilelwe ziyokuma kwisihlanu, oko kukuthi: kwiimviwo, kwiimvavanyo (tests) nakwezinye iziqendu ezi-3. Iyonke, iphakathi kwesixhenxe neshumi imisebenzi emayenziwe kwisifundo ngasinye ukuphumeza iinjongo zonyuselo. Ezi ziqendu zichazwa ngokwesifundo ngasinye yaye ziye zachongwa kuba zinika ubuthumbu (depth) obububo (umz., “ukuqhuba umsebenzi wophando ngezixhobo zokufunda ezibonelelwe ngutitshala kubafundi” (“resource-based research assigment”)) kwaba bafundi bakweli nqanaba yaye zikwavumela ukuba kubekho iintlobo ezizizo zomsebenzi neendlela-ndlela zohlolo (assessment techniques). Le misebenzi yohlolo, ngokunjalo nohlolo lwemisebenzi yezifundo ekugqitywe ngayo ngutitshala, mayibe yinxenye yenkqubo yokufunda nokufundisa.
8.3 Ootitshala mabagcine iinkcukacha zayo yonke imisebenzi yohlolo baze baqinisekise ukuba abafundi bafumana ingxelo eyiyo nefanelekileyo emva komsebenzi ngamnye wohlolo.
8.4 ISikhokelo soHlolo oluQhubelekayo sesifundo ngasinye siza kuthunyelwa ezikolweni kungekudala. Esi sikhokelo sikhankanya iimfuneko zeCASS zeSebe leMfundo leNtshona Koloni zonyuselo, sibonelele ngeengongoma size sicebise ngeendlela-ndlela zovavanyo kwiBakala 10 nele-11 ngo-2004-2005.
8.5 Abafundi nabazali/abagcini mabaziswe kwangethuba ngemisebenzi eya kuthi isetyenziswe ekushicilelweni kohlolo olushwankathelayo (summative recording purposes), baziswe kananjalo ngokuya kube kuqulathwe yimigaqo yohlolo (assessment criteria) kunye nemihla yokungeniswa/ukuhlolwa kwale misebenzi, ukuze babe nako ukwenza izicwangciso ngethuba nangokuyimpumelelo.
8.6 Nayiphi na into eshicilelwe kwiinkcukacha zokugqibela zeCASS mayibhalwe phantsi kweenkqubo zangaphakathi zokuqinisekisa ngomgangatho onguwo (Quality assurance processes) ezinokuthi, umzekelo, ziquke ukumodareyithwa yintloko yesebe, intloko yesifundo okanye luhlolo olwenziwa ngabanye ootitshala (peer review).

9. UMgaqo-nkqubo omalunga nokuHlolwa kweZikolo unika ingqinisekiso yokuba uhlolo luqhutywa ngokukuko, isikolo ngasinye masibe nowaso umgaqo-nkqubo wokuhlola.

10. Makubekho inkxaso yokulawula nokuqhuba uhlolo
10.1 I-WCED OBE CD-ROM, eza kufumaneka kungekudala kwi-EMDC yakho, iqulathe iingxoxo ngoHlolo kwiModyuli 3 kwiziqendu ezingo “OBE in Action” nezo ze-“Managing Differentiation”.
10.2 I-“WCED Assessment Guidelines for the GET Band” ( Circular 0225/2003 ) ikwaqulathe ingxoxo ebaluleke kakhulu ize iphonononge iinkcazo ngohlolo olwakhayo (“Uhlolo lokuphonononga inkqubela kokufundiweyo”) “nohlolo olushwankathela okufundiweyo”) kwiphepha 7 nelesi-8.
10.3 Iziko lewebhu leCandelo loPhuhliso lweKharityhulam eliku http://curriculum.wcape.school.za libonelela ngenkxaso kootitshala.
10.4 Ababonelela ngeenkonzo ababhalise kwiSouth African Qualifications Authority (SAQA) banikezela ngezifundo zohlolo ezivunyiweyo. Iqela lootitshala (umz., ootitshala abasebenza phantsi kweliso lephulo leMaths, Science and Technology Strategy yaye sekukho amagosa asele ezuzile lukhulu kwezi zifundo. Izikolo ezinemali yokuziphuhlisa ngokwasemsebenzini zingakuqwalasela ukubonelela ngolo qeqesho kootitshala bazo.

11. Iintloko zamaziko emfundo ziyacelwa ukuba zizise okuqulathwe yile setyhula kwingqwalaselo yabo bonke ootitshala, abafundi nabazali/nabagcini.

12. Imibuzo ngokuphathelele kule setyhula ingabhekiswa kubalawuli nakubacebisi ngezekharityhulam abanonxibelelwano nee-EMDC.


ISAYINWE: NGU-J. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:01:19