1. Kuqhotyoshelwe apha uluhlu lweesetyhula ezikhutshwe leli Sebe leMfundo ngekota yesibini ka-2004.
2. Iisetyhula mazifakwe efayilini ngalo lonke ixesha zisasebenza ngokusemthethweni.
3. Luxanduva lwezikolo namagosa ukutshekisha mihla le i-imeyili yazo ukuze zihlale zinolwazi ngazo zonke iisetyhula kwanoko kubhalwe kuzo. Liza kutshekisha iSebe leMfundo ukuba ngaba izikolo zizifumene zaza zazivula na iisetyhula ezithunyelwe kuzo. Mazincede izikolo namagosa zenze iifolda kwiikhompyutha zazo ukwenzela ukugcina ezi setyhula. Xa kusenziwa ezi folda, makusetyenziswe la magama “WCED circulars 2004”. Ziyafumaneka iisetyhula ezakhutshwa ekuqaleni kuka-2003 kule webhu yeSebe leMfundo leNtshona Koloni.
4. Uyakhunjuzwa kwakhona ukuba ukususela kowoku-1 Apreli 2003, iisetyhula zithunyelwa ngefomathi ye-imeyili. Nakuba kunjalo, ukuba iisetyhula zinezihlomelo ezingenako ukuthunyelwa nge-imeyili, ziya kufumaneka iikopi zazo ezingamaphepha. Izikolo ezingekabinayo i-imeyili zisaza kuqhubeka zifumana iikopi zeesetyhula ezingamaphepha.
5. Nceda wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.
6. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:08:11

List of Circulars for second quarter 2004  (ubukhulu: 11 KB)