1. Kulindeleke ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni limisele umgaqo-nkqubo oya kuqinisekisa ulawulo ngendlela eyiyo lwexesha lokufundisa kwizikolo zikarhulumente. Kucelwa ukuba nifunde ezi setyhula 21/99, 52/99, 112/2000, 194/2003 nale 212/2003 ngokumalunga noku.
2. Nakuba kunjalo, ezinye izikolo zisafumana ubunzima ekubambeni nkqi nasekulandeleni ngqo imigaqo-nkqubo yeSebe leMfundo leNtshona Koloni ngokumalunga nelona nani lisezantsi leeyure zomsebenzi ngeveki ezingama-35 kunye nelona xesha lokufundisa abafundi lincinane lifunekayo. Oku kubangelwa ikakhulu ziingxaki ezifunyanwa liqela lootitshala nabafundi ekusebenziseni kwabo amalungelo enkolo yabo.
3. Eli Sebe leMfundo liyayiqonda yaye likwavakalelwa ngumba wala malungelo kwakunye, ukwenza umzekelo, nelungelo labo benkolo yamaSilamsi lokuya kukhonza kwimoskhi ngolwesiHlanu. Ngako oko ke eli Sebe lifakele isilungiso (amended) kumgaqo-nkqubo walo ukwenzela ukulungiselela ulawulo ngendlela eyiyo lwezikolo, kodwa ke livumele imeko apha naphaya, ngakumbi apho kuchaphazeleka amalungelo ezenkolo.
4. Izikolo ezinqwenela ukuvala ngo-12:45 ngolweziHlanu ukulungiselela le njongo ikhankanywe apha ngasentla kuza funeka zilibuyise ixesha eziphulukene nalo ngeveki ngokuhlenga-hlengisa ngokufanelekileyo ithayimthebhile yazo yeveki. Ngasinye isikolo esichaphazelekayo masithetha-thethane nabazali, nebhunga lolawulo lesikolo nabameli babafundi, apho kusebenzayo oku, size singenise isicelo saso, kunye nengxelo ezeleyo yesiphumo sale nkqubo ilapha ngasentla, iinkcukacha ezipheleleyo ezifunekayo ngokwamaxwebhu omgaqo-nkqubo (ngaphandle kwalawo okungqina inkolo) nethayimthebhile eyidrafti kumphathi wesekethe oya kuthi yena anike iingcebiso kuMlawuli we-EMDC yaye angenise loo thayimthebhile ihlenga-hlengisiweyo ngenjongo yokuba uMlawuli anike imvume yakhe yokugqibela.
5. Eli Sebe linqwenela ukukhuthaza onke amaqela ukuba awusingathe lo mbandela ngovakalelo olukhulu yaye enze ngokungqinelana nomoya oqulethwe nguMgaqo-nkqubo, nguMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika nanguMthetho woMgaqo-nkqubo weMfundo kaZwelonke, (uMthetho 27/1996). Ukuvumela imeko apha naphaya okukhankanyiweyo kuza kuqaliswa njengenyathelo lokwethutyana de ube lo mbandela uhlalelwe kwinqanaba leBhunga leMfundo lezoBudlelwane eMisebenzini (ELRC level).
6. Ziyacelwa iinqununu namabhunga olawulo ukuba bahambe ngqo ngokwemigaqo yaye baxelele ngokukhawuleza aBalawuli bee-EMDC ngeemfuno zezikolo zabo ngokumalunga noku.
7. Kucelwa wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:07:21