1. Mazincede iintloko zamaziko emfundo zixelele ootitshala ngokuqaliswa kokusetyenziswa kwekhweshine yodliwanondlebe eza kusetyenziswa xa ootitshala beshiya inkonzo yeSebe leMfundo leNtshona Koloni. Injongo yale khweshine kukuqinisekisa ngolawulo olululo noluyinxalenye yesiCwangciso soLawulo seSebe leMfundo leNtshona Koloni.
2. Eyona nto kujongwe kuyo ngale khweshine kukufumana ingcaciso efanelekileyo neluncedo kangangoko kunokwenzeka ngezimvo zootitshala abashiya inkonzo malunga neemeko abasebenza phantsi kwazo kunye nomoya okhoyo kweli ziko leSebe leMfundo leNtshona Koloni. Ngale ndlela kuya kuba nako ukulungiswa kwezo ndawo kuqhwalelwe kuzo/kuqiniswe kwezo kuqhutywe kakuhle kuzo kuze kuthathwe inyathelo lokuthintela imeko apho kukho imfuneko yoko. Njengoko kubaluleke kakhulu ukuthathela ingqalelo kuqala ilungelo likatitshala, ingcaciso efunyenweyo iya kuthathwa njengeyimfihlo enkulu.
3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liza kusebenzisa ifom entsha eyile, "OoTitshala abashiya iNkonzo yeSebe leMfundo leNtshona Koloni" (Educators who are leaving the service of the WCED) ekufuneka izaliswe ngutitshala oshiya inkonzo. Yakuba nje intloko yeziko lemfundo yazisiwe ngutitshala ukuba ufuna ukushiya inkonzo yeli Sebe, mayimcele loo titshala ukuba azalise le fom.
4. Intloko yeziko lemfundo mayazise kwangokunjalo umphathi wesekethe yaye makube ngumphathi wesekethe owenza udliwanondlebe notitshala lowo zingaphelanga iinyanga ezi-3 phambi komhla wokuphuma. Ukulungiselela le njongo makusetyenziswe le "Khweshine yoDliwanondlebe lokuShiya iNkonzo" (Exit Interview Questionnaire). Kwimeko yootitshala abasezi-ofisini, nguMlawuli ochaphazelekayo oya kwenza udliwanondlebe. Kolu dliwanondlebe uya kucelwa utitshala ukuba aphendule iqela lemibuzo ukwenzela ukuba lowo wenza udliwanondlebe abe nako ukubhala oko akufumeneyo.
5. Ii-fomu zombini mazingeniswe kuMlawuli weCandelo loLawulo lwaBasebenzi (abangooTitshala) apha Director: Personnel Management (Educators), Private Bag X9114, Cape Town, 8000.
6. Ngokunxulumene nabasebenzi bakarhulumente, Isebe lolawulo Lentshona Koloni libumba umqaqo womthetho ukuzalisekisa lenjongo. Lo mthetho uzakuhlolisiswa neemanyano zabasebenzi (unions) ezichaphazelekayo phambi kokuba usekelwe abasebenzi bakarhulumente abachaphazelekayo.
7. Kucelwa wazise bonke ootitshala okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: G.J. ELLIOTT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:07:21

OoTitshala abashiya iNkonzo yeSebe leMfundo leNtshona Koloni  (ubukhulu: 13 KB)
Khweshine yoDliwanondlebe lokuShiya iNkonzo  (ubukhulu: 23 KB)