1.1 |
|
Le setyhula kufuneka ifundwe kunye nala maxwebhu alandelayo:
|
1.2 |
|
Le thayimthebhile incanyathiselweyo ye-CTA yeCandelo B kaNovemba 2004 seyifumanekile ivela kwiSebe leMfundo likazwelonke. |
1.3 |
|
Kusisinyanzelo kubo bonke abafundi beBakala 9 abakuzo zonke izikolo zeli phondo ukuba bathathe inxaxheba kwii-CTA kuzo zonke iinkalo zezifundo oko bekwenza ngokwemihla namaxesha akhankanywe ngezantsi. |
1.4 |
|
Izikolo ziya kufumana ii-CTA zabafundi beBakala 9 zikazwelonke kwiinkalo zezifundo zosibhozo kwikota yesithathu ka-2004. |
1.5 |
|
Nceda uqaphele ukuba ii-CTA kufuneka ziphathwe ngokuyimfihlelo eyodwa yaye kuqinisekiswe ukuba azisayi kufumaneka kuye nawuphi na umntu ongagunyaziswanga okanye kuye nawuphi na umfundi phambi kokuba zibe nokwenziwa ngokusesikweni. |
2.1 |
|
ICandelo A le-CTA (lemisebenzi yokuzilungiselela) linokwenziwa ezikolweni ukususela ngomhla wesi-4 Oktobha ukuya kowesi-5 Novemba 2004 ukulungiselela iCandelo B. Njengoko iCandelo A lee-CTA kufuneka libe yinxalenye yenkqubo yokufunda nokufundisa yesiqhelo, isikolo kufuneka siqhubele phambili ngokusebenza ngokwemeko yesiqhelo ngalo eli thuba. |
2.2 |
|
Njengoko bekunjalo kwixesha elidlulileyo, izikolo kumele ukuba zichithe iiyure ezi-4 ukuya kwezi-5 ezabelwe i-CTA nganye kwiCandelo A. Ngokungenakuthintelwa, izikolo ziyahluka kwezinye kungoko ke amaxesha athathwa zezi nkqubo anokwahluka ukusuka kwisikolo esithile ukuya kwesinye nkqu nangaphakathi kwisikolo eso. Nangona kunjalo, ithuba leeveki ezintlanu ekufuneka iCandelo A libe seligqityiwe, linika zonke izikolo ixesha elaneleyo lokugqiba le misebenzi ngokuhambelana neemfuno kunye neemeko zazo. |
3.1 |
|
ICandelo B lee-CTA (imisebenzi eyenziwa ngabafundi ngabanye phantsi kokubekwa iliso) kufuneka lenziwe ngokwale thayimthebhile incanyathiselweyo kazwelonke (iSihlomelo A) ukususela kumhla wesi-8 Novemba ukuya kowama-22 Novemba 2004. |
3.2 |
|
Ii-CTA ziya kwenziwa zihlolwe kwinqanaba lezikolo. Iinqununu kufuneka ziqinisekise ukuba izikolo zazo zinesicwangciso sezolawulo esimiselweyo. |
3.3 |
|
Ii-CTA kufuneka zigcinwe enqabeni yaye imiqathango yezokhuseleko esetyenziswayo kwiimviwo zeSiqinisekiso seMatriki ziyasetyenziswa kananjalo apha. |
3.4 |
|
Izixhobo zokubhala zibonakalisiwe kwinkalo yesifundo nganye kwesi Sihlomelo B sincanyathiselweyo. |
4.1 |
|
Nceda uzise okubhalwe kule setyhula kwingqwalaselo yabo bonke abachaphazelekayo, kubandakanywa ootitshala, abazali nabafundi. |
4.2 |
|
Imibuzo emalunga nokuthunyelwa kwee-CTA ezikolweni ingabhekiswa kuMnu C Henderson weCandelo leeMviwo kwinombolo yefoni (021 467 2985), ize yona imibuzo ephathelele kwezekharityhulam ibhekiswe kwaba Bacebisi ngezeKharityhulam baziiNtloko kwii-EMDC:
I-EMDC | gama loMcebisi wezeKharityhulam oyiNtloko Inombolo | I yefoni |
Breede River/Overberg | Gqr Brian Wilson | 023 348 4600 |
Metropole Central | Mnu Mackie Kleinschmidt | 021 659 4300 |
Metropole East | Mnu Wayne Alexander | 021 900 7000 |
Metropole North | Mnu Geoff Figaji | 021 938 3000 |
Metropole South | Mnu Glen van Harte | 021 370 2000 |
South Cape/Karoo | Mnu Greg van Schalkwyk | 044 203 8325 |
West Coast/Winelands | Mnu Pierre Boonzaaier | 021 860 1223 |
|
ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:01:00
|