1. Esi sicwangciso samaxesha okubhala sifakwe apha soviwo luka-Oktobha 2004 lweMfundo yaBadala kwiNqanaba 4 safika sivela kwiSebe leMfundo likaZwelonke.
2. Uviwo luqala ngowesi-6 Oktobha 2004 luze luphele ngowama-26 Oktobha 2004. Nganye inkalo yesifundo iya kubhalwa ukususela ngentsimbi ye-14:00 kuye kweye-17:00. Njengoko olu vavanyo iyinkqubo eyenzeka kuzwelonke, imihla namaxesha ayafana kwilizwe lonke yaye akusayi kuvunyelwa konke konke ukutenxa kwesi sicwangciso samaxesha okubhala.
3. Ukwenzela ukusingatha imibandela yezolawulo, kubalulekile ukuba abaphathi bamaziko oluntu babe kumaziko lawo phambi kokuqala kweseshoni nasekupheleni kweseshoni yovavanyo nganye.
4. Ukuba uvavanyo lwenzelwa kumasango esikolo esiqhelekileyo, umphathi weziko lemfundo yoluntu makenze amalungiselelo kwangoko okuba kusetyenziswe igumbi elinqatyisiweyo, isakhiwo sezolawulo, amagumbi okufundisela namancedo ezindlu zangasese, ukuvulwa nokuvalwa kweziko lokubhalela yonke imihla, phambi nje kokuqala kweseshoni yovavanyo nganye.
5. Abaphathi bamaziko mabanike bonke abaviwa nootitshala isicwangciso samaxesha okubhala ukwenzela ukuba babe nako ukwenza izicwangciso zokugqibela zoviwo. Kwakhona mabakhumbuze bonke abaviwa ukuba kufuneka bavelise izazisi zabo neeleta zokuvunyelwa kwabo ukuba bahlalele iimviwo phambi kokuba kuqale iseshoni yovavanyo nganye.
6. Makancede amaziko aqinisekise ukuba abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa baqeqeshiwe yaye bayakwazi ncam ukusingatha ngempumelelo ukuqhutywa koviwo.
7. Ukubekwa esweni kokubhalwa koviwo kuya kwenziwa, njengangaphambili, ngamagosa akwii-EMDC, ngamagosa akwaNdlunkulu nangabameli baka-UMALUSI.
8. Akukho mntu makavunyelwe ukuba angene kwindawo ekubhalelwa kuyo uviwo engaqalanga aveze ikhadi lokuzazisa elimgunyazisayo.
9. Bayacelwa abaphathi bamaziko ukuba banqwenelele bonke abaviwa impumelelo kwiimviwo zabo egameni leli Sebe leMfundo.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:07:20

ISICWANGCISO SOKUGQIBELA  (ubukhulu: 18 KB)