1. Le setyhula yongeza okubhalwe kwiSetyhula 82/2002 neSetyhula 0129/2003 yomhla we-11 Julayi 2002 nowama-28 Meyi 2003, ngokulandelanayo.
2. Ukuphendula iimfuno zabantu, kuqhotyoshelwe apha imilinganiselo yeenkcazo zemisebenzi (benchmark job descriptions) eziqulunqwe ngokumalunga nabasebenzi benkonzo karhulumente abakwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezikolo ze-ELSEN:
3. Ezi nkcazo zemisebenzi zikhankanywe apha ngasentla mazibe sisiseko senkcazo yemisebenzi ethile emayenzelwe izithuba ezichaphazelekeyo zeziko ngalinye. Nakuba kunjalo, ezi nkcazo zemisebenzi mazilungiswe apha naphaya ukwenzela ukuba zifanele iimeko ezizodwa zeziko yaye, okona kubaluleke kakhulu, zenziwe ngokubonisana nabo bakwezo zithuba zomsebenzi.
4. Kucelwa uqaphele ukuba ingcaciso enikwe kwikholam “yeMigangatho” (ubunjani kunye/okanye ubungakanani bomsebenzi) kufuneka kwenziwe isigqibo ngokumalunga nayo ize izaliswe ngumphathi wecandelo nalowo ukwisithuba somsebenzi ngethuba lothetha-thethwano.
5. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linethemba lokuba olu xwebhu luya kwandisa ulwazi lweenkcazo zemisebenzi, olusisiseko seNkqubo yoLawulo lweNtsebenzo yaBasebenzi entsha (Staff Performance Management and Development System).
6. Iintloko zamaziko emfundo ezingekazingenisi izatifikethi zokungqina ukugqitywa kwazo zonke iinkcazo zemisebenzi kumaziko emfundo azo kunye/okanye ezinqwenela ukwenza izilungiso kwiinkcazo zemisebenzi ezikhoyo, mazizalise isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo zize zisithumele kwiGosa eliJongene neeNkcazo zeMisebenzi (Job Description Officer), uMnu G Fortuin, kule nombolo yefeksi (021) 467 2883 okanye kule imeyili, Gary Fortuin at gfortuin@pgwc.gov.za ungadlulanga umhla wama-31 Agasti 2004.
7. Imibuzo ingabhekiswa kwelinye lala magosa alandelayo:
Nks EG Vermeulen Ifoni 021 467 2155 
i-imeyili: Eleanor Vermeulen at evermeul@pgwc.gov.za Mnu G Fortuin Ifoni 021 467 2455
i-imeyili: Gary Fortuin by gfortuin@pgwc.gov.za Mnu E Gierdien Ifoni 021 467 2157
i-imeyili: Ebrahim Gerdien by egierdien@pgwc.gov.za
8. Kucelwa wazise bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abaphantsi kolawulo lwakho okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-G.J. ELLIOTT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:07:19


The following MS Word document(s) relate to this minute/circular.
To open the document(s) directly, click on the name below - to return to this minute/circular, close MS Word.
To save the document(s) for later viewing / printing in MS Word, click on the "Save" option below.

UMsebenzi Jikelele (General Assistant)  (MSWord - size: 90 KB)   |   Save  ("zip" - size: 17 KB)
IForimani (Foreman)  (MSWord - size: 93 KB)   |   Save  ("zip" - size: 18 KB)
UMabhalane (Administration Clerk)  (MSWord - size: 81 KB)   |   Save  ("zip" - size: 15 KB)
ISuphavayiza yaseHostele eyiNtloko (Senior Houskeeping Supervisor) (MSWord - size: 74 KB)  |  Save ("zip" - size: 15 KB)
ISuphavayiza yaseHostele (Houskeeping Supervisor)  (MSWord - size: 74 KB)   |   Save  ("zip" - size: 15 KB)
UMsebenzi waseHostele (Household Aid)  (MSWord - size: 68 KB)   |   Save  ("zip" - size: 14 KB)
isiHlomelo A  (MSWord - size: 20 KB)   |   Save  ("zip" - size: 3 KB)