1. |
Imfuneko yokujolisa ekufundiseni ukufunda
Ubukhulu bexesha lokufundisa kwiRNCS linikwa iiNkalo zeZifundo zeeLwimi, elileli, i-40% yexesha lokufunda kwisiGaba seSiseko ne-25% kwisiGaba esiPhakathi. Ukwazi ukufunda sisakhono esingundoqo (core competence) kule nkalo yesifundo yaye kukwasisakhono esingundoqo ekufundeni ngempumelelo kuzo zonke iinkalo zezifundo.
|
2. |
Usetyenziso lweendlela ezahlukeneyo zokufundisa ukufunda
Makusetyenziswe iindlela ngeendlela ekufundiseni ukufunda. Ezi ndlela zibandakanya ukufunda ngokuva izandi zamagama, ngokuwabona, ngokusetyenziswa kwawo kulwimi ngokupheleleyo kunye namava ngolwimi olo. Ukufundiswa kokufunda makuvumele iindlela ezahlukeneyo zokufunda yaye kuxhobise abafundi ngeendlela-ndlela ezahlukeneyo zokubanceda bafunde de bafikelele kumgangatho ofanelekileyo wokufumana ulwazi nolonwabo, njengoko kucacisiwe kwiRNCS.
|
3. |
This circular serves as. |
3.1 |
|
Izikolo zaseprayimari: ISiqingatha seYure yokuFunda
Makubekwe isiqingatha seyure ngosuku sibe lixesha lokufunda kuzo zonke izikolo zaseprayimari. Bonke ootitshala mababe seziklasini zabo ngeli xesha. Kungasetyenziswa iindlela zokufunda ezahlukeneyo, kodwa kugxininiswe ekufundeni komntu ngamnye. Abafundi abafumana ubunzima ekufundeni banokufumana inkxaso efanelekileyo ngeli xesha. Owona vimba uphambili ngulowo ubonelelwa yiProjekthi yeeNcwadi ezili-100+ (100+ Books Project). Kunokwenziwa amalungiselelo okufaka esi siqingatha seyure kwisicwangciso samaxesha okufundisa ngokuthi
ohlawumbi kwandiswe usuku lwesikolo (oku makwenziwe ngemvumelwano yabazali nootitshala.)
okanye kusetyenziswe ixesha elicatshulwe kwinkalo yesifundo nganye okanye kwiprogram yezifundo nganye, libalwe ngokomlinganiselo wexesha elabelwe loo nkalo yesifundo okanye loo program yezifundo kwikharityhulam.
|
3.2 |
|
Izikolo eziphakamileyo: IProgram yokuFunda
UMgaqo-nkqubo ongokuFundisa ukuFunda wamaBakala 8 no-9 ( iSetyhula 159/2002 yeSebe leMfundo leNtshona Koloni) (WCED Circular 159/2002) umisela ukuba bonke abafundi abakula manqanaba mabafunde ixesha eliyimizuzu engama-20 ngosuku. Lo mgaqo-nkqubo unika iindlela ezi-3 zokuwuphumeza, ezizezi: kubekho ixesha elisetyenziselwa ukufunda kuphela okanye kufundwe ngexesha kufundiswa kweeLwimi okanye kufundwe kuzo zonke izifundo zekharityhulam.
|
4. |
This circular serves as.
Iingcebiso ngokumalunga noku zingafumaneka kuBaququzeleli boLwazi lokuFunda nokuBhala bee-EMDC (EMDC Literacy Co-ordinators) abangaba:
Metropole Central: Mr G Davids 021 659 4423
Metropole East: Ms K Mabandla 021 900 7014
Metropole North: Ms J Caroto 021 938 3018
Metropole South: Ms J Leukes 021 370 2044
Ms S Slingers 021 374 4107
Ms M Kwinana 021 372 2770
Breede River/Overberg: Ms M Siddle 023 348 4608
South Cape/Karoo: Ms C du Plessis 044 803 8300
West Coast/Winelands: Ms J Baatjes 082 374 5759
Ms F Lawrence 082 895 5646
Mr R Cornelissen 083 642 1618
|
Ziyabongozwa iinqununu zezikolo, njengabalawuli bekharityhulam kwizikolo zazo, ukuba zixhase yaye ziqhubele phambili ngokuzinzileyo uphuhliso lolwazi lokufunda.
ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:06:30
|