1. |
Kwiinzame zokulwa ulwaphula-mthetho nobundlobongela ezikolweni zalo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni lalungisa iSikhokelo seMigaqo yokuJongana nezoKhuselo noKhuseleko ngentsebenziswano nabaphathi beesekethe, iinqununu zezikolo, ootitshala, imibutho yootitshala, iCandelo lezoBudlelwane eMisebenzini, abeeNkonzo zezoMthetho neCandelo lezoKhuseleko lweZikolo. Esi sikhokelo, nesaziswa uluntu ngowe-18 Februwari 2004, siza kusebenza njengesikhokelo kootitshala, kubafundi size sincedise ootitshala ekusingatheni ukhuselo nokhuseleko kumaziko emfundo eSebe leMfundo leNtshona Koloni. |
2. |
Esi Sikhokelo sichaza umbono, umnqophiso, indlela eza kulandelwa nesicwangciso esinxulumene nokugcinwa kokhuseleko nokusingathwa kweentlekele yaye sikwaphendula ingxaki yombandela wezixhobo kumasango esikolo kwakunye nombandela wokuseshwa nokohluthwa kwezixhobo. |
3. |
Kukwanikwe isikhokelo ngale miba ilandelayo: |
3.1 |
|
Iiprogram zokungqonge izikolo |
3.2 |
|
Iiprogram zokunika inkxaso, zokulungisa nokutshintsha izimilo |
3.3 |
|
Iiprogram ezibandakanya imibutho ngemibutho namasebe ngamasebe karhulumente |
4. |
Kunikwe ingqwalaselo ngakumbi kumba wokusekwa kweekomiti zokhuseleko nokutyunjwa kwamagosa ezokhuseleko ezikolweni. |
Kucelwa iintloko zamaziko emfundo ziqinisekise ukuba okubhalwe kwisikhokelo semigaqo kuthathelwa ingqalelo ngabo bonke ootitshala, abazali, abagcini babafundi nabafundi.
ISAYINWE: NGU- P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:07:02
|