1. IMIHLABA ENYATHELWA NGULO MGAQO-NKQUBO
1.1 Kucelwa uthathele ingqalelo iSetyhula 46/2003 yomhla wesi-6 Matshi 2003 equlethe uMgaqo-nkqubo oThintela ukuTshaya woLawulo lwePhondo leNtshona Koloni nebonelela iSebe leMfundo leNtshona Koloni ngemigaqo esisikhokelo yokuwuphumeza.
1.2 Lo mgaqo-nkqubo usebenza kubo bonke abaqeshwa abasezi-ofisini nabakumaziko emfundo eSebe leMfundo leNtshona Kolonoi.

2. INJONGO

Lo mgaqo-nkqubo ukhankanywe apha ngaphambili ujonge

2.1 ukuqinisekisa ukuthotyelwa kweSiqendu 24(a) soMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, uMthetho weMpilo noKhuseleko eMsebenzini (wowe-1993) kunye neminye imithetho echaphazelekayo.
2.2 ukuqinisekisa ukuba abo bangatshayiyo banako ukusebenza kwindawo ekungatshaywayo kuyo, lo gama kukwathathelwa ingqalelo iimfuno zabo batshayayo.
2.3 ukuqinisekisa ukuba apho kwenziwe khona isibonelelo esisodwa sokubakho kwegumbi labucala lokutshayela, ukwenziwa komsebenzi ngokwesiqhelo akuchaphazeleki kukusetyenziswa kwelo gumbi ngamaxesha angengawo okuphumla asemthethweni.
2.4 ukuqinisekisa ukuba apho kungekho gumbi labucala lifumanekayo, kumiselwa imiqathango efanelekileyo yokuqinisekisa ukuba amalungelo abo bangatshayiyo ahlala ekhuselekile.
2.5 ukuqinisekisa ukuba zonke iintloko zamaziko okanye nabaphi na abantu abakwizikhundla zolawulo baqinisekisa ukuba lo mgaqo-nkqubo uphunyezwa ngokwemigaqo yale setyhula.

3. UKUPHUNYEZWA KWALO MGAQO-NKQUBO
3.1 Uxanduva lokwenza isigqibo sokuba abasebenzi bangazishiya iindawo zabo zomsebenzi bayotshaya ngexesha leeyure zomsebenzi ngokusemthethweni ladluliselwa kwiintloko zamaziko emfundo nakubalawuli ngokwale setyhula (46/2003) ikhankanywe apha ngasentla. Kufuneka basebenzi, kungashenxwanga nje kwimigaqo emiselweyo, bavunyelwe ukuba bathathe ikhefu lokutshaya ngethuba lekhefu leti okanye lesidlo sasemini okanye, kwimeko yamaziko emfundo, ngamathuba acacisiweyo ekhefu elifutshane labafundi ukwenzela ukuthintela ukuchithwa kweeyure zomsebenzi ezisemthethweni, nto leyo inokuthi ichaphazela intsebenzo kuze ke ngoko kuchaphazeleke imigaqo yeBatho Pele.
3.2 Kodwa ke sele kuqatshelwe ukuba kwezinye iimeko abasebenzi batshaya ngamaxesha angengawo awekhefu leti okanye lesidlo sasemini. Oku kuchasene mpela nemigaqo equlethwe kule setyhula eselikhankanywe ngaphambili. UMgaqo-nkqubo oThintela ukuTshaya woLawulo lwePhondo leNtshona Koloni awulithinteli ikhefu lokutshaya. Nakuba kunjalo, uyacacisa uthi ukwenziwa kakuhle komsebenzi wolawulo wesebe neemfuno zokuphunyezwa komsebenzai owenziwa lilo, kwakunye nomgangatho wentsebenzo kunye nomsebenzi ekufuneka abasebenzi abachaphazelekayo bawenze bawugqibe, makungaze nakanye kuthotywe umgangatho ekwenzeni le misebenzi ngenxa yokunyinyiswa kwemiqathango (concessions) (khangela kumhlathi 4.5.3 walo mgaqo-nkqubo).
3.3 Ngako oko ke bayacelwa bonke abalawuli, zonke iintloko zamaziko emfundo nezinye iisuphavayiza, ukuba ziqinisekise ukuba ikhefu lokutshaya lingexesha kuphela lekhefu leti nelesidlo sasemini kwimeko yabaqeshwa abasezi-ofisini, nangexesha lekhefu elicacisiweyo labafundi kwimeko yabaqeshwa abakumaziko emfundo.
3.4 Kuphela kuxa isuphavayiza iye yanika imvume kumqeshwa yokuthatha ikhefu lokutshaya ngamaxesha angengawo awekhefu elimiselwe ngokusemthethweni apho kuya kuvumeleka ukutenxa kumgaqo ongentla. Oku, nakuba kunjalo, kuvumeleke kuphela xa umqeshwa ebengakwazanga ukuthatha ikhefu lakhe leti/lesidlo sasemini elimiselweyo ngenxa yeembophelelo zomsebenzi ezinjengeentlanganiso, njengomsebenzi okumabala ezemidlalo, njl njl.
3.5 Kucelwa niqaphele ukuba kuya kuthathwa amanyathelo ezoluleko ngakubaqeshwa abangawuthobeliyo lo mgaqo-nkqubo nangakwiisuphavayiza ezingawunyanzelisiyo.

Nceda wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:12:19