1. Zombini ii-Ofisi eziJongene naBasebenzi (Personnel Offices) zifumana qho iifom zekhefu ekubhalwe kuzo ukuba malenziwe ikhefu elingahlawulelwayo. Isizathu esidla ngokunikwa sesicelo esilolu hlobo sesokuba likhefu elingagunyaziswanga, yaye kuninzi lwezi meko kufumaniseke ukuba baqala abasebenzi bangabikho emsebenzini phambi kokuba oku kubonwe njengengxaki kuze kuthathwe inyathelo elifunekayo.
2. Kwiinzame zokufumana isisombululo sale ngxaki, kufuneka kuqala kugxininiswe le migaqo imbalwa engundoqo ilandelayo:
  • Xa uye waqatshelwa lo mkhwa wokungabikho emsebenzini, iisuphavayiza mazijongane nawo ziwulungise ngoko nangoko.

  • Makusetyenziswe umgaqo othi makuviwe omabini amacala (The audi alteram partem rule). Ngamanye amazwi, umqeshwa okanye utitshala otyholwa ngesi senzo makanikwe ithuba lokuvakalisa elakhe icala ngencwadi ebhaliweyo.

  • Ukuba uthi umqeshwa okanye utitshala angabinako ukunika isizathu esibambekayo sokungabikho emsebenzini, iisuphavayiza zingacebisa ukuba makube likhefu elingahlawulelwayo.

Ii-Ofisi eziJongene naBasebenzi nekuba zizo ekugqibeleni ezenza umsebenzi wokulivuma okanye wokungalivumi ikhefu elingahlawulelwayo ziya kusebenzisa ingqiqo yazo ekujongisiseni imeko nganye zize zikhangele konke okuyingqongileyo.

3. Ezinye iintlobo zalo mkhwa/zobu bugwenxa ezithi zenzeke qho, zezi zilandelayo:
  • Ukunyamalala e-ofisini, esikolweni okanye kwindawo yomsebenzi ngosuku lomsebenzi ngaphandle kwemvume kuqala

  • Ukungabikho emsebenzini apho kuye kubikwe ukungaphili njengesizathu, kodwa kube kungekho zincwadi zikagqirha zingqina oko

  • Usetyenziso gwenxa lweziselo ezinxilisayo okanye lweziyobisi okuqunywa ngokuthi kunikwe isizathu sokungaphili

4. Kwimeko apho umqeshwa okanye utitshala abonisa umkhwa othile wokumana esimka qho esiya kwenza imicimbi yakhe, kucelwa iisuphavayiza ukuba zibhale phantsi ixesha kwisiganeko ngasinye kusenzeka oku zize zicele loo mntu uchaphazelekayo ukuba asayine ifom yekhefu ngethuba ngalinye eliziiyure ezisi-8 zokungabikho emsebenzini ukuba ungumsebenzi karhulumente kuze kwiimeko yootitshala kube lithuba ngalinye eliziiyure ezisi-7 zokungabikho emsebenzini. Elo khefu liya kuxhuzulwa kwiintsuku zekhefu lakhe lonyaka analo.
5. Kwenzeka qho oku yaye kuya kusanda ngokwanda ukuba kungeniswe iifom zekhefu kwii-Ofisi eziJongene naBasebenzi sekukudala abaqeshwa okanye ootitshala bengezi emsebenzini. Maxa wambi ezi fom zekhefu azingeniswa konke konke de kube zii-Ofisi eziJongene naBasebenzi ezibhaqa ngandlela yimbi ukuba akakho umntu emsebenzini, njengaxa umntu ebuza amalungelo amele ukuwafumana ukuba uye wayeka ukusebenza ngenxa yokugula. Lo mkhwa awamkelekanga konke konke yaye uthathwa njengento embi kunene. Ukungeniswa kwangoko maxa onke kweefom zekhefu ngumsebenzi osemagxeni esuphavayiza nganye yaye kufuneka iqinisekise ukuba kuyenzeka oku. Kucelwa nithathele ingqalelo into yokuba ukuphicothwa kwekhefu okwenziwa qho ngonyaka kuthathwa njengento ebaluleke gqitha nephambili yi-Ofisi yoMphicothi-zincwadi Jikelele.
6. Kuyo nayiphi na imeko apho umntu angekhoyo emsebenzini ithuba elingaphezu kweentsuku ezingama-30, nokuba ngaba uthathe ikhefu lokugula okanye akanikwanga mvume yoko, mayaziswe ngoko nangoko loo Ofisi eJongene naBasebenzi ithile.
7. Ziyacelwa zonke intloko zezikolo/zamacandelo/zamaziko emfundo nabasebenzi abaziisuphavayiza ukuba bonke baqinisekise ukuba iifom zekhefu zingeniswa kuloo Ofisi eJongene naBasebenzi ithile zingadlulanga iintsuku ezisi-7.
8. Kucelwa wazise bonke abasebenzi/ootitshala abaphantsi kolawulo lwakho okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:05:31