1. Ukufunda kwenzeka ngeyona ndlela ibhetele xa kuthwaliswene ngako, kukho umdla, inkxaso nenkuthazo phakathi komzali, komfundi nootitshala besikolo kunye nokuqonda macala indima noxanduva lwesikolo ngakumntwana nangakumzali kwangokunjalo nomtwana nomzali ngakwisikolo.
2. Abazali banendima neemfanelo ezithile ngakwisikolo ekubhalise kuso abantwana babo kunye nakubantwana babo njengabafundi.
3. Injongo yesi sikhokelo siqhotyoshelweyo kukuba sisetyenziswe njengesixhobo solawulo sokukhokela iintloko zamaziko emfundo ekwaziseni abazali ngezo ndima neemfanelo zabo.
4. Esi sikhokelo sinengcaciso neengcebiso ezingafakwa ziintloko zamaziko emfundo kwibrowusha yesikolo, kwiphepha elingeendaba zesikolo (newsletter) okanye kwiprospekthasi yesikolo. Ziyakhuthazwa iintloko zamaziko emfundo ukuba zongeze kwezi ngcebiso zinikiweyo.
5. Ziyacelwa iintloko zamaziko emfundo ukuba zincede zazise okubhalwe kule setyhula nakwisikhokelo esiqhotyoshelweyo bonke ootitshala, amabhunga olawulo nabazali ngenjongo yokuba kwakhiwe intsebenziswano enenzuzo phakathi kwabazali nesikolo.


ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:05:27

Indima noxanduva lwabazali ngakwisikolo nangakumntwana wabo njengomfundi obhalisileyo  (ubukhulu: 24 KB)