1. Intshayelelo

Le setyhula mayifundwe kunye nolu xwebhu, National Policy on the Conduct of the ABET level 4 examinations, olwanikwa amaZiko eMfundo yaBadala kaRhulumente ngo-2002.  Olu xwebhu lwapapashwa kwiGazethi kaRhulumente uMqulu 445, 23590 wowe-5 Julayi 2002 (Government Gazette Volume 445, 23590 of 5 July 2002) yaye lukwafumaneka nalapha http://www.gov.za/ gazette/notices/2002/23590.pdf.

2. Ukubekwa mgangathweni mnye (Standardisation)
2.1 Ukwenzela ukuqinisekisa ukuba imfundo efunyanwe ukusuka komnye unyaka ukuya kolandelayo inokuthelekiseka, iziphumo zeemviwo zibekwa mgangathweni mnye ligunya lokuqinisekisa ngemigangatho, UMALUSI, ngokucebisana neSebe leMfundo likazwelonke namaSebe eMfundo amaPhondo.
2.2 Emva koko kumodareyithwa amanqaku e-CASS ngokungqinelana namanqaku abekwe mgangathweni mnye ngokwefomula eveliswe yiKomiti yaManqaku kaMalusi. Oku kusaza kuqhubeka njengoko inkqubo yeCASS neephothifoliyo isesekuqaleni yaye isaza kuphuculwa.
3. Iinkqubo zokwenza izibheno (Appeal procedures)
3.1 Xa kuyimeko yeCASS, abaviwa abanganelisekanga ngamanqaku abawafumeneyo omsebenzi ebebewenza bangaqala bathethe notitshala bavakalise uluvo lwabo. Xa lo mbandela ungasombululeki, bangavakalisa uluvo lwabo kumanqanaba angasentla, kuqala kumphathi weziko (centre manager), kuze emva koko, ukuba kukho imfuneko, kube kumcebisi wezekharityhulam. Yi-EMDC eya kuba noxanduva lokunika isigqibo sokugqibela xa kwenziwe isibheno.
3.2 Xa kuyimeko yoviwo, abaviwa banokufaka isicelo kwiCandelo loMllawuli weeMviwo apha Directorate Examinations, Fifth Floor, Grand Central Towers, Cape Town bacele ukuba kuphindwe kumakishwe amaphepha eempendulo zabo zingaphelanga iintsuku ezingama-30 zokukhutshwa kweziphumo.
3.2.1 Kuya kuhlawuliswa umrhumo wokuphinda kumakishwe ngenkalo yesifundo nganye.
3.2.2 Ukuba umviwa akakaneli nasemva kokumakishwa kwakhona kwamaphepha eempendulo, unokwenza isicelo esibhaliweyo zingaphelanga iintsuku ezingama-30 zokukhutshwa kweziphumo zokumakishwa kwakhona acele ukunikwa iphepha leempendulo alihlole. Emva kokuba umviwa elibonile iphepha leempendulo, uya kunikwa iintsuku ezisixhenxe zokuba azise impendulo yakhe kweli Sebe leMfundo.
4. Ukukhutshwa kwezatifikethi (Certification)
4.1 Ukukhutshwa kwezatifiketi zeenkalo zezifundo neZatifiketi zeMfundo noQeqesho ngokuBanzi (General Education and Training Certificates (GETCs)) luxanduva luka-UMALUSI.
4.2 Okwangoku i-GETC inikwa abaviwa abafumene iikhredithi ezili-120 okanye nangaphezu koko nabagqibe ubuncinane iinkalo zezifundo ezisibhozo.
4.3 Isicwangciso 1: Iinkalo zezifundo zakwa-ABET zenqanaba 4
Iinkalo zezifundo ezisisiseko (Fundamental learning areas)Language, Literacy and Communication (LLC)
Mathematical Literacy (ML)
Iinkalo zezifundo ezingundoqo (Core Learning Areas) Arts and Culture
Economic and Management Sciences
Human and Social Sciences
Life Orientation
Natural Sciences
Technology
Mathematics, Mathematical Sciences
Additional language
(UMALUSI uya kwamkela kuphela iikhredithi zolwimi olunye olongezelelweyo.)
Iinkalo zezifundo ongakhetha kuzo(Elective Learning Areas)Applied Agriculture and Agricultural Technology
Ancillary Health Care
Small, Medium and Micro enterprises
Tourism

4.4 Isicwangciso II: Iinkalo zezifundo ezihamba kunye zokufumana i-GETC
KungakhethwaIinkalo zezifundoIikhredithi(Credits)
1LLC, ML
6 core learning areas
132
2LLC, ML
5 core learning areas
1 elective learning area
126
3LLC, ML
4 core learning areas
2 elective learning area
120

4.5 Mabancede abaphathi bamaziko bagcine iirekhodi zabo bonke abafundi ababhale iimviwo zamanqanaba akwa-ABET ukususela ngoNovemba 2001 baze benze isicelo kwiCandelo loMlawuli weeMviwo (Directorate Examinations) ukuba bafumane iGETC edibanise iinkalo zezifundo xa umviwa ezanelisa iimfuno zokufumana isiqinisekiso.

Kucelwa wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.



ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:05:13

Government Gazette 23590 of 5 July, 2002: National Policy on the Conduct of the ABET Level 4 Examinations
(ubukhulu: 2 822 KB)