1. Okuqhotyoshelwe kolu xwebhu sisicwangciso samaxesha okubhala sethutyana seeMviwo zeMatriki zango-2004.
2. Kuya kuqalwa ukubhala iimviwo ngamaphepha esi-Afrikansi njengoLwimi lokuQala neeLwimi zesiNtu njengeeLwimi zokuQala ezifundiswa liSebe leMfundo leNtshona Koloni. Njengoko kulo nyaka kukho iiholide zezenkolo ezimbini ezingeli thuba lokubhalwa kweemviwo, kuye kwathathelwa ingqalelo abaviwa bamaSilamsi nabamaHindu. Ukuthintela ukuba ithuba lokubhala imviwo lingadluli kwiiveki ezi-6 ezibekelwe ukubhala iimviwo, kulo nyaka kuya kusetyenziswa neenjikalanga zoolweziHlanu.
3. Imihla ekuya kubhalwa ngayo amaphepha emibuzo amathandathu ezifundo zikazwelonke, ezizezi, Accounting HG no-SG, Biology HG no-SG, English Second (Additional) Language HG no-SG, History HG no-SG, Mathematics HG no-SG kunye ne-Physical Science HG no-SG, imiselwe liSebe leMfundo likaZwelonke (national Department of Education (DoE)) yaye ayisayi kujikwa ngaphandle kokuba kuvunyelwene nguzwelonke.
4. Izifundo eziboniswe njengezehlelo SG kwisicwangciso samaxesha okubhala esiqhotyoshelweyo zenziwa kuphela ngehlelo eliphakathi (standard grade). Izifundo ezikumntla webloko nganye zibhalwa ngethuba lakusasa zize ezo zikumzantsi webloko zibhalwe ngenjikalanga.
5. Apho kunokwenzeka, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuzama ukubonelela nabo baviwa babhala izifundo ezithile ezivavanywa liSebe leMfundo likaZwelonke (DoE (N-Subjects)) nangamanye amaqumrhu avavanya iimviwo, umz. iBhodi yeeMviwo eZimeleyo (I). Kodwa ke kuya kuqala kulungiselelwe abaviwa ababhala amaphepha eSebe leMfundo leNtshona Koloni.
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise iSebe leMfundo leNtshona Koloni ngako nakuphi na ukungqubana kwemihla kwisicwangciso samaxesha okubhala okanye izifundo ezingaba zisilele ngencwadi ebhaliweyo ethunyelwa kulo (Head: Education (For attention: Mr TJ Magwaca), Western Cape Education Department, Private Bag X9114, Cape Town, 8000 okanye ngefeksi kulo Mr TJ Magwaca ngale nombolo (021) 467 2620), phambi kwalo mhla uMvulo wama-31 Meyi 2004. Ukutshintshwa komhla wokubhala isifundo kuya kuqwalaselwa kuphela ukuba ngaba akusayi kubangela ingxaki eza kumisa kakubi uninzi lwabaviwa abachatshazelwa lutshintsho olo.
7. Iimviwo zamacandelo omsebenzi owenziwa ngezandla (practical components) zeZifundo zeKhompyutha (Computer Studies HG no-SG) zingethuba leemviwo elimiselweyo.
8. Imihla yokubhala iimviwo kwizifundo ezifundiswa ngamaziko emfundo eli Sebe leMfundo leNtshona Koloni, kodwa zibe zivavanya ngamanye amaqumrhu ovavanyo lweemviwo, iya kumiselwa kamva. Oku kungabangela imfuneko yokuhlenga-hlengiswa kwesicwangciso samaxesha okubhala.
9. Mayisoloko ikhunjulwa into yokuba esi sisicwangciso samaxesha okubhala sethutyana yaye sisenokutshintshwa. Isicwangciso samaxesha okubhala iimviwo sokugqibela (final examination timetable) siya kuthunyelwa kuwo onke amaziko emfundo ekuyeni ekupheleni kwekota yesithathu, emva kwenkqubo yokuqala yokulungiselelwa kwabangenele ukubhala iimviwo.
10. Ziyacelwa iintloko zamaziko emfundo ukuba zazise bonke abaviwa boViwo lweMatriki ukuba mabasoloko bekho kumaziko lawo de kube ngumhla wokugqibela wekota yesine, ukulungiselela ukuba xa kuye kwakho imfuneko yokuba kuhlehliswe umhla wokubhala iphepha loviwo elithile.


ISAYINWE:NGU-B.K. SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:05:04

Provisional Timetable  (ubukhulu: 12 KB)