1. ISebe leMfundo, lisebenzisana namasebe emfundo amaphondo, liza kuqhuba uvavanyo lwenkqubo yemfundo kwiBakala 6 ukususela ngowoku-1 kuye kowama 21 Septemba 2004. Olu phando, oluyinxalenye yeprogram ebanzi yovavanyo lwenkqubo yemfundo, lulandela uphando olwenziwa kwiBakala 3 ngoSeptemba 2001 nango-2002, yaye luya kulandelwa lolunye uphando kwiBakala 9 ngo-2006.
2. Eyona njongo ephambili yolu phando ngenkqubo yemfundo kukubeka esikalini umgangatho wentsebenzo (performance) nokujonga inkqubela eyenziweyo ukuzama ukufikelela kwezona njongo zenguqu zale nkqubo yemfundo ngokumalunga nokufikeleleka kwayo (access), ukwazi ukulungisa undonakele wangaphambili (redress), ukunika amathuba alinganayo kwabo bebewavinjwa ngaphambili (equity) kunye nomgangatho (quality). Lukwajonge nokumisela imeko engqonge ukufundisa nokufunda, kuqatshelwe izinto ezichaphazela inkqubela yomfundi kuze kwenziwe izigqibo ngongenelelo ngoncedo kwezemfundo olufanelekileyo.
3. Kuza kufuneka abafundi begqibe imisebenzi yokubonisa inkqubela yabo kwezi nkalo zilandelayo:
  • ULwimi, uLwazi lokuBhala nokuFunda noNxibelelwano (LLC)

  • ULwazi ngeMathematika, iMathematika neeSayensi zeMathematika (MLMMS)

  • IiSayensi zeNdalo (NS)

Iikhweshine ezingemixholo ethile ziya kuzaliswa ngabafundi, ngabazali, ngootitshala, ziinqununu nanga magosa akwii-EMDC.

4. Njengangoku kuphethwe amalungiselelo okwenza uphando yaye izikolo eziza kusetyenziswa njengesampula kolu phando ziza kwaziswa ngoJuni 2004 ngokukhethwa kwazo. Imiyalelo engokwenziwa kwemisebenzi (tasks) iya kuthunyelwa ezikolweni liCandelo eliJongene nokuQinisekisa imiGangatho (Quality Assurance Section) kwaNdlunkulu.
5. Okubhalwe kule setyhula makwaziswe bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.
6. Nayiphi na imibuzo emalunga nokubhalwe kule setyhula mayibhekiswe kulo Nks K Bydell kule nombolo yefoni 021- 467 2571 okanye ithunyelwe nge-imeyili apha: K. Bydell apha qualass@pgwc.gov.za.


ISAYINWE: NGU-R.B.SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:04:21