1. Kucelwa ukhangele kwiSetyhula 0017/2004.
2. Kude kube kutshanje belulunye kuphela uvavanyo lwangaphandle lwenkqubela yomfundi kwinqanaba leBakala 12. Kodwa ke ngo-2002 no-2003 iSebe leMfundo leNtshona Koloni lenze iimvavanyo zolwazi lokufunda nolwemathematika kubafundi beBakala 3 nabeBakala 6. Ezi mvavanyo zinike ootitshala, izikolo neli Sebe idatha ebaluleke kakhulu malunga namandla kunye neendawo eziqhwalela kuzo iiprogram zolwazi lokufunda nolwemathematika yaye zincedise ekuchanweni kwenkxaso enikwa izikolo nootitshala.
3. Iziphumo zovavanyo lweBakala 3 neBakala 6, kwakunye namanani abafundi abakreqa kwangoko esikolweni (drop out rates) kwizikolo ezizisekondari nenkxalabo yootitshala nabazali ngemigangatho yolwazi lokufunda nokubala kubafundi beBakala 8, kubangele ukuba eli Sebe lenze uphando lokuba akungebikho ndlela na yokuba kuvavanywe abafundi beBakala 8. Uphando lwethu lubonise ukuba bonke abafundi kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nakwizikolo ezizimeleyo mabavavanywe ukwenzela ukuba bona, abazali babo nootitshala babo bazi apho alele khona amandla abo kwanezo ndawo baqhwalela kuzo kulwazi lokufunda nakwimathematika. Le ngcaciso ibaluleke ngokukodwa njengoko sele kukufuphi ukuba aba bafundi bafike kuMjikelo weMfundo noQeqesho oluQhubelekeyo (Further Education and Training (FET)) yaye kulindeleke ukuba bakhethe iikhosi nezifundo zabo kuze ngenxa yoko bakhethe amakhondo emisebenzi.
4. Ngokokubona kweSebe leMfundo leNtshona Koloni kubalulekile ukuba abafundi bafumane ithuba lokwenza imisebenzi yovavanyo esetwe ngobungcali nethi ibonise amanqanaba olwazi lokufunda nolwemathematika abafundi ngokunxulumene nemigangatho yamazwe ngamazwe. Ukongeza, ezi mvavanyo kumele zinike ucalu-calulo lwamandla abafundi kwanezo ndawo baqhwalela kuzo kuvavanyo olusekelwe kwizakhono abanazo.
5. IZiko loKwenza uVavanyo kwiYunivesithi yaseNew South Wales e-Australia lenza minyaka le iimvavanyo kumazwe ali-13 kubafundi abangaphezu kwezigidi ezi-6 kumabakala ngamabakala. Ngamnye umfundi obhala ezi mvavanyo ufumana ingxelo ebanzi mpela ngeziphumo zakhe kwakunye nesatifikethi sokuthatha inxaxheba. Izikolo nazo zifumana ingxelo ebanzi ngeziphumo zabafundi.
6. Ezi vavanyo zolwimi nemathematika ziveliswe yiYunivesithi yaseNew South Wales ziya kwenziwa ngabo bonke abafundi beBakala 8 abakwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nabakwizikolo ezizimeleyo kwiPhondo leNtshona ngolwesiThathu we-19 Meyi nangolwesiBini wama-27 Julayi 2004 ngokulandelelanayo.
7. Ezi vavanyo ziya kuthunyelwa ezikolweni ngekhuriya kwiveki engaphambi kokwenziwa kwazo. Abafundi baya kunikwa amaphepha okubhala iimpendulo zabo enziwe ngendlela eyodwa.
8. Ngootitshala beeklasi amabenzise ezi mvavanyo nekumele benze kuqala amalungiselelo azo ukususela ngo-9:00 kuye ku-9:45. Iimvavanyo zona ziya kuqala ngo-9:45 kuye ku-11.00. Amaphepha eempendulo abhalwe ngokuzeleyo aya kuqokelelwa liSebe leMfundo ngaphambi kowama-21 Meyi nowama-29 Julayi 2004 ngokulandelelanayo.
9. Iziphumo zezi mvavanyo, neziya kumakishwa e-Australia, ziya kugcinwa ziyimfihlo enkulu kakhulu. Kucelwa ukuba ubaqinisekise abafundi abaza kubhala ezi mvavanyo ukuba iziphumo azisayi kunikwa namnye ngaphandle kwaba, isikolo nomfundi ngamnye ngamnye. Umndilili weziphumo zesikolo nawo uya kugcinwa uyimfihlo.
10. Ezinye iinkcukacha ngokuqhutywa kwezi mvavanyo ziza kuthunyelwa ngengcaciso emfutshane yaye niza kuzifumana kungekudala.
11. Kucelwa ukuba wazise le ngcaciso elapha ngasentla bonke ootitshala nabafundi beBakala 8 ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE:NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:04:28